UMARKO 13:14-37
UMARKO 13:14-37 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, xa nithe nalibona isikizi lesiphanziso,• ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi apho lingamele kuba khona (olesayo makaqiqe), mabathi ngelo xa abo bakwaYuda basabele ezintabeni. Ophezu kwendlu ke makangehli aye endlwini, angangeni aye kuthabatha into endlwini yakhe. Nalowo usentsimini makangabuyeli emva, aye kuthabatha ingubo yakhe. Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla! Thandazani ke, ukuze intsabo yenu ingabi khona ebusika. Kuba yona loo mihla iya kuba yimbandezelo, engazanga ibekho enjalo kwasekuqalekeni kwendalo awayidalayo uThixo, kwada kwakalokunje; engasayi kubuya ibekho. Kanjalo ukuba iNkosi ibingayinqamlelanga loo mihla, bekungayi kubakho mntu usindayo; koko ithe ngenxa yabanyulwa ebanyulileyo, yayinqamlela imihla leyo. Ngelo xa ke, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukukholwa nguye; kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso nemimangaliso yokulahlekisa nabanyuliweyo, ukuba bekunokwenzeka. Lumkani ke nina; yabonani, ndinixelele izinto zonke ngenxa engaphambili. Ngaloo mihla, emveni kwayo loo mbandezelo, liya kusuka ilanga lenziwe mnyama, ithi nenyanga ingabukhuphi ubumhlophe bayo; zithi neenkwenkwezi zezulu zivuthuluke; athi namandla asemazulwini azanyazanyiswe. Baya kumbona ke ngelo xesha uNyana woMntu esiza esemafini, enamandla amakhulu nobuqaqawuli. Uya kuzithuma ngelo xesha izithunywa zakhe, abahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omané omoya, kuthabathela esiphelweni sehlabathi kuse esiphelweni sezulu. Wufundeni ke kuwo umkhiwane umzekeliso; xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo. Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona ezo zinto zisihla, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango. Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho. Liya kudlula izulu nehlabathi, ke wona amazwi am akasayi kudlula. Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, àzazi nezithunywa ezisemazulwini, akazi noNyana lo, kuphela nguYise. Lumkani, musani ukulala, thandazani. Kuba anilazi ukuba linini na ixesha elo; njengokuba wathi umntu ehambela kwelinye, eshiya indlu yakhe, wabanika igunya abakhonzi bakhe, elowo wamnika umsebenzi wakhe, waza umgcini-mnyango wamwisela umthetho ukuba alinde. Lindani ngoko, ngokuba ningàkwazi ukuba kunini na ukuza komninindlu: kuko ngokuhlwa, kuko phakathi kobusuku, kuko ekulileni kweenkuku, kuko kusasa; hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele. Oko ndikutsho kuni, ndikutsho kubo bonke, Lindani.
UMARKO 13:14-37 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Ke kaloku, xa nithe nalibona ‘isikizi elimanyumnyezi, mhla ngophanziso,’ lilapho lingamelwe kukuba khona (ofundayo makaqiqe), mabathi ngelo xesha abakwelakwaJuda babalekele ezintabeni. Ophezu kwendlu ke makangehli ukuya kuthatha nto endlwini yakhe. Nalowo usentsimini makangabi sayiphuthuma ingubo yakhe. Hayi ke kwabanzima nabadlezana ngaloo mihla! Thandazelani ukuba oku kungenzeki ebusika, kuba ngaloo mihla kuya kubakho imbandezelo engazange ibekho ukususela ekudalweni kwendalo nguThixo, kude kube ngoku, kwaye ingasayi kuphinda ibekho enjalo. Ke ukuba iNkosi ibingayinciphisanga loo mihla, bekungayi kubakho bani usindayo; kodwa iNkosi ithe, ngenxa yabanyulwa abachongwe yiyo, yayinciphisa imihla leyo. “Ngelo xesha ke, ukuba ubani uthe kuni: ‘Nanku apha *uKrestu;’ nokuba uthe: ‘Nankuya phaya;’ musani ukukholwa kuloo nto; kuba kuya kuvela abathi banguKrestu bengenguye, kuvele *nabashumayeli abangengabo, benze imiqondiso nemimangaliso kangangokuba bade balahlekise nabanyulwa bakaThixo, ukuba oko bekunokwenzeka. Lumkani ke nina! Kaloku ndinixelele ezi zinto zingekenzeki.” “Ngaloo mihla, emva kwayo loo mbandezelo, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ingakhanyi, zithi neenkwenkwezi zivuthuluke ezulwini, nako konke okunamandla