UMARKO 14:22-31
UMARKO 14:22-31 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bakubon’ ukuba bayadla, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela, waqhekeza, wabanika, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo. Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika; basela kuyo bonke. Wathi kubo, Ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi. Inene ndithi kuni, Andisayi kubuya ndisele esiqhameni somdiliya, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela sisitsha ebukumkanini bukaThixo. Bakuba bevume ingoma yokubonga, baphuma baya eNtabeni yemiNquma. Athi kubo uYesu, Nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubetha kumalusi, zichithwachithwe izimvu. Ke emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela, ndiye kwelaseGalili. Wathi ke uPetros kuye, Nokuba baya kukhubeka bonke, mna nakanye. Athi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, namhlanje, kwangobu busuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Kwaba kukhona wathetha wancamisa, esithi, Ndingafanelana ndimelwe kukufa nawe, andingekhe ndikukhanyele. Kwangokunjalo batsho nabo bonke.
UMARKO 14:22-31 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bakubon' ukuba bayadla, uYesu wathabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo. Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika; basela kuyo bonke. Wathi kubo, Ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi. Inene ndithi kuni, Andisayi kubuya ndisele esiqhameni somdiliya, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela sisitsha ebukumkanini bukaThixo. Bakuba bevume ingoma yokubonga, baphuma baya eNtabeni yemiNquma. Athi kubo uYesu, Nonke niya kukhubeka kum ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubetha kumalusi, zichithwachithwe izimvu. Ke emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela, ndiye kwelaseGalili. Wathi ke uPetros kuye, Nokuba baya kukhubeka bonke, mna nakanye. Athi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, namhlanje, kwangobu busuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Kwaba kukhona wathetha wancamisa, esithi, Ndingafanelana ndimelwe kukufa nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho ke bonke.
UMARKO 14:22-31 IBHAYIBHILE (XHO96)
Xa babesitya, uYesu wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika, wathi: “Thathani nitye; ngumzimba wam lo.” Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, basela kuyo bonke. Wathi ke kubo: “Ligazi lam eli elitywina umnqophiso, eliphalazwa ngenxa yabaninzi. Ndithi kuni, inene, andiyi kuphinda ndisele kwincindi yomdiliya, kude kube yiloo mini ndiyisela intsha kwikomkhulu likaThixo. ” Bakuba becule indumiso, baphuma baya eNtabeni yemiNquma. UYesu wathi kubo: “Ndiya kuba sisikhubekiso kuni nonke, kuba *iziBhalo zithi: ‘Ndiya kubulala umalusi, zichithakale iigusha!’ Xa ke ndithe ndavuswa ekufeni, ndiya kunandulela ukuya kwelaseGalili.” Wathi ke uPetros kuye: “Nokuba baya kukhubeka bonke, mna andingekhe!” UYesu wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, namhlanje, kwangobu busuku, ingekakhali kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu.” Kodwa yena waqokela wathi: “Noba kungade kufuneke ndife kunye nawe, andingekhe ndikukhanyele!” Batsho ke bonke.
UMARKO 14:22-31 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bakubon’ ukuba bayadla, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela, waqhekeza, wabanika, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo. Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika; basela kuyo bonke. Wathi kubo, Ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi. Inene ndithi kuni, Andisayi kubuya ndisele esiqhameni somdiliya, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela sisitsha ebukumkanini bukaThixo. Bakuba bevume ingoma yokubonga, baphuma baya eNtabeni yemiNquma. Athi kubo uYesu, Nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubetha kumalusi, zichithwachithwe izimvu. Ke emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela, ndiye kwelaseGalili. Wathi ke uPetros kuye, Nokuba baya kukhubeka bonke, mna nakanye. Athi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, namhlanje, kwangobu busuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Kwaba kukhona wathetha wancamisa, esithi, Ndingafanelana ndimelwe kukufa nawe, andingekhe ndikukhanyele. Kwangokunjalo batsho nabo bonke.
UMARKO 14:22-31 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku nxa bebesitya, watabata u‐Yesu isonka, wabulela, waqezula, wabanika, wati: Tabatani, nitye; esi singumzimba wam. Kanjalo watabata indebe, wabulela, wabanika: baza basela kuyo bonke. Wayesiti kubo: Le iligazi lam, elocebano olutsha, elipalazelwa abaninzi. Ngokwenene nditi kuni: Andisayi kuba sasela kwisiqa̔mo somti weveyine, kude kube yimini leyo, okuya ndisiselayo sisitsha ebukumkanini BUKATIXO. Baza bati, bakuba bevumile iculo, bapuma baya entabeni yeminquma. Wayesiti kubo u‐Yesu: Nina nonke niya kuxakaniswa ngam ngobubusuku; ngokuba kuba̔liwe ngokuti: Ndiya kubeta umalusi, zaziya kuci̔twa igusha. Koko emveni kwokuvuka kwam, ndiya kunandulela ukuya e‐Galili. Waza u‐Petrosi wati kuye: Nokuba bonke baya kuxakaniswa, andiyi kuxakaniswa mna noko. Wayesiti u‐Yesu kuye: Ngokwenene nditi kuwe: Namhla nje, kwa ngobubusuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikanyela katatu. Kodwa waqinisa ngakumbi ukuti: Nakuba kundifanele ukuba ndife ndawonye nawe, andisayi kukukanyela. Batsho nabo bonke kwa ngokunjalo.