KEKALOKU akuzibona izihlwele, wenyukela entabeni; kwati akuba ehleli pantsi, beza kuye abadisipile bake. Waza wavula umlomo wake, wabafundisa, esiti:
Banetamsanqa ababuhlwempu ngomoya; ngokuba bubobabo ubukumkani bezulu. Banetamsanqa abalusizi; ngokuba bona beya kututuzelwa. Banetamsanqa abalulamileyo; ngokuba umhlaba uya kuba lilifa labo. Banetamsanqa abanokulambela nokunxanelwa ubulungisa; ngokuba bona beya kuhlutiswa. Banetamsanqa abanofefe; ngokuba bona beya kupatwa ngofefe. Banetamsanqa abacocekileyo ngentliziyo; ngokuba bona beya kubona UTIXO. Banetamsanqa abangabaxolelanisi; ngokuba bona beya kubizwa ngokuba lusapo LUKATIXO. Banetamsanqa abatshutshisiweyo ngenxa yobulungisa; ngokuba bubobabo ubukumkani bezulu. Ninetamsanqa, nxa abantu baya kunituka, banitshutshise, batete into zonke ezikohlakeleyo ngakuni ngokuxoka, ngenxa yam: vuyani nigcobe, ngokuba umvuzo wenu umkulu ezulwini; ngokuba benje njalo ukubatshutshisa abaprofite ababepambili kuni.
Nina niyityuwa yomhlaba: kodwa xeshekweni ityuwa ingabi nasongo, iya kuvakaliswa nganina? ayisafanelekele nto, kupela ukuba ilahlelwe pandle, inyatelwe ngabantu. Nina nilukanyiso lwelizwe; isixeko esimiyo pezu kwentaba asingefihleke. Kanjako abantu abasibaneki isibane, basibeke pantsi kwento yokulinganisa, koko basibeka pezu kwekandelare, size sikanyele bonke abasendlwini. Kwa njalo makukanye ukukanya kwenu pambi kwabantu, ukuze babone imisebenzi yenu elungileyo, badumise UYIHLO osezulwini.
Ningabi ndeza ukutshabalalisa umteto, umhlaumbi abaprofite; andizanga ukutshabalalisa, koko ndize ukuzalisekisa. Ngokuba ngokwenene ndisiti kuni: Kude kudlule izulu nomhlaba, alisayi kuza lidlule nalinye iganyana umhlaumbi namnye umgcanyana emtetweni, kungekenzekanga konke. Ngako osukuba ewutshitshisa omnye walemiyalelo noko umncinane kuyo yonke, afundise abantu ngokunjalo, uya kubizwa ngokuba ngomncinane kubo bonke ebukumkanini bezulu; kodwa osukuba eyenza, eyifundisa nokuyifundisa, lowo uya kubizwa ngokuba ngomkulu ebukumkanini bezulu. Ngokuba ndisiti kuni: Xeshekweni ubulungisa benu bungagqitisanga kwo?-?bababa̔li nabafarisi, anisayi kuza ningene ebukumkanini bezulu.
Nivile ukuba kwatiwa kubo abakudala: Akuyi kubulala; woti osukuba ebulala amelwe ngamatyala amancinane. Mna kanti nditi kuni: Osukuba equmbela umzalwana wake kungeko nto, uya kumelwa ngamatyala amancinane; nosukuba esiti kumzalwana wake: Geza! uya kumelwa ngamatyala amakulu; kodwa osukuba esiti: Nkewundini! uya kumelwa kukuposwa esihogweni somlilo. Ngako xeshekweni uwuzisa umnikelo wako esibingelweni, uti ulapo ukumbule ukuba umzalwana wako unendawo ngakuwe; wushiye apo umnikelo wako pambi kwesibingelo, uhambe ke, uti kuqala uxolelane nomzalwana wako, wandule uze unikele umnikelo wako. Nxa̔ma ukuvumelana nalowo ukumangeleleyo, nxa usenaye endleleni; hleze omangeleyo akunikele emgwebini, ati umgwebi akunikele emsileni, uze uposwe entolongweni. Ngokwenene nditi kuwe: Akusayi kuza upume kona, ungekahlauli imalana yokugqibela.
Nivile ukuba kwatiwa kubo abakudala: Akuyi kuṙexeza. Mna kanti nditi kuni: Osukuba ekangela umfazi ngokunga angamkanuka, usele wenzile uṙexezo naye ngentliziyo yake. Ukuba ngoko iliso lako lokunene liyakuxakanisa, lincotule, ulilahle kuwe; ngokuba kulungele wena ukuba kubube libe linye emalungwini ako, kuze kungaposwa wonke umzimba wako esihogweni somlilo. Kanjalo ukuba isandla sako sokunene siyakuxakanisa, sinqumle, usilahle kuwe; ngokuba kulungele wena ukuba kubube libe linye emalungwini ako, kuze kungaposwa wonke umzimba wako esihogweni somlilo.
Kwatwa ke: Osukuba elahla umfazi wake, makamnike isiba̔lo sokwahlukanisa. Mna kanti nditi kuni: Osukuba elahla umfazi wake, engamlahli ngenxa yombulo kupela, uyamṙexezisa; nosukuba ezeka umfazi olahliweyo, uyaṙexeza naye.