Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMARKO 14:22-31

UMARKO 14:22-31 XHO96

Xa babesitya, uYesu wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika, wathi: “Thathani nitye; ngumzimba wam lo.” Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, basela kuyo bonke. Wathi ke kubo: “Ligazi lam eli elitywina umnqophiso, eliphalazwa ngenxa yabaninzi. Ndithi kuni, inene, andiyi kuphinda ndisele kwincindi yomdiliya, kude kube yiloo mini ndiyisela intsha kwikomkhulu likaThixo. ” Bakuba becule indumiso, baphuma baya eNtabeni yemiNquma. UYesu wathi kubo: “Ndiya kuba sisikhubekiso kuni nonke, kuba *iziBhalo zithi: ‘Ndiya kubulala umalusi, zichithakale iigusha!’ Xa ke ndithe ndavuswa ekufeni, ndiya kunandulela ukuya kwelaseGalili.” Wathi ke uPetros kuye: “Nokuba baya kukhubeka bonke, mna andingekhe!” UYesu wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, namhlanje, kwangobu busuku, ingekakhali kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu.” Kodwa yena waqokela wathi: “Noba kungade kufuneke ndife kunye nawe, andingekhe ndikukhanyele!” Batsho ke bonke.