UMARKO 12:28-44
UMARKO 12:28-44 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwafika omnye wakubabhali; wabeva bebuzana; waqonda ukuba ubaphendule kakuhle. Wambuza esithi, Owona mthetho uphambili kuyo yonke nguwuphi na? UYesu wamphendula ke esithi, Owona ungaphambili kuyo yonke imithetho ngulo: Yiva, Sirayeli, iNkosi uThixo wethu yiNkosi inye; uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela. Nguwo lo ongaphambili umthetho. Nowesibini ufana nawo; nangu: Uze umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako. Akukho mthetho wumbi mkhulu kunalé. Wathi umbhali kuye, Ngxatsho ke, Mfundisi, uthethe inyaniso; ngokuba mnye uThixo, akukho wumbi ngaphandle kwakhe; nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangomphefumlo uphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako, kungaphezu kwawo onke amadini atshiswayo kuphele, nemibingelelo. UYesu embonile ukuba uphendule ngengqiqo, wathi kuye, Akukude wena ebukumkanini bukaThixo. Akwaba sabakho mntu ubenobuganga bakumbuza nto. Waphendula uYesu, wathi, efundisa etempileni, Batsho ngani na ababhali ukuthi, UKristu• ungunyana kaDavide? Kuba uDavide ngokwakhe wathi ngoMoya oyiNgcwele, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho. (INdum. 110:1) UDavide ngoko ngokwakhe uthi, ÚyiNkosi. Kuvela phi na ke ukuba ngunyana wakhe? Lwaye ke uninzi lwabantu lumva kamnandi. Wayesithi kubo, ekufundiseni kwakhe, Balumkeleni ababhali, abathanda ukuhamba ngeengubo ezinde, nemibuliso ezindaweni zembutho, nezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, nezilili zobukhulu ezidlweni; abazidla bazigqibe izindlu zabahlolokazi, baze benyhwalaza bathandaze uzungu. Aba baya kwamkela ugwebo olugqithisileyo. Waye uYesu ehleli malungana nomkhumbi wokulondoloza imali, ekhangela ukuba sithini na isihlwele ukuphosa imali yobhedu emkhumbini wokulondoloza imali; zaye izityebi ezininzi ziphosa kakhulu. Kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, waphosa iimalanana zambini eziyikodrante.• Ebabizele kuye abafundi bakhe, uthi kubo, Inene ndithi kuni, Lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezu kwabo bonke abaphosileyo emkhumbini wokulondoloza imali; kuba bonke abo baphose bethabatha kwikhupha labo; ke yena ekusweleni kwakhe uphose konke abenako, impilo yakhe iphela.
UMARKO 12:28-44 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwafika omnye wakubabhali; wabeva bebuzana; waqonda ukuba ubaphendule kakuhle. Wambuza esithi, Owona mthetho uphambili kuyo yonke nguwuphi na? Wamphendula uYesu wathi, Owona ungaphambili kuyo yonke imithetho ngulo: Yiva, Sirayeli; iNkosi uThixo wethu yiNkosi enye; uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela. Nguwo lo wokuqala umthetho. Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. Akukho mthetho wumbi mkhulu kunale. Wathi umbhali kuye, Ngxatsho ke, Mfundisi, uthethe inyaniso; ngokuba mnye uThixo; akukho wumbi, nguye yedwa; nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangomphefumlo uphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako, kungaphezu kwawo onke amadini atshiswayo kuphele, kwanemibingelelo. uYesu embonile ukuba uphendule ngengqiqo, wathi kuye, Akukude wena ebukumkanini bukaThixo. Akwabakho namnye waba nabuganga bakumbuza nto. Waphendula uYesu, efundisa etempileni, wathi, Batsho ngani na ababhali ukuthi, uKristu ngunyana kaDavide? Kuba uDavide ngokwakhe wathi ngoMoya oyiNgcwele, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho. uDavide ngoko ngokwakhe umbiza ngokuthi, Nkosi; Kuvela phi na ke ukuba ngunyana wakhe? Yaye indimbane yamva ngovuyo. Wayesithi kubo ekufundiseni kwakhe, Balumkeleni ababhali, abathanda ukuhamba ngeengubo ezinde, nemibuliso ezindaweni zembutho, nezihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungu, neendawo eziphambili ezidlweni; abadla izindlu zabahlolokazi, baze ngokunyhwalaza bathandaze uzungu; abo baya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo. uYesu wayehleli malungana nomkhumbi wokulondoloza imali, ekhangela indlela abantu abaphosa ngayo imali emkhumbini wokulondoloza imali; zaye izityebi ezininzi ziphosa kakhulu. Kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, waphosa iimalanana zambini eziyikodrante. Ebabizele kuye abafundi bakhe, wathi kubo, Inene ndithi kuni, Lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezu kwabo bonke abaphosileyo emkhumbini wokulondoloza imali; kuba bonke baphose bethabatha kwikhupha labo; ukanti yena ekusweleni kwakhe uphose yonke into abenayo, impilo yakhe yonke.
