Uthe ke, akuzibona izihlwele ezo, wenyuka intaba; waza akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe Wawuvula umlomo wakhe, wabafundisa, esithi, Banoyolo abangamahlwempu ngomoya; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo. Banoyolo abakhedamileyo; ngokuba baya konwatyiswa bona. Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona. Banoyolo abalambela banxanelwe ubulungisa; ngokuba baya kuhluthiswa bona. Banoyolo abo banenceba, kuba baya kwenzelwa inceba bona. Banoyolo abahlambulukileyo intliziyo; ngokuba baya kumbona uThixo bona. Banoyolo abaxolisi; ngokuba baya kubizwa ngokuthi bangoonyana bakaThixo bona. Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo. Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam. Vuyani nigcobe kunene; ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba benjenjalo ukubatshutshisa abaprofeti ababekho phambi kwenu. Niyityuwa yehlabathi nina; ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa? ayisalungele nto, kukulahlwa phandle, inyathelwe ngabantu. Nina nilukhanyiselo lwehlabathi; Umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala; Kananjalo abantu abasibaneki isibane basibeke phantsi kwesitya; kwaye ibakhanyisela bonke abasendlwini. Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu; ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, bamzukise uYihlo osemazulwini. Ningabi ndize kuchitha umthetho, nokuba ngabaprofeti; andize kuchitha, ndize kuzalisekisa. Kuba inene ndithi kuni, Koda kudlule izulu nehlabathi, kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kude kwenzeke konke. Othe ngoko wachitha noko umnye kule mithetho mincinanana, wabafundisa abantu ngokunjalo, kothiwa ungomncinanana ebukumkanini bamazulu; othe wenza wafundisa ngayo, kothiwa ngomkhulu ebukumkanini bamazulu. Kuba ndithi kuni, Ukuba ubulungisa benu abuthanga bugqithe kakhulu kobababhali nabaFarisi, anisayi kukha ningene ebukumkanini bamazulu. Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungabulali; othe wabulala, woba sisisulu somgwebo; Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu ofumana amqumbele umzalwana wakhe, woba sisisulu somgwebo; othe ke kumzalwana wakhe, Ntw’ ingento, woba sisisulu sentlanganiso yamatyala; uya kuba sengozini yesihogo somlilo. Xa sukuba uwusondeza umnikelo wakho esibingelelweni, wathi ulapho wakhumbula ukuba umzalwana wakho unendawo ngakuwe; Sishiye apho isipho sakho phambi kwesibingelelo, uhambe; uxolelana nomzalwana wakho kuqala, wandule ukuza uwusondeze umnikelo wakho. Lungisana kamsinya nokumangaleleyo, usesendleleni naye; hleze ummangaleli lowo akunikele kumgwebi, aze umgwebi akunikele kumsila, uze uphoswe entolongweni. Inene ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela. Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungakrexezi. Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu okhangela umntu oyinkazana, ukuba amkhanuke, uselemkrexezile entliziyweni yakhe. Ukuba iliso lakho lokunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni. Ukuba ke isandla sakho sokunene siyakukhubekisa, sinqumle usilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni. Kwathiwa ke, Othe wamala umfazi wakhe, makamnike incwadi yokwahlukana. Ke mna ndithi kuni, othe wamala umfazi wakhe ngaphandle kwendawo yombulo, uyamkrexezisa; nothe wazeka owaliweyo, uyakrexeza.