Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEYU 5:1-32

UMATEYU 5:1-32 IBHAYIBHILE (XHO96)

Akusibona isihlwele sabantu, uYesu wenyuka intaba; kwathi, akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe; waza wabafundisa, esithi: “Banoyolo abo bazilahlela kuThixo, kuba balawulwa nguThixo bona! Banoyolo abo basezintsizini, kuba baya konwatyiswa nguThixo bona! Banoyolo abo balulamileyo, kuba baya kwabelwa ihlabathi nguThixo bona! Banoyolo abo balambela banxanelwe ubulungisa, kuba baya kwaneliswa nguThixo bona! Banoyolo abo banenceba, kuba baya kwenzelwa inceba nguThixo bona! Banoyolo abo bantliziyo ihlambulukileyo, kuba baya kumbona uThixo bona! Banoyolo abo bangabaxolisi, kuba uThixo uya kuthi bangabantwana bakhe! Banoyolo abo batshutshiswayo ngokuba besenza ubulungisa, kuba balawulwa nguThixo bona! “Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva ngenxa yam, benitshutshisa, bethetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka. Vuyani ke, nigcobe, kuba ninomvuzo omkhulu ezulwini. Kakade babesenjenjalo abantu ukubatshutshisa *abashumayeli ababekho ngaphambi kwenu. ” “Niyityiwa yehlabathi nina. Ke ukuba ityiwa ithe yaphelelwa sisongo, yothiwani na ukubuyiselwa isongo sayo? Ayisenamsebenzi; kuphela kukuba ilahlwe phandle, inyathelwe ngabantu. “Nina nilukhanyiso lwehlabathi. Umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala. Kananjalo isibane asilunyekwa siqutyudelwe ngethunga; koko sixhonywa endaweni yaso, sikhanyisele bonke abasendlwini. Makukhanye ngokukwanjalo ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.” “Ze ningabi ndize kuchitha *umthetho kaMosis nomyalelo *wabashumayeli bamandulo. Andizanga kuchitha; ndize kuzalisekisa. Inene, lingaphela izulu nehlabathi, kodwa akuyi kupheliswa nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kungathanga kwenzeka konke. Ke ngoko othe wajika nokuba mnye kule mithetho mincinane, wakufundisa abantu oko, kothiwa ungoyena mncinane kwabalawulwa nguThixo. Kanti ke othe wawenza umthetho, wawufundisa, woba newonga kwabalawulwa nguThixo. Inene, ukuba anithanga naba ngamalungisa kunabachazi-mthetho *nabaFarasi, soze nibe ngabalawulwa nguThixo. ” “Nivile ukuba kwathiwa kubantu bakudala: ‘Uze ungabulali;’ kusithiwa: ‘Othe wabulala usisisulu somgwebo.’ Ke mna ndithi kuni, wonke umntu osuka amqumbele uwabo usisisulu somgwebo. Nothi kuwabo: ‘Ntw' ingento,’ usisisulu sokugwetywa yinkundla ephakamileyo. Ke othi: ‘Siyathandini,’ usisisulu sesihogo somlilo. Ke ngoko, ukuba usondeza esibingelelweni into oyinikela kuThixo, wathi ulapho wakhumbula ukuba uwenu unendawo ngakuwe, wushiye apho umnikelo wakho phambi kweqonga lamadini, uhambe uye kuxolisana nowenu kuqala, uze emva koko uwusondeze umnikelo wakho. “Visisana kamsinya nokumangalelayo, usesendleleni kunye naye, hleze ummangaleli wakho akunikele kumgwebi, aze umgwebi akunikele epoliseni, uze uphoswe entolongweni. Inene, akusayi kuphuma apho de uhlawule neyona malana yokugqibela.” “Nivile ukuba kwathiwa: ‘Uze ungakrexezi.’ Ke mna ndithi kuni, wonke umntu okhangela umntu obhinqileyo embawela, uselekrexezile entliziyweni yakhe. Ukuba iliso lakho lasekunene liyakulahlekisa, lincothule ulilahle. Kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni. Nokuba isandla sakho sokunene siyakulahlekisa, sinqumle usilahle. Kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uye esihogweni.” “Kwathiwa: ‘Othe wamala umfazi wakhe, makamnike incwadi yoqhawulo-mtshato.’ Ke mna ndithi kuni, othe wamala umfazi wakhe, engakrexezanga umfazi lowo, woba uyamkrexezisa; nothe wazeka loo mfazi waliweyo, uyakrexeza.”