UMARKO 12:28-44 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwafika omnye wabachazi-mthetho, wabeva bebambene ngemibuzo, waqonda ukuba uYesu ubaphendule kakuhle. Wambuza ke esithi: “Owona myalelo mkhulu kunayo yonke nguwuphi?” UYesu wamphendula esithi: “Owona myalelo mkhulu ngulo uthi: ‘Yiva, Sirayeli, iNkosi uThixo wethu yiNkosi ényé. Uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela.’ Owesibini ke ngulo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ Akukho myalelo wumbi ubalulekileyo kunalé mibini.” Umchazi-mthetho ke wathi kuye: “Ngxatsho ke, Mfundisi, unyanisile ukuthi mnye uThixo, kungekho wumbi ngaphandle kwakhe; nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo, kungaphezulu lee kunayo yonke imibingelelo namadini atshiswayo. ” UYesu embonile ukuba uphendule ngengqiqo, wathi kuye: “Akukude wena ekulawulweni nguThixo.” Emva koko akwaba sabakho mntu unobuganga bakumbuza nto. Efundisa *endlwini kaThixo uYesu, wabuza esithi: “Batsho ngani na abachazi-mthetho ukuthi: ‘UKrestu ngunyana kaDavide’? Kaloku uDavide ngokwakhe, ekhokelwa nguMoya oyiNgcwele, wathi: “ ‘Yathi iNkosi eNkosini yam: Hlala ngakum kweli wonga lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.’ “Ukuba uDavide ngokwakhe uthi uKrestu yiNkosi, angathini na ke ukuba ngunyana wakhe?” Yamphulaphula ngomdla loo ndimbane yabantu. Ekusifundiseni kwakhe uYesu isihlwele wayesithi: “Balumkeleni abachazi-mthetho, abathanda ukuhamba ngezambatho ezide, bethanda ukuba kukhahlelwe kubo kwiindawo zembutho, befuna izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, neendawo zamawonga ezidlweni. Abo bayiphangayo imizi nemfuyo yabahlolokazi, baze bazenzise besitsho ngemilembelele yemithandazo, ngabo abaya kufumana esona sohlwayo sikhulu.” UYesu waya kuhlala phantsi *endlwini kaThixo malunga nesikhongozeli-mali, wasibukela isihlwele sifaka imali kwisikhongozeli apho. Izityebi ezininzi zazinikela kakhulu. Ke kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, wafaka iimalana zambini, ezixabiso limalunga nesenti. UYesu wababizela kuye abafundi bakhe, wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, lo mhlolokazi ulihlwempu unikele ngaphezu kwabo bonke abafake imali kwisikhongozeli. Kuba bonke abanye banikele bekhupha kwintabalala yabo, kanti yena eswele nje, uzibhokoxile, wanikela konke abenako.”

UMARKO 12:28-44 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza omnye wakubaba̔li, obebavile bebuzisana, esazi ukuba ulungisile ukubapendula, weza wambuza, esiti: Nguwupina owokuqala umyalelo kuyo yonke? Wati u‐Yesu ukumpendula: Owokuqala kuyo yonke imiyalelo ungowokuti: Pulapula, Sirayeli! UYEHOVA, UTIXO wetu, u NGUYEHOVA emnye: wauya kumtanda UYEHOVA, UTIXO wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, nangayo yonke ingqondo yako, nangawo onke amandla ako. Nguwo lo owokuqala umyalelo. Nowesibini ufana nawo, lo wokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako. Akuko myalelo wumbi umkulu kulé. Waza umba̔li lowo wati kuye: Ulungisile, Mfundisi! ukutsho ngokwenyaniso; ngokuba UTIXO emnye, kungeko wumbi ngapandle kwake; nokutanda yena ngayo yonke intliziyo, nangayo yonke ingqondo, nangawo wonke umpefumlo, nangawo onke amandla, nokutanda ummelwane njengoko umntu azitanda ngako, kuyinto enkulu kuwo onke amadini okutshiswa nemibingo. Waza u‐Yesu, akubona ukuba upendule ngobutelekelelo, wati kuye: Akukude kubo ubukumkani BUKATIXO. Kwaza akwabi sabiko mntu onokukalipa kwokumbuza nto. Waza wapendula u‐Yesu efundisa etempileni, wati: Bati nina ababa̔li ukuti u‐Kristu ungunyana ka‐Davide? Ngokuba u‐Davide ngokwake ebesitsho NGOMOYA OYINGCWELE ukuti: Wati UYEHOVA KWINKOSI yam: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako. U‐Davide ngoko ngokwake uti u YINKOSI: aze ati nina ke ukuba ngunyana wake? Sati isininzi esikulu sesihlwele samva ngokuvuya. Waza wati kubo ekufundiseni kwake: Lumkani ababa̔li, abatanda ukuhamba ngengubo ezinde, nezibuliso ezindaweni zentengo, nezihlalo zapambili ezindlwini zentlanganiso, nendawo zobukulu ezidlweni; abadlayo izindlu zabahlolokazi, besenza nemitandazo emide ngokuzenzisa: aba baya kwamkela ukugwetywa okukulu ngakumbi. Kekaloku u‐Yesu ehleli pantsi malungana nendawo yendyebo, wabekangela ukuba bati nina abantu ukufaka imali endaweni yendyebo: baye abaninzi abazityebi bebefaka into enkulu. Wada weza umhlolokazi otile olihlwempu, wafaka imalanyana zambini, ezisesesine isahlulo sedobulitye. Waza wabiza abadisipile bake wati kubo: Ngokwenene nditi kuni: Lomhlolokazi olihlwempu ubagqitisile ngokufaka bonke abafakileyo endaweni yendyebo: ngokuba bona bonke bebefaka kubo ubuninzi babo; kodwa lo kuko ukuswela kwake ebefaka konke oko abenako, kwa konke apila ngako.