Bathumela kuye abathile bakubaFarisi bakumaHerode, ukuze bambambise ngokuthetha kwakhe. Befikile ke bona, bathi kuye, Mfundisi, siyazi ukuba uyinene, kanjalo akukhathali nangubani; kuba akukhethi buso bamntu, indlela kaThixo ufundisa ngayo ngenyaniso, kuKesare, akunjalo? Sirhole, okanye masingaphi? Ke yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo, Nindilingelani na? Ndiziseleni idenariyo, ndiyibone. Bayizisa. Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo? Bathi ke bona kuye, NgokaKesare. Waphendula uYesu wathi kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo. Baye bemangaliswa nguye. Kwafika kuye nabaSadusi, bona abo bathi akukho luvuko; bambuza, besithi. Mfundisi, uMosis wasibhalela wathi: “Ukuba ozalana nothile uthe wafa waza washiya umfazi wakhe waza akashiya bantwana, makathi umzalwana wakhe amzeke umfazi wakhe, amvelisele imbewu ozalana naye. Ke bekukho abantu abasixhenxe bezalana; waza owokuqala wazeka umfazi, wafa akashiya mbewu. Uthe ke owesibini wamzeka, wafa, akashiya mbewu; nowesithathu wenjenjalo. Bamzeka ke bosixhenxe; abashiya mbewu. Ekugqibeleni kwabo bonke, wafa naye umfazi. Ngoko eluvukweni, uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? kuba bosixhenxe babenaye engumfazi. Waphendula uYesu wathi kubo, Anilahleki na, ngenxa yokuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo? Kuba, xa bathe babuya bavuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa; banjengezithunywa ezisemazulwini. Ngokusingisele kwabafileyo, ukuba baya kuvuka, anilesanga na encwadini kaMoses, ethetha ngetyholo, okokuba wathi uThixo kuye, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? AkaThixo wabafileyo, unguThixo wabaphilileyo. Nina ke ngoko niyalahleka kakhulu.