Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uMarko 14:22-31

uMarko 14:22-31 CXB24

Bakubon’ ukuba bayadla, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela, waqhekeza, wabanika, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo. Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika; basela kuyo bonke. Wathi kubo, Ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi. Inene ndithi kuni, Andisayi kubuya ndisele esiqhameni somdiliya, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela sisitsha ebukumkanini bukaThixo. Bakuba bevume ingoma yokubonga, baphuma baya eNtabeni yemiNquma. Athi kubo uYesu, Nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubetha kumalusi, zichithwachithwe izimvu. Ke emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela, ndiye kwelaseGalili. Wathi ke uPetros kuye, Nokuba baya kukhubeka bonke, mna nakanye. Athi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, namhlanje, kwangobu busuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Kwaba kukhona wathetha wancamisa, esithi, Ndingafanelana ndimelwe kukufa nawe, andingekhe ndikukhanyele. Kwangokunjalo batsho nabo bonke.