UMATEYU 5:1-32 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Uthe ke, akuzibona izihlwele ezo, wenyuka intaba; waza akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe. Wawuvula umlomo wakhe, wabafundisa, esithi, Banoyolo abangamahlwempu ngomoya; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo. Banoyolo abakhedamileyo; ngokuba baya konwatyiswa bona. Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona. Banoyolo abalambela banxanelwe ubulungisa; ngokuba baya kuhluthiswa bona. Banoyolo abanenceba; ngokuba baya kwenzelwa inceba bona. Banoyolo abahlambulukileyo intliziyo; ngokuba baya kumbona uThixo bona. Banoyolo abaxolisi; ngokuba baya kubizwa ngokuthi bangoonyana bakaThixo bona. Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo. Ninoyolo nina, xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam. Vuyani nigcobe kunene; ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba benjenjalo ukubatshutshisa abaprofeti ababekho phambi kwenu. Niyityuwa yehlabathi nina; ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa? Ayisalungele nto, kukulahlwa phandle kuphela, inyathelwe ngabantu. Nina nilukhanyiselo lwehlabathi; umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala; kananjalo abasibaneki isibane basibeke phantsi kwesitya; basibeka esiphathweni saso, sikhanyisele bonke abasendlwini. Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu; ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, bamzukise uYihlo osemazulwini. Ningabi ndizé kuchitha umthetho, nokuba ngabaprofeti; andizé kuchitha, ndizé kuzalisekisa. Kuba inene ndithi kuni, Koda kudlule izulu nehlabathi, kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kude kwenzeke konke. Othe ngoko wachitha noko umnye kule mithetho mincinanana, wabafundisa abantu ngokunjalo, kothiwa ungomncinanana ebukumkanini bamazulu; othe wenza wafundisa ngayo, kothiwa ngomkhulu ebukumkanini bamazulu. Kuba ndithi kuni, Ukuba ubulungisa benu abuthanga bugqithe kakhulu kobababhali nabaFarisi, anisayi kuza ningene ebukumkanini bamazulu. Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungabulali; wóthi othe wabulala, abe sisisulu somgwebo. Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu ofumana amqumbele umzalwana wakhe, woba sisisulu somgwebo; othe ke kumzalwana wakhe, Ntw' ingento, woba sisisulu sentlanganiso yamatyala; othe ke, Siyathandini, woba sisisulu sesihogo somlilo. Ngoko xa sukuba uwusondeza umnikelo wakho esibingelelweni, wathi ulapho wakhumbula ukuba umzalwana wakho unendawo ngakuwe, wushiye apho umnikelo wakho phambi kwesibingelelo, uhambe uye uxolelane nomzalwana wakho kuqala, wandule ukuza uwusondeze umnikelo wakho. Lungisana kamsinya nokumangaleleyo, usesendleleni naye; hleze ummangaleli lowo akunikele emgwebini, aze umgwebi akunikele kumsila, uze uphoswe entolongweni. Inene ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela. Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungakrexezi. Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu okhangela umntu oyinkazana, ukuba amkhanuke, uselemkrexezile entliziyweni yakhe. Ukuba ke iliso lakho lokunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni. Nokuba isandla sakho sokunene siyakukhubekisa, sinqamle usilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni. Kwathiwa ke, Othe wamala umfazi wakhe, makamnike incwadi yokwahlukana. Ke mna ndithi kuni, Othe wamala umfazi wakhe ngaphandle kwendawo yombulo, uyamkrexezisa; nothe wazeka owaliweyo, uyakrexeza.

