UMARKO 14:51-72

UMARKO 14:51-72 XHO96

UYesu wayelandelwa yindodana ethile, ithe wambu ingubo yelinen kuphela. Yona yabanjwa, kodwa yasuka yayishiya ingubo leyo, yabaleka izé. UYesu ke bamsa kumbingeleli omkhulu, baza babuthelana khona bonke ababingeleli abaziintloko, namadoda amakhulu, nabachazi-mthetho. Ke yena uPetros walandela uYesu ebekele kude, wada waya kungena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, wahlala phantsi ndawonye nezicaka, wotha umlilo. Ke ababingeleli abaziintloko nalo lonke *iBhunga babefuna ubungqina ngoYesu, ukuze bambulale, kodwa ababufumananga, kuba nangona babebaninzi ababethetha ubuxoki ngaye, ubungqina babo babungahlangani. Basuka ke abathile bangqina ubuxoki ngaye, besithi: “Thina samva esithi: ‘Mna ndiya kuyichitha le *ndlu kaThixo yakhiwe ngabantu, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engakhiwanga ngabantu.’ ” Kanti ke nobabo ubungqina babungadibani. Waphakama ke umbingeleli omkhulu, wabuza kuYesu esithi: “Phika, watyholwa! Ithini impendulo yakho?” Kodwa yena wahlala wathi tu, akaphendula. Waphinda umbingeleli omkhulu wambuza esithi: “Unguye na *uKrestu, uNyana walowo ungowokubongwa?” Wathi ke uYesu: “Ndinguye. Nangoku niya kumbona *uNyana woLuntu, ehleli ewongeni kwaSomandla, nimbone esiza ngamafu ezulu.” Wazikrazula iingubo zakhe umbingeleli omkhulu, esithi: “Sisawafunelani na amangqina? Nikuvile ukunyelisa kwakhe. Nithini na nina?” Bamgweba ke bonke ukuba unetyala, besithi ufanele ukufa. Yaza ke inxenye yabo yamtshicela, yamgquma ubuso, yambetha, isithi kuye: “Xela; ubethwe ngubani?” Nezicaka ke zamntlitha-ntlitha. UPetros ke esezantsi eyadini yomzi, kweza kuye esinye kwizicakazana zombingeleli omkhulu. Sithi sona sakumbona uPetros esotha, samqwalasela, sathi: “Nawe ubunaye umNazarete uYesu.” Wakhanyela esithi: “Andazani konke nale nto uyithethayo!” Waphuma ke esiya ngasesangweni. Isicakazana eso siphinde sambona, saza sathi kwabo babemi khona: “Lo ngomnye wabo.” Waphinda ke wakhanyela uPetros. Kwathi, kwakuba mzuzwana, abo babemi khona baphinda bathi kuPetros: “Inene, ungomnye wabo, kuba ungowaseGalili.” Waza ke uPetros waziqalekisa efunga esithi: “Andimazi lo mntu nithetha ngaye!” Yakhala okwesibini inkuku. Walikhumbula uPetros ilizwi awayelithethe kuye uYesu, esithi: “Ingekakhali kabini inkuku, woba undikhanyele kathathu.” Woyisakala ke, walila.