esibhakabhakeni kudunga-dungeke. Baya kumbona ke ngelo xesha *uNyana woLuntu esiza esemafini, enamandla amakhulu nobuqaqawuli. Ngelo xesha uya kuthuma izithunywa zezulu zibahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, bevela kumacala omane omhlaba, kususela esiphelweni sehlabathi kuse esiphelweni sezulu.” “Fundani kuwo umkhiwane ongumzekelo kuni. Xa sewuthe wathamba amasebe, wahluma amagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufuphi. Ngokukwanjalo ke, xa nithe nazibona ezo zinto zisenzeka, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango. Ndithi kuni, inene, esi sizukulwana asiyi kudlula, zingadanga zenzeke zonke ezi zinto. Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.” “Ke akukho bani uwaziyo loo mhla nelo xesha. Nezithunywa ezisezulwini azazi, engazi naye uNyana lo. Kuphela nguYise owaziyo. Lumkani ke ningozeli, kuba anazi ukuba lofika nini na ixesha elo. Kufana nomntu ohambeleyo eshiya indlu yakhe, aze azinike igunya izicaka zakhe, enika umsebenzi isicaka ngasinye, amyalele umgcinisango ukuba alinde. Lindani ke, kuba ningâzi ukuba wofika nini na umninindlu. Kaloku angafika nanini na: nokuba kungolwemivundla, nokuba kusezinzulwini zobusuku, nokuba kungeenkuku zokuqala, nokuba kuxa kumpondo zankomo. Lindani ke, hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele. Ke oko ndikuthethayo kuni, ndikutsho kubo bonke: Lindani!”
UMARKO 13:14-37 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, xa nithe nalibona isikizi lesiphanziso, ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi apho lingamele ukuba likhona (umfundi makaqiqe), ngelo xesha mabathi abo bakwelakwaYuda basabele ezintabeni; Ophezu kwendlu ke makangehli aye endlwini, angangeni aye kuthabatha into endlwini yakhe; Nalowo usentsimini makangabuyeli emva, aye kuthabatha ingubo yakhe. Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla! Thandazani ke, ukuba intsabo yenu ingabi sebusika. Kuba yona loo mihla iya kuba yimbandezelo, engazanga ibekho enjalo kwasekuqalekeni kwendalo awayidalayo uThixo, kwada kwakalokunje; Kanjalo ukuba iNkosi ibingayinqamlelanga loo mihla, bekungayi kubakho mntu usindayo; koko ithe ngenxa yabanyulwa ebanyulileyo, yayinqamlela imihla leyo. Ngelo xa ke, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu; nanko ekho; musani ukukholwa nguye; Kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso nemimangaliso yokulahlekisa nabanyuliweyo, ukuba bekunokwenzeka. Lumkani ke nina; yabonani, ndinixelele izinto zonke ngenxa engaphambili. Ngaloo mihla, emva kwaloo mbandezelo, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ingabi mhlophe ukukhanya kwayo; Iinkwenkwezi zezulu ziya kuwa, athi namandla asezulwini azanyazanyiswe. Baya kumbona ke ngelo xesha uNyana woMntu esiza esemafini, enamandla amakhulu nobuqaqawuli. Uya kuzithuma ngelo xesha izithunywa zakhe, abahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathele esiphelweni somhlaba, kuse esiphelweni sezulu. Fundani kuwo umkhiwane umzekeliso; xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo. Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona ezo zinto zisihla, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango. Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho. Liya kudlula izulu nehlabathi, kodwa amazwi am akayi kudlula. Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi nezithunywa ezisemazulwini, akazi noNyana lo, kuphela nguYise. Lumkani, hlalani nilindile, nithandaze; ngokuba anilazi ukuba linini na ixesha elo; njengokuba wathi umntu ehambela kwelinye, eshiya indlu yakhe, wabanika igunya abakhonzi bakhe, elowo wamnika umsebenzi wakhe, waza umgcini-mnyango wamwisela umthetho ukuba alinde. Phaphani ngoko, ngokuba ningakwazi ukuba kunini na ukuza komninindlu: kuko ngokuhlwa, kuko phakathi kobusuku, kuko ekulileni kweenkuku, kuko kusasa; hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele. Oko ndikutsho kuni, ndikutsho kubo bonke, Lindani.
