UMARKO 12:13-27
UMARKO 12:13-27 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bathi bathumela kuye abathile bakubaFarisi bakumaHerode, ukuze bambambise ngokuthetha. Befikile ke bona, bathi kuye, Mfundisi, siyazi ukuba uyinene, kanjalo akukhathali nangubani; kuba akukhethi buso bamntu, indlela kaThixo uyifundisa ngenene. Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare,• akuvumelekile, kusini na? Siníkele, singanikeli, kusini na? Ke kaloku yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo, Nindilingelani na? Ndiziseleni idenariyo,• ndiyibone. Bayizisa ke. Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo? Bathi ke kuye, NgokaKesare. Waphendula uYesu wathi kubo, Nikelani izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo. Bamangaliswa nguye. Kweza kuye nabaSadusi, bona abo bathi akukho luvuko; babuza kuye besithi, Mfundisi, uMoses wasibhalela, wathi, Ukuba umzalwana kathile uthe wafa, washiya umfazi, akashiya bantwana, makathi umzalwana wakhe amzeke umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe. Ke kaloku bekukho abazalwana abasixhenxe. Wathi owokuqala wazeka umfazi; waza akufa akashiya mbewu. Uthe owesibini wamzeka, wafa, akashiya mbewu. Wenjenjalo nowesithathu. Bamzeka ke bosixhenxe; àbashiya mbewu. Ekugqibeleni kwabo bonke, wafa naye umfazi. Ngoko eluvukweni, uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? kuba babenaye bosixhenxe engumfazi. Waphendula uYesu wathi kubo, Anilahleki na, ngenxa yale ndawo yokuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo? Kuba, xa bathe babuya bavuka kwabafileyo, àbazeki, àbendiswa; banjengazo izithunywa ezisemazulwini. Ngokusingisele kwabafileyo ke, ukuba bayavuka, anilesanga na encwadini kaMoses, endaweni ethetha ngetyholo, okokuba uThixo wathetha kuye esithi, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? AkaThixo wabafileyo, unguThixo wabaphilileyo. Nina ke ngoko niyalahleka kakhulu.
UMARKO 12:13-27 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwathunyelwa ke kuYesu abathile *babaFarasi nabathile beqela *lamaHerode, ukuze bambambise ngamazwi. Befikile ke bona, bathi kuye: “Mfundisi, siyazi ukuba uthembekile, ungenamkhethe, kuba akucengi bani, kodwa uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo. Khawutsho ke, ngaba kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare, okanye akuvumelekanga; masiyirhole irhafu, singayirholi, kusini na?” Ke yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo: “Nindilingelani na? Ndiziseleni imali ndiyibone.” Bayizisa ke, waza wathi kubo: “Ngokabani na lo mfanekiso neli gama?” Bathi kuye: “NgokaKhesare.” Waphendula ke uYesu, wathi kubo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.” Bamangaliseka yimpendulo yakhe. Kweza *nabaSadusi kuYesu (bona bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza besithi: “Mfundisi, uMosis wasibhalela umthetho esithi: ‘Ukuba ubani uthe wafa, eshiya umfazi engekabi nabantwana, makathi umntakwabo amngene umfazi lowo, baze bamzalele abantwana umfi lowo.’ Ke kaloku kwakukho oonyana bomntu abasixhenxe, yaza inkulu yazeka umfazi, yasweleka ingenabantwana. Wathi ke owesibini wamngena, kodwa naye wasweleka engenabantwana. Benjenjalo ke bosixhenxe, kodwa abashiya mntwana. Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi. Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babemthathile.” Wabaphendula uYesu wathi: “Nilahlekiswa kukuba ningaziqondi *iziBhalo, ningawazi namandla kaThixo. Kaloku xa abafileyo bathe babuya bavuka, àbazeki, àbendiswa; banjengezithunywa ezisezulwini. Ngokusingisele kukuvuswa kwabafileyo, anifundanga na encwadini kaMosis, kwisiqendu esithetha ngetyholo elivuthayo, okokuba uThixo wathetha naye esithi: ‘Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi’ ? AkaThixo wabafileyo; unguThixo wabaphilayo. Ke nina nilahleke kakhulu.”