UMATEYU 5:1-32 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Uthe ke, akuzibona izihlwele ezo, wenyuka intaba; waza akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe Wawuvula umlomo wakhe, wabafundisa, esithi, Banoyolo abangamahlwempu ngomoya; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo. Banoyolo abakhedamileyo; ngokuba baya konwatyiswa bona. Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona. Banoyolo abalambela banxanelwe ubulungisa; ngokuba baya kuhluthiswa bona. Banoyolo abo banenceba, kuba baya kwenzelwa inceba bona. Banoyolo abahlambulukileyo intliziyo; ngokuba baya kumbona uThixo bona. Banoyolo abaxolisi; ngokuba baya kubizwa ngokuthi bangoonyana bakaThixo bona. Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo. Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam. Vuyani nigcobe kunene; ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba benjenjalo ukubatshutshisa abaprofeti ababekho phambi kwenu. Niyityuwa yehlabathi nina; ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa? ayisalungele nto, kukulahlwa phandle, inyathelwe ngabantu. Nina nilukhanyiselo lwehlabathi; Umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala; Kananjalo abantu abasibaneki isibane basibeke phantsi kwesitya; kwaye ibakhanyisela bonke abasendlwini. Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu; ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, bamzukise uYihlo osemazulwini. Ningabi ndize kuchitha umthetho, nokuba ngabaprofeti; andize kuchitha, ndize kuzalisekisa. Kuba inene ndithi kuni, Koda kudlule izulu nehlabathi, kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kude kwenzeke konke. Othe ngoko wachitha noko umnye kule mithetho mincinanana, wabafundisa abantu ngokunjalo, kothiwa ungomncinanana ebukumkanini bamazulu; othe wenza wafundisa ngayo, kothiwa ngomkhulu ebukumkanini bamazulu. Kuba ndithi kuni, Ukuba ubulungisa benu abuthanga bugqithe kakhulu kobababhali nabaFarisi, anisayi kukha ningene ebukumkanini bamazulu. Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungabulali; othe wabulala, woba sisisulu somgwebo; Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu ofumana amqumbele umzalwana wakhe, woba sisisulu somgwebo; othe ke kumzalwana wakhe, Ntw’ ingento, woba sisisulu sentlanganiso yamatyala; uya kuba sengozini yesihogo somlilo. Xa sukuba uwusondeza umnikelo wakho esibingelelweni, wathi ulapho wakhumbula ukuba umzalwana wakho unendawo ngakuwe; Sishiye apho isipho sakho phambi kwesibingelelo, uhambe; uxolelana nomzalwana wakho kuqala, wandule ukuza uwusondeze umnikelo wakho. Lungisana kamsinya nokumangaleleyo, usesendleleni naye; hleze ummangaleli lowo akunikele kumgwebi, aze umgwebi akunikele kumsila, uze uphoswe entolongweni. Inene ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela. Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungakrexezi. Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu okhangela umntu oyinkazana, ukuba amkhanuke, uselemkrexezile entliziyweni yakhe. Ukuba iliso lakho lokunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni. Ukuba ke isandla sakho sokunene siyakukhubekisa, sinqumle usilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni. Kwathiwa ke, Othe wamala umfazi wakhe, makamnike incwadi yokwahlukana. Ke mna ndithi kuni, othe wamala umfazi wakhe ngaphandle kwendawo yombulo, uyamkrexezisa; nothe wazeka owaliweyo, uyakrexeza.

