Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Maraki 13:14-37

Ivangeli ka‐Maraki 13:14-37 XHO1902A

Kekaloku xeshekweni niyibonayo into ezondekileyo yokuci̔takalisa, ekwatetwa ngayo ngu‐Danyeli umprofite, imi apo ingafaneli ukuma kona; (oleseshayo makaqonde;) mabati oko abo base‐Judeya basabele ezintabeni: nalowo upezu kwentungo yendlu makangehli ukuya pakati endlwini; kanjako makangangeni ukuya kususa into endlwini yake; nalowo osentsimini makangabuyeli emva ukuya kususa ingubo yake. Hai kodwa ubunzima babo abamitiyo nabanyisayo kuleyomihla! Tandazani ke ukuba mayingabiko intsabo yenu ebusika: ngokuba imihla leyo iya kuba yimbandezelo, ekungabangako enjalo kwa sekuqaleni kwokudalwa akudalileyo UTIXO kwada kwakaloku, nekungayi kuza kubeko enjalo. Kanjako ukuba INKOSI ibingayincipisanga lomihla, bekungayi kusindiswa namnye umntu; kodwa ngenxa yabaqashwa ibaqashileyo, iyincipisile lomihla. Zeniti ke oko, ukuba umntu utsho kuni ukuti: Nanku apa u‐Kristu; umhlaumbi ukuti: Nanku paya; ningakolwa ke. Ngokuba kuya kuvuka okristu ababuxoki, nabaprofite ababuxoki, babeya kubonakalisa imiqondiso nemimangaliso, ukunga bangati, ukuba kungenzeka, balahlekise kwa nabaqashwa. Kodwa lumkani nina: bona ke, ndinixelele ngapambili konke. Koko kuleyo imihla, emveni kwembandezelo leyo, ilanga liya kwenziwa mnyama, nenyanga ayiyi kunika ukukanya kwayo, nenkwenkwezi zezulu ziya kuwa kulo, namandla asezulwini aya kuzanyazanyiswa: kwandul’ ukubonwa unyana wesintu esiza emafini, enamandla amakulu nobungcwalisa. Waeya kwandula atume ingelosi zake, abutele ndawonye abaqashwa bake bevela emimoyeni yomine, kwa sencameni yomhlaba kude kube sencameni yezulu. Kanifunde umzekeliso ngomkiwane: Xeshekweni isebe lawo lise litambile, lipuma amagqabi, niyazi ukuba likufupi ihlobo: kwa njalo nani, xeshekweni nibona ezizinto zisihla, yazini ukuba kukufupi oko ngasemnyango. Ngokwenene nditi kuni: Asiyi kuza sidlule isizukulwana esi, zide zonke ezizinto zibe zenzekile. Kwodlula izulu nomhlaba; kodwa amazwi am akayi kuza adlule. Kodwa akuko mntu owaziyo ngayo leyomini neyure; azazi ingelosi ezisezulwini, kwa NONYANA; NGUBAWO owaziyo kupela. Lumkani, papamani nitandaze; ngokuba ningalazi ixesha ukuba liba ninina. Ngokuba unyana wesintu enjengomntu ohambele kwelinye ilizwe, owashiya indlu yake, wazinika izicaka zake igunya, nezinye ngezinye umsebenzi wazo, wayalela umgcinimnyango ukuba alinde. Lindani ke ngoko; ngokuba ningazi ukuba umninindlu uyeza ninina, nokuba kungokuhlwa na, nokuba kupakati kwobusuku na, nokuba kusekulileni kwenkuku na, nokuba kungokusa na; hleze ati, esiza ngokwalama, anifumane nilele. Kanjalo oko ndikutshoyo kuni, ndikutsho kubo bonke: Lindani.