Ke kaloku, xa nithe nalibona isikizi lesiphanziso, ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi apho lingamele ukuba likhona (umfundi makaqiqe), ngelo xesha mabathi abo bakwelakwaYuda basabele ezintabeni; Ophezu kwendlu ke makangehli aye endlwini, angangeni aye kuthabatha into endlwini yakhe; Nalowo usentsimini makangabuyeli emva, aye kuthabatha ingubo yakhe. Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla! Thandazani ke, ukuba intsabo yenu ingabi sebusika. Kuba yona loo mihla iya kuba yimbandezelo, engazanga ibekho enjalo kwasekuqalekeni kwendalo awayidalayo uThixo, kwada kwakalokunje; Kanjalo ukuba iNkosi ibingayinqamlelanga loo mihla, bekungayi kubakho mntu usindayo; koko ithe ngenxa yabanyulwa ebanyulileyo, yayinqamlela imihla leyo. Ngelo xa ke, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu; nanko ekho; musani ukukholwa nguye; Kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso nemimangaliso yokulahlekisa nabanyuliweyo, ukuba bekunokwenzeka. Lumkani ke nina; yabonani, ndinixelele izinto zonke ngenxa engaphambili. Ngaloo mihla, emva kwaloo mbandezelo, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ingabi mhlophe ukukhanya kwayo; Iinkwenkwezi zezulu ziya kuwa, athi namandla asezulwini azanyazanyiswe. Baya kumbona ke ngelo xesha uNyana woMntu esiza esemafini, enamandla amakhulu nobuqaqawuli. Uya kuzithuma ngelo xesha izithunywa zakhe, abahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathele esiphelweni somhlaba, kuse esiphelweni sezulu. Fundani kuwo umkhiwane umzekeliso; xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo. Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona ezo zinto zisihla, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango. Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho. Liya kudlula izulu nehlabathi, kodwa amazwi am akayi kudlula. Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi nezithunywa ezisemazulwini, akazi noNyana lo, kuphela nguYise. Lumkani, hlalani nilindile, nithandaze; ngokuba anilazi ukuba linini na ixesha elo; njengokuba wathi umntu ehambela kwelinye, eshiya indlu yakhe, wabanika igunya abakhonzi bakhe, elowo wamnika umsebenzi wakhe, waza umgcini-mnyango wamwisela umthetho ukuba alinde. Phaphani ngoko, ngokuba ningakwazi ukuba kunini na ukuza komninindlu: kuko ngokuhlwa, kuko phakathi kobusuku, kuko ekulileni kweenkuku, kuko kusasa; hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele. Oko ndikutsho kuni, ndikutsho kubo bonke, Lindani.