UMATEYU 5:1-32 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KEKALOKU akuzibona izihlwele, wenyukela entabeni; kwati akuba ehleli pantsi, beza kuye abadisipile bake. Waza wavula umlomo wake, wabafundisa, esiti: Banetamsanqa ababuhlwempu ngomoya; ngokuba bubobabo ubukumkani bezulu. Banetamsanqa abalusizi; ngokuba bona beya kututuzelwa. Banetamsanqa abalulamileyo; ngokuba umhlaba uya kuba lilifa labo. Banetamsanqa abanokulambela nokunxanelwa ubulungisa; ngokuba bona beya kuhlutiswa. Banetamsanqa abanofefe; ngokuba bona beya kupatwa ngofefe. Banetamsanqa abacocekileyo ngentliziyo; ngokuba bona beya kubona UTIXO. Banetamsanqa abangabaxolelanisi; ngokuba bona beya kubizwa ngokuba lusapo LUKATIXO. Banetamsanqa abatshutshisiweyo ngenxa yobulungisa; ngokuba bubobabo ubukumkani bezulu. Ninetamsanqa, nxa abantu baya kunituka, banitshutshise, batete into zonke ezikohlakeleyo ngakuni ngokuxoka, ngenxa yam: vuyani nigcobe, ngokuba umvuzo wenu umkulu ezulwini; ngokuba benje njalo ukubatshutshisa abaprofite ababepambili kuni. Nina niyityuwa yomhlaba: kodwa xeshekweni ityuwa ingabi nasongo, iya kuvakaliswa nganina? ayisafanelekele nto, kupela ukuba ilahlelwe pandle, inyatelwe ngabantu. Nina nilukanyiso lwelizwe; isixeko esimiyo pezu kwentaba asingefihleke. Kanjako abantu abasibaneki isibane, basibeke pantsi kwento yokulinganisa, koko basibeka pezu kwekandelare, size sikanyele bonke abasendlwini. Kwa njalo makukanye ukukanya kwenu pambi kwabantu, ukuze babone imisebenzi yenu elungileyo, badumise UYIHLO osezulwini. Ningabi ndeza ukutshabalalisa umteto, umhlaumbi abaprofite; andizanga ukutshabalalisa, koko ndize ukuzalisekisa. Ngokuba ngokwenene ndisiti kuni: Kude kudlule izulu nomhlaba, alisayi kuza lidlule nalinye iganyana umhlaumbi namnye umgcanyana emtetweni, kungekenzekanga konke. Ngako osukuba ewutshitshisa omnye walemiyalelo noko umncinane kuyo yonke, afundise abantu ngokunjalo, uya kubizwa ngokuba ngomncinane kubo bonke ebukumkanini bezulu; kodwa osukuba eyenza, eyifundisa nokuyifundisa, lowo uya kubizwa ngokuba ngomkulu ebukumkanini bezulu. Ngokuba ndisiti kuni: Xeshekweni ubulungisa benu bungagqitisanga kwo?-?bababa̔li nabafarisi, anisayi kuza ningene ebukumkanini bezulu. Nivile ukuba kwatiwa kubo abakudala: Akuyi kubulala; woti osukuba ebulala amelwe ngamatyala amancinane. Mna kanti nditi kuni: Osukuba equmbela umzalwana wake kungeko nto, uya kumelwa ngamatyala amancinane; nosukuba esiti kumzalwana wake: Geza! uya kumelwa ngamatyala amakulu; kodwa osukuba esiti: Nkewundini! uya kumelwa kukuposwa esihogweni somlilo. Ngako xeshekweni uwuzisa umnikelo wako esibingelweni, uti ulapo ukumbule ukuba umzalwana wako unendawo ngakuwe; wushiye apo umnikelo wako pambi kwesibingelo, uhambe ke, uti kuqala uxolelane nomzalwana wako, wandule uze unikele umnikelo wako. Nxa̔ma ukuvumelana nalowo ukumangeleleyo, nxa usenaye endleleni; hleze omangeleyo akunikele emgwebini, ati umgwebi akunikele emsileni, uze uposwe entolongweni. Ngokwenene nditi kuwe: Akusayi kuza upume kona, ungekahlauli imalana yokugqibela. Nivile ukuba kwatiwa kubo abakudala: Akuyi kuṙexeza. Mna kanti nditi kuni: Osukuba ekangela umfazi ngokunga angamkanuka, usele wenzile uṙexezo naye ngentliziyo yake. Ukuba ngoko iliso lako lokunene liyakuxakanisa, lincotule, ulilahle kuwe; ngokuba kulungele wena ukuba kubube libe linye emalungwini ako, kuze kungaposwa wonke umzimba wako esihogweni somlilo. Kanjalo ukuba isandla sako sokunene siyakuxakanisa, sinqumle, usilahle kuwe; ngokuba kulungele wena ukuba kubube libe linye emalungwini ako, kuze kungaposwa wonke umzimba wako esihogweni somlilo. Kwatwa ke: Osukuba elahla umfazi wake, makamnike isiba̔lo sokwahlukanisa. Mna kanti nditi kuni: Osukuba elahla umfazi wake, engamlahli ngenxa yombulo kupela, uyamṙexezisa; nosukuba ezeka umfazi olahliweyo, uyaṙexeza naye.