UMARKO 14:51-72
UMARKO 14:51-72 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wayelandelwa yindodana ethile, ithe wambu ilinen entle emzimbeni; asuka ayibamba ke amadodana. Ithe yayilahla ilinen entle leyo, yabaleka kubo izé. Bamrholela uYesu kumbingeleli omkhulu, babuthelana kuye bonke ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nababhali. Waza uPetros wamlandela, ebekele kude, wada waya ngaphakathi entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu; waye ehleli phantsi ndawonye namadindala, esotha umlilo. Baye ke ababingeleli abakhulu, nayo intlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina ngaye uYesu bokuze bambulalise; bengabufumani. Kuba babebaninzi ababengqina ubuxoki ngaye, baye ubungqina babo bungayelelani. Basuka abathile bangqina ubuxoki ngaye, besithi, Thina samva yena esithi, Mna ndiya kuyichitha le tempile yenziweyo ngezandla, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engenziwe ngazandla. Baye bungayelelani kwangokunjalo nobabo ubungqina. Wesuka wema phakathi umbingeleli omkhulu, wambuza uYesu, esithi, Akuphenduli nento le na? bangqina ntoni na aba ngawe? Wahlala ke yena wathi tu, akaphendula nento. Wabuya umbingeleli omkhulu wambuza, wathi kuye, Unguye na uKristu,• uNyana waLowo ungowokubongwa? Uthe ke uYesu, Ndinguye; niya kumbona nokumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza namafu ezulu. Usuka ke umbingeleli omkhulu azikrazule iingubo zakhe, athi, Sisawafunelani na amangqina? Nikuvile ukunyelisa; kunjani kuni nina? Bamgweba ke bonke ukuba unetyala lokuba afe. Yaqala inxenye ukumtshicela, nokumgqubuthela ubuso, nokumntlitha, nokuthi kuye, Profeta; ayé amadindala emtywakraza. Kuthi ke, akubon' ukuba uPetros usentendelezweni ngezantsi, kuze omnye umkhonzazana wombingeleli omkhulu, ambone uPetros esotha, ondele kuye, athi, Nawe ubunaye uYesu waseNazarete. Wakhanyela ke esithi, Andiyazi, andiyiqondi kanye into oyithethayo wena. Waphuma waya phandle kwengaphambili intendelezo; yalila ke inkuku. Umkhonzazana ubuye wambona, waqala ukuthi kwabo babemi khona, Lo ngowakubo. Waphinda ke wakhanyela. Kuthe, kwakuba mzuzwana, babuya abo babemi khona, bathi kuPetros, Inyaniso, ùngowakubo; kuba ungowaseGalili, nokuthetha kwakho kuyafana nokwabo. Waqala ke ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu nimthethayo. Yalila okwesibini inkuku. Walikhumbula ke uPetros ilizwi, abelithethile uYesu kuye, lokuthi, Ingekalili inkuku kabini, uya kundikhanyela kathathu. Wathi akucinga, walila.