UMARKO 13:14-37 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku xeshekweni niyibonayo into ezondekileyo yokuci̔takalisa, ekwatetwa ngayo ngu‐Danyeli umprofite, imi apo ingafaneli ukuma kona; (oleseshayo makaqonde;) mabati oko abo base‐Judeya basabele ezintabeni: nalowo upezu kwentungo yendlu makangehli ukuya pakati endlwini; kanjako makangangeni ukuya kususa into endlwini yake; nalowo osentsimini makangabuyeli emva ukuya kususa ingubo yake. Hai kodwa ubunzima babo abamitiyo nabanyisayo kuleyomihla! Tandazani ke ukuba mayingabiko intsabo yenu ebusika: ngokuba imihla leyo iya kuba yimbandezelo, ekungabangako enjalo kwa sekuqaleni kwokudalwa akudalileyo UTIXO kwada kwakaloku, nekungayi kuza kubeko enjalo. Kanjako ukuba INKOSI ibingayincipisanga lomihla, bekungayi kusindiswa namnye umntu; kodwa ngenxa yabaqashwa ibaqashileyo, iyincipisile lomihla. Zeniti ke oko, ukuba umntu utsho kuni ukuti: Nanku apa u‐Kristu; umhlaumbi ukuti: Nanku paya; ningakolwa ke. Ngokuba kuya kuvuka okristu ababuxoki, nabaprofite ababuxoki, babeya kubonakalisa imiqondiso nemimangaliso, ukunga bangati, ukuba kungenzeka, balahlekise kwa nabaqashwa. Kodwa lumkani nina: bona ke, ndinixelele ngapambili konke. Koko kuleyo imihla, emveni kwembandezelo leyo, ilanga liya kwenziwa mnyama, nenyanga ayiyi kunika ukukanya kwayo, nenkwenkwezi zezulu ziya kuwa kulo, namandla asezulwini aya kuzanyazanyiswa: kwandul’ ukubonwa unyana wesintu esiza emafini, enamandla amakulu nobungcwalisa. Waeya kwandula atume ingelosi zake, abutele ndawonye abaqashwa bake bevela emimoyeni yomine, kwa sencameni yomhlaba kude kube sencameni yezulu. Kanifunde umzekeliso ngomkiwane: Xeshekweni isebe lawo lise litambile, lipuma amagqabi, niyazi ukuba likufupi ihlobo: kwa njalo nani, xeshekweni nibona ezizinto zisihla, yazini ukuba kukufupi oko ngasemnyango. Ngokwenene nditi kuni: Asiyi kuza sidlule isizukulwana esi, zide zonke ezizinto zibe zenzekile. Kwodlula izulu nomhlaba; kodwa amazwi am akayi kuza adlule. Kodwa akuko mntu owaziyo ngayo leyomini neyure; azazi ingelosi ezisezulwini, kwa NONYANA; NGUBAWO owaziyo kupela. Lumkani, papamani nitandaze; ngokuba ningalazi ixesha ukuba liba ninina. Ngokuba unyana wesintu enjengomntu ohambele kwelinye ilizwe, owashiya indlu yake, wazinika izicaka zake igunya, nezinye ngezinye umsebenzi wazo, wayalela umgcinimnyango ukuba alinde. Lindani ke ngoko; ngokuba ningazi ukuba umninindlu uyeza ninina, nokuba kungokuhlwa na, nokuba kupakati kwobusuku na, nokuba kusekulileni kwenkuku na, nokuba kungokusa na; hleze ati, esiza ngokwalama, anifumane nilele. Kanjalo oko ndikutshoyo kuni, ndikutsho kubo bonke: Lindani.