Waza omnye wakubaba̔li, obebavile bebuzisana, esazi ukuba ulungisile ukubapendula, weza wambuza, esiti: Nguwupina owokuqala umyalelo kuyo yonke? Wati u‐Yesu ukumpendula: Owokuqala kuyo yonke imiyalelo ungowokuti: Pulapula, Sirayeli! UYEHOVA, UTIXO wetu, u NGUYEHOVA emnye: wauya kumtanda UYEHOVA, UTIXO wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, nangayo yonke ingqondo yako, nangawo onke amandla ako. Nguwo lo owokuqala umyalelo. Nowesibini ufana nawo, lo wokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako. Akuko myalelo wumbi umkulu kulé. Waza umba̔li lowo wati kuye: Ulungisile, Mfundisi! ukutsho ngokwenyaniso; ngokuba UTIXO emnye, kungeko wumbi ngapandle kwake; nokutanda yena ngayo yonke intliziyo, nangayo yonke ingqondo, nangawo wonke umpefumlo, nangawo onke amandla, nokutanda ummelwane njengoko umntu azitanda ngako, kuyinto enkulu kuwo onke amadini okutshiswa nemibingo. Waza u‐Yesu, akubona ukuba upendule ngobutelekelelo, wati kuye: Akukude kubo ubukumkani BUKATIXO. Kwaza akwabi sabiko mntu onokukalipa kwokumbuza nto.
Waza wapendula u‐Yesu efundisa etempileni, wati: Bati nina ababa̔li ukuti u‐Kristu ungunyana ka‐Davide? Ngokuba u‐Davide ngokwake ebesitsho NGOMOYA OYINGCWELE ukuti: Wati UYEHOVA KWINKOSI yam: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako. U‐Davide ngoko ngokwake uti u YINKOSI: aze ati nina ke ukuba ngunyana wake? Sati isininzi esikulu sesihlwele samva ngokuvuya.
Waza wati kubo ekufundiseni kwake: Lumkani ababa̔li, abatanda ukuhamba ngengubo ezinde, nezibuliso ezindaweni zentengo, nezihlalo zapambili ezindlwini zentlanganiso, nendawo zobukulu ezidlweni; abadlayo izindlu zabahlolokazi, besenza nemitandazo emide ngokuzenzisa: aba baya kwamkela ukugwetywa okukulu ngakumbi.
Kekaloku u‐Yesu ehleli pantsi malungana nendawo yendyebo, wabekangela ukuba bati nina abantu ukufaka imali endaweni yendyebo: baye abaninzi abazityebi bebefaka into enkulu. Wada weza umhlolokazi otile olihlwempu, wafaka imalanyana zambini, ezisesesine isahlulo sedobulitye. Waza wabiza abadisipile bake wati kubo: Ngokwenene nditi kuni: Lomhlolokazi olihlwempu ubagqitisile ngokufaka bonke abafakileyo endaweni yendyebo: ngokuba bona bonke bebefaka kubo ubuninzi babo; kodwa lo kuko ukuswela kwake ebefaka konke oko abenako, kwa konke apila ngako.