UMARKO 14:51-72 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu wayelandelwa yindodana ethile, ithe wambu ingubo yelinen kuphela. Yona yabanjwa, kodwa yasuka yayishiya ingubo leyo, yabaleka izé. UYesu ke bamsa kumbingeleli omkhulu, baza babuthelana khona bonke ababingeleli abaziintloko, namadoda amakhulu, nabachazi-mthetho. Ke yena uPetros walandela uYesu ebekele kude, wada waya kungena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, wahlala phantsi ndawonye nezicaka, wotha umlilo. Ke ababingeleli abaziintloko nalo lonke *iBhunga babefuna ubungqina ngoYesu, ukuze bambulale, kodwa ababufumananga, kuba nangona babebaninzi ababethetha ubuxoki ngaye, ubungqina babo babungahlangani. Basuka ke abathile bangqina ubuxoki ngaye, besithi: “Thina samva esithi: ‘Mna ndiya kuyichitha le *ndlu kaThixo yakhiwe ngabantu, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engakhiwanga ngabantu.’ ” Kanti ke nobabo ubungqina babungadibani. Waphakama ke umbingeleli omkhulu, wabuza kuYesu esithi: “Phika, watyholwa! Ithini impendulo yakho?” Kodwa yena wahlala wathi tu, akaphendula. Waphinda umbingeleli omkhulu wambuza esithi: “Unguye na *uKrestu, uNyana walowo ungowokubongwa?” Wathi ke uYesu: “Ndinguye. Nangoku niya kumbona *uNyana woLuntu, ehleli ewongeni kwaSomandla, nimbone esiza ngamafu ezulu.” Wazikrazula iingubo zakhe umbingeleli omkhulu, esithi: “Sisawafunelani na amangqina? Nikuvile ukunyelisa kwakhe. Nithini na nina?” Bamgweba ke bonke ukuba unetyala, besithi ufanele ukufa. Yaza ke inxenye yabo yamtshicela, yamgquma ubuso, yambetha, isithi kuye: “Xela; ubethwe ngubani?” Nezicaka ke zamntlitha-ntlitha. UPetros ke esezantsi eyadini yomzi, kweza kuye esinye kwizicakazana zombingeleli omkhulu. Sithi sona sakumbona uPetros esotha, samqwalasela, sathi: “Nawe ubunaye umNazarete uYesu.” Wakhanyela esithi: “Andazani konke nale nto uyithethayo!” Waphuma ke esiya ngasesangweni. Isicakazana eso siphinde sambona, saza sathi kwabo babemi khona: “Lo ngomnye wabo.” Waphinda ke wakhanyela uPetros. Kwathi, kwakuba mzuzwana, abo babemi khona baphinda bathi kuPetros: “Inene, ungomnye wabo, kuba ungowaseGalili.” Waza ke uPetros waziqalekisa efunga esithi: “Andimazi lo mntu nithetha ngaye!” Yakhala okwesibini inkuku. Walikhumbula uPetros ilizwi awayelithethe kuye uYesu, esithi: “Ingekakhali kabini inkuku, woba undikhanyele kathathu.” Woyisakala ke, walila.
UMARKO 14:51-72 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Walandelwa yindodana ethile, ithe yambu ilinen entle emzimbeni; abafana bambamba. Ithe yayilahla ilinen entle leyo, yabaleka kubo ize. Bamrholela uYesu kumbingeleli omkhulu, bahlanganisana kuye bonke ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nababhali. Waza uPetros wamlandela, ebekele kude, wada waya ngaphakathi entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu; waye ehleli phantsi ndawonye namadindala, esotha umlilo. Baye ke ababingeleli abakhulu, nayo intlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina ngaye uYesu bokuze bambulalise; akafumana nto. Kuba babebaninzi ababengqina ubuxoki ngaye, baye ubungqina babo bungayelelani. Besuka ke abathile, bengqina ubuxoki ngaye, besithi, Thina samva yena esithi, Mna ndiya kuyichitha le tempile yenziweyo ngezandla, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engenziwe ngazandla. Baye bungayelelani kwangokunjalo nobabo ubungqina. Wesuka wema phakathi umbingeleli omkhulu, wambuza uYesu, esithi, Akuphenduli nento le na? bangqina ntoni na aba ngawe? Wahlala wathi tu, akaphendula. Wabuya umbingeleli omkhulu wambuza, wathi kuye, Unguye na uKristu, uNyana waLowo ungowokubongwa? Uthe ke uYesu, Ndinguye; niya kumbona nokumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza esemafini ezulu. Usuka ke umbingeleli omkhulu azikrazule iingubo zakhe, athi, Sisawafunelani na amangqina? Nikuvile ukunyelisa; nithini na nina? Bamgweba ke bonke ukuba unetyala lokuba afe. Yaqala inxenye ukumtshicela, nokumgqubuthela ubuso, nokumntlitha, nokuthi kuye, Profeta; aza amadindala ammbetha. Kuthi, akubon’ ukuba uPetros usentendelezweni ezantsi, kweza esinye sezicakazana zombingeleli omkhulu. Ithi yakumbona uPetros esotha, yamjonga, yathi, Nawe ubunaye uYesu waseNazarete. Wakhanyela ke esithi, Andiyazi, andiyiqondi kanye into oyithethayo wena. Waphuma waya evarandeni; yalila inkuku. Waphinda umkhonzazana wambona, waqala ukuthi kwababemi khona, Lo ngowakubo. Waphinda wakhanyela. Kwakuba mzuzwana, babuya abo babemi khona bathi kuPetros, Inyaniso, ungowabo; kuba ungowaseGalili, nokuthetha kwakho kuyafana nokwabo. Waqala ke ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu nimthethayo. Yalila okwesibini inkuku. Walikhumbula ke uPetros ilizwi, abelithethile uYesu kuye, lokuthi, Ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Wathi akucinga, walila.
