Kekaloku nxa bebesitya, watabata u‐Yesu isonka, wabulela, waqezula, wabanika, wati: Tabatani, nitye; esi singumzimba wam. Kanjalo watabata indebe, wabulela, wabanika: baza basela kuyo bonke. Wayesiti kubo: Le iligazi lam, elocebano olutsha, elipalazelwa abaninzi. Ngokwenene nditi kuni: Andisayi kuba sasela kwisiqa̔mo somti weveyine, kude kube yimini leyo, okuya ndisiselayo sisitsha ebukumkanini BUKATIXO. Baza bati, bakuba bevumile iculo, bapuma baya entabeni yeminquma. Wayesiti kubo u‐Yesu: Nina nonke niya kuxakaniswa ngam ngobubusuku; ngokuba kuba̔liwe ngokuti: Ndiya kubeta umalusi, zaziya kuci̔twa igusha. Koko emveni kwokuvuka kwam, ndiya kunandulela ukuya e‐Galili. Waza u‐Petrosi wati kuye: Nokuba bonke baya kuxakaniswa, andiyi kuxakaniswa mna noko. Wayesiti u‐Yesu kuye: Ngokwenene nditi kuwe: Namhla nje, kwa ngobubusuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikanyela katatu. Kodwa waqinisa ngakumbi ukuti: Nakuba kundifanele ukuba ndife ndawonye nawe, andisayi kukukanyela. Batsho nabo bonke kwa ngokunjalo.
Funda Ivangeli ka‐Maraki 14
Share
Compare All Versions: Ivangeli ka‐Maraki 14:22-31
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos