Ivangeli ka‐Maraki 14:51-72

Ivangeli ka‐Maraki 14:51-72 XHO1902A

Kekaloku indodana etile yamlandela, ineqiya etwe tyu emzimbeni; aza ati amadodana ayibamba; kodwa yayishiya iqiya, yabaleka zé kuwo. Baza bamr̔olela u‐Yesu kumperisite omkulu: kwaye kubutana kuye bonke abaperisite abakulu, nabadala, nababa̔li. Waza u‐Petrosi wamlandela ekude, kwada kwapakati ekusini lendlu yomperisite omkulu; waye ehleli pantsi ndawonye namadindili, esota ngasemlilweni. Kekaloku abaperisite abakulu, nayo yonke intlanganiso yamapakati, bebefuna ubunqi̔na ngakuye u‐Yesu, ukuze bamfise; kanti abafumana ke. Ngokuba abaninzi bebenqi̔na ngakuye ngobuxoki, kanti ukunqi̔na kwabo bekungalungelelani. Baza besuka abatile banqi̔na ngakuye ngobuxoki, besiti: Samva tina esiti: Mna ndiya kuci̔ta letempile eyenziweyo ngezandla, ndize nditi ngentsuku zibe ntatu ndake enye ingenziwanga ngezandla. Kwaye kungalungelelani nangokunjalo ukunqi̔na kwabo. Waza wesuka umperisite omkulu wema pakati, wambuza u‐Yesu, esiti: Akupenduli nto na? banqi̔na nto nina ngakuwe aba? Kuloko wati tu, engapendulanga nto. Wabuya umperisite omkulu wambuza, wati kuye: Unguye na u‐Kristu, unyana wodumisekileyo? Wayesiti u‐Yesu: Ndinguye: naniya kubona unyana wesintu ehleli ngasekunene kwamandla, esiza nokuza namafu ezulu. Waza umperisite omkulu waṙazula ingubo zake, wati: Sisafunela nina amanqi̔na? nikuvile ukugxeka kwake; niti nina ke? Baza bonke bamgweba ngokuti unetyala lokuba afe. Baza baqala inxenye ukumtshicela, nokugubungela ubuso bake, nokumntliteka, nokuti kuye: Laula. Kanjalo amadindili amtywakaza ngezandla. Kwati kekaloku, nxa u‐Petrosi ebesekusini ngasezantsi, kweza esinye sezicakazana zomperisite omkulu; esati sakumbona u‐Petrosi esota, samkangela sati: Nawe ubuno‐Yesu um‐Nazarete. Koko wakanyelayo, esiti: Andimazi, andiqondi into oyitetayo kanjalo. Waza wapumela pandle emnyango wekusi; yalila ke inkuku. Saza isicakazana sabuya sambona, saqala ukuti kwabo babemi kufupi: Lo ungowakubo. Kodwa wabuya wakanyela. Kwaza kwati kwakuba mzuzwana, abo babemi kufupi babuya bati ku‐Petrosi: Ngenyaniso ungowakubo; ngokuba nawe ungum‐Galili, nokuteta kwako kuyafana nokwabo. Kuloko waqala ukuqalekisa nokufunga, esiti: Andimazi lomntu eniteta ngaye. Yalila inkuku ngokwesibini ke. Waza u‐Petrosi wakumbula ilizwi u‐Yesu wabelitshilo kuye ukuti: Ingekalili inkuku kabini, uya kundikanyela katatu. Wati akuligqala, walila.