UMARKO 14:51-72 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku indodana etile yamlandela, ineqiya etwe tyu emzimbeni; aza ati amadodana ayibamba; kodwa yayishiya iqiya, yabaleka zé kuwo. Baza bamr̔olela u‐Yesu kumperisite omkulu: kwaye kubutana kuye bonke abaperisite abakulu, nabadala, nababa̔li. Waza u‐Petrosi wamlandela ekude, kwada kwapakati ekusini lendlu yomperisite omkulu; waye ehleli pantsi ndawonye namadindili, esota ngasemlilweni. Kekaloku abaperisite abakulu, nayo yonke intlanganiso yamapakati, bebefuna ubunqi̔na ngakuye u‐Yesu, ukuze bamfise; kanti abafumana ke. Ngokuba abaninzi bebenqi̔na ngakuye ngobuxoki, kanti ukunqi̔na kwabo bekungalungelelani. Baza besuka abatile banqi̔na ngakuye ngobuxoki, besiti: Samva tina esiti: Mna ndiya kuci̔ta letempile eyenziweyo ngezandla, ndize nditi ngentsuku zibe ntatu ndake enye ingenziwanga ngezandla. Kwaye kungalungelelani nangokunjalo ukunqi̔na kwabo. Waza wesuka umperisite omkulu wema pakati, wambuza u‐Yesu, esiti: Akupenduli nto na? banqi̔na nto nina ngakuwe aba? Kuloko wati tu, engapendulanga nto. Wabuya umperisite omkulu wambuza, wati kuye: Unguye na u‐Kristu, unyana wodumisekileyo? Wayesiti u‐Yesu: Ndinguye: naniya kubona unyana wesintu ehleli ngasekunene kwamandla, esiza nokuza namafu ezulu. Waza umperisite omkulu waṙazula ingubo zake, wati: Sisafunela nina amanqi̔na? nikuvile ukugxeka kwake; niti nina ke? Baza bonke bamgweba ngokuti unetyala lokuba afe. Baza baqala inxenye ukumtshicela, nokugubungela ubuso bake, nokumntliteka, nokuti kuye: Laula. Kanjalo amadindili amtywakaza ngezandla. Kwati kekaloku, nxa u‐Petrosi ebesekusini ngasezantsi, kweza esinye sezicakazana zomperisite omkulu; esati sakumbona u‐Petrosi esota, samkangela sati: Nawe ubuno‐Yesu um‐Nazarete. Koko wakanyelayo, esiti: Andimazi, andiqondi into oyitetayo kanjalo. Waza wapumela pandle emnyango wekusi; yalila ke inkuku. Saza isicakazana sabuya sambona, saqala ukuti kwabo babemi kufupi: Lo ungowakubo. Kodwa wabuya wakanyela. Kwaza kwati kwakuba mzuzwana, abo babemi kufupi babuya bati ku‐Petrosi: Ngenyaniso ungowakubo; ngokuba nawe ungum‐Galili, nokuteta kwako kuyafana nokwabo. Kuloko waqala ukuqalekisa nokufunga, esiti: Andimazi lomntu eniteta ngaye. Yalila inkuku ngokwesibini ke. Waza u‐Petrosi wakumbula ilizwi u‐Yesu wabelitshilo kuye ukuti: Ingekalili inkuku kabini, uya kundikanyela katatu. Wati akuligqala, walila.