UMARKO 12:13-27 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bathumela kuye abathile bakubaFarisi bakumaHerode, ukuze bambambise ngokuthetha kwakhe. Befikile ke bona, bathi kuye, Mfundisi, siyazi ukuba uyinene, kanjalo akukhathali nangubani; kuba akukhethi buso bamntu, indlela kaThixo ufundisa ngayo ngenyaniso, kuKesare, akunjalo? Sirhole, okanye masingaphi? Ke yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo, Nindilingelani na? Ndiziseleni idenariyo, ndiyibone. Bayizisa. Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo? Bathi ke bona kuye, NgokaKesare. Waphendula uYesu wathi kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo. Baye bemangaliswa nguye. Kwafika kuye nabaSadusi, bona abo bathi akukho luvuko; bambuza, besithi. Mfundisi, uMosis wasibhalela wathi: “Ukuba ozalana nothile uthe wafa waza washiya umfazi wakhe waza akashiya bantwana, makathi umzalwana wakhe amzeke umfazi wakhe, amvelisele imbewu ozalana naye. Ke bekukho abantu abasixhenxe bezalana; waza owokuqala wazeka umfazi, wafa akashiya mbewu. Uthe ke owesibini wamzeka, wafa, akashiya mbewu; nowesithathu wenjenjalo. Bamzeka ke bosixhenxe; abashiya mbewu. Ekugqibeleni kwabo bonke, wafa naye umfazi. Ngoko eluvukweni, uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? kuba bosixhenxe babenaye engumfazi. Waphendula uYesu wathi kubo, Anilahleki na, ngenxa yokuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo? Kuba, xa bathe babuya bavuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa; banjengezithunywa ezisemazulwini. Ngokusingisele kwabafileyo, ukuba baya kuvuka, anilesanga na encwadini kaMoses, ethetha ngetyholo, okokuba wathi uThixo kuye, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? AkaThixo wabafileyo, unguThixo wabaphilileyo. Nina ke ngoko niyalahleka kakhulu.
UMARKO 12:13-27 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
BAZA batuma kuye abatile bakubafarisi nakubaherodi, ukuze bambambise ngokuteta. Beza ke bona bati kuye: Mfundisi! siyazi ukuba uyinene, ungakatali ngumntu; ngokuba ungabuki ubuso babantu, koko ufundisa indlela KATIXO ngokwenyaniso: kufanelekile ukunika umnikelo ku‐Kesare, akufanelekile, kusinina? sinike, singaniki, kusinina? Kodwa yena ebazi ubuhanahaniso babo, wati kubo: Yinina ukuba nindilinge? ndiziseleni idenari, ukuze ndiyibone. Bayizisa ke. Waza wati kubo: Ngokabanina lomfanekiso nesiba̔lwa? Bati ke kuye: Ngoka‐Kesare. Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Nikelani izinto zika‐Kesare kuye u‐Kesare, nezinto ZIKATIXO kuye UTIXO. Bati nqa ke pezu kwake. Kwaza kweza abasadusi kuye, abati akuko luvuko, bambuza, besiti: Mfundisi! u‐Mosesi wasiba̔lela ukuti: Xeshekweni kufayo umkuluwe womntu, aze ashiye umfazi emva kwake, angashiyi abantwana, makati umninawe wake azeke umfazi wake, amvusele umkuluwe wake inzalo. Bekuko abazalwana abasixe̔nxe: waza owokuqala wazeka umfazi, wati ebuba nje akashiya nzalo. Waza owesibini wamzeka, wafa, wati naye akashiya nzalo. Wenje njalo nowesitatu. Bamzeka ke abasixe̔nxe, bengashiyanga nzalo. Emveni kwabo bonke wafa nomfazi. Ngako eluvukweni, xeshekweni babuya bavuke, woba ngumfazi wawupina kubo? ngokuba abasixe̔nxe bebenaye engumfazi. Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Aniposisi ngako oku na, ningazi nje iziba̔lo, kwa namandla KATIXO? ngokuba, xeshekweni babuya bavuke, bengazeki, bengendiswa kanjako, koko benjengengelosi ezisezulwini. Kodwa ngabo abafileyo, ukuba bayavuka, anileseshanga na encwadini ka‐Mosesi, endaweni yetyolo, okokuba UTIXO wateta kuye, esiti: Mna ndi NGUTIXO ka‐Abrahame, NOTIXO ka‐Yisake, NOTIXO ka‐Yakobi? aka NGUTIXO wabafileyo, u NGUTIXO wabahleliyo: nina ngoko niyaposisa kakulu.