uMarko 14:51-72

uMarko 14:51-72 CXB24

Walandelwa yindodana ethile, ithe yambu ilinen entle emzimbeni; abafana bambamba. Ithe yayilahla ilinen entle leyo, yabaleka kubo ize. Bamrholela uYesu kumbingeleli omkhulu, bahlanganisana kuye bonke ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nababhali. Waza uPetros wamlandela, ebekele kude, wada waya ngaphakathi entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu; waye ehleli phantsi ndawonye namadindala, esotha umlilo. Baye ke ababingeleli abakhulu, nayo intlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina ngaye uYesu bokuze bambulalise; akafumana nto. Kuba babebaninzi ababengqina ubuxoki ngaye, baye ubungqina babo bungayelelani. Besuka ke abathile, bengqina ubuxoki ngaye, besithi, Thina samva yena esithi, Mna ndiya kuyichitha le tempile yenziweyo ngezandla, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engenziwe ngazandla. Baye bungayelelani kwangokunjalo nobabo ubungqina. Wesuka wema phakathi umbingeleli omkhulu, wambuza uYesu, esithi, Akuphenduli nento le na? bangqina ntoni na aba ngawe? Wahlala wathi tu, akaphendula. Wabuya umbingeleli omkhulu wambuza, wathi kuye, Unguye na uKristu, uNyana waLowo ungowokubongwa? Uthe ke uYesu, Ndinguye; niya kumbona nokumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza esemafini ezulu. Usuka ke umbingeleli omkhulu azikrazule iingubo zakhe, athi, Sisawafunelani na amangqina? Nikuvile ukunyelisa; nithini na nina? Bamgweba ke bonke ukuba unetyala lokuba afe. Yaqala inxenye ukumtshicela, nokumgqubuthela ubuso, nokumntlitha, nokuthi kuye, Profeta; aza amadindala ammbetha. Kuthi, akubon’ ukuba uPetros usentendelezweni ezantsi, kweza esinye sezicakazana zombingeleli omkhulu. Ithi yakumbona uPetros esotha, yamjonga, yathi, Nawe ubunaye uYesu waseNazarete. Wakhanyela ke esithi, Andiyazi, andiyiqondi kanye into oyithethayo wena. Waphuma waya evarandeni; yalila inkuku. Waphinda umkhonzazana wambona, waqala ukuthi kwababemi khona, Lo ngowakubo. Waphinda wakhanyela. Kwakuba mzuzwana, babuya abo babemi khona bathi kuPetros, Inyaniso, ungowabo; kuba ungowaseGalili, nokuthetha kwakho kuyafana nokwabo. Waqala ke ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu nimthethayo. Yalila okwesibini inkuku. Walikhumbula ke uPetros ilizwi, abelithethile uYesu kuye, lokuthi, Ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Wathi akucinga, walila.