Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEYU 25:1-30

UMATEYU 25:1-30 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ngelo xesha ubukumkani bamazulu buya kufanekiswa neentombi ezilishumi, ezazithabathayo izibane zazo, zaphuma zaya kumkhawulela umyeni. Ezintlanu ke kuzo zaye ziziingqondi, ezintlanu ziziziyatha. Ezo ziziziyatha zaphatha izibane zazo, azaphatha oli nazo; kodwa eziziingqondi zaphatha ioli ezityeni zazo, kwanezibane zazo. Ke kaloku, akubon' ukuba ulibele umyeni, zozela zonke zalala. Phakathi kobusuku ke kwabakho umemezo oluthi, Nanko umyeni esiza; phumani niye kumkhawulela. Zaza zavuka zonke ezo ntombi, zalungisa izibane zazo. Zathi ke eziziziyatha kweziziingqondi, Sipheni kwioli yenu leyo, ngokuba izibane zethu zicima. Zaphendula ke eziziingqondi, zathi, Hayi, hleze inganeli kuthi nakuni; yiyani kanye kwabathengisayo, nizithengele. Kuthe ke, zisaya kuthenga, wafika umyeni; zaza ezo bezisezilungile zangena naye emsithweni, lwavalwa ke ucango. Zithi ke kamva zifike nezinye iintombi ezo, zisithi, Nkosi, nkosi, sivulele. Yaphendula ke yona yathi, Inene ndithi kuni, andinazi nina. Phaphani ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa. Kuba kunjengomntu owathi, eza kuhambela kwelinye, wabiza abakhe abakhonzi, wayinikela kubo impahla yakhe. Wathi omnye wamnika iitalente• zantlanu, omnye zambini, nomnye yaba nye, walowo wanikwa ngokwawakhe amandla; wahambela kwelinye kwaoko. Lowo ke wamkela iitalente ezintlanu, waya wasebenza ngazo, wenza esinye isihlanu seetalente. Kwangokunjalo nalowo wamkela ezimbini, naye wazuza esinye isibini. Ke naye lowo wamkela yanye, waya wemba emhlabeni, wayifihla imali yenkosi yakhe. Ithi ke emveni kwexesha elikhulu, ifike inkosi yabo bakhonzi, ibalelane nabo. Weza lowo wamkela iitalente ezintlanu, wazisa esinye isihlanu seetalente, esithi, Nkosi, wandinika iitalente zantlanu; khangela, ndizuze esinye isihlanu seetalente phezu kwazo. Yathi ke kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho. Weza ke nalowo wamkela iitalente ezimbini, wathi, Nkosi, wandinika iitalente zambini; khangela, ndizuze esinye isibini seetalente phezu kwazo. Yathi kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho. Weza ke nalowo wamkela italente yanye, wathi, Nkosi, bendikwazi wena ukuba ungumntu olukhuni, uvuna apho ubungahlwayelanga khona, ubùthe apho ungelelanga khona; ndasuka ndoyika, ndaya ndayiselela italente yakho ngomhlaba; nanku unako okwakho. Yaphendula ke inkosi yakhe yathi kuye, Mkhonzindini ukhohlakeleyo, ulivila, ubusazi nje ukuba ndivuna apho ndingahlwayelanga khona, ndibùthe apho ndingelelanga khona, ubumelwe kukuthi ngoko ube ubuyibeke imali yam kubananisi, ndaza ndakufika mna, ndabuya ndakuzuza okwam kunenzala. Mhlutheni ngoko italente leyo, niyinike lowo uneetalente ezilishumi. Kuba wonke umntu onako uya kunikwa, abe nako ngokugqithiseleyo; ke ongenako, uya kuhluthwa kwanoko anako. Naye umkhonzi ongancedi lutho, mkhupheleni ebumnyameni obungaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

UMATEYU 25:1-30 IBHAYIBHILE (XHO96)

“Ngelo xesha ulawulo lukaThixo luya kufana nokweentombi ezilishumi, ezazithathayo izibane zazo, zaya kuhlangabeza umyeni. Ke ezintlanu kuzo zazizizidenge, ezintlanu zizizilumko. Ezizizidenge zazithatha izibane zazo, kodwa azayipatha ioyile yokongeza. Zona ezizizilumko zathi kunye nezibane zazo zahamba ziphethe ioyile ngezitya. Umyeni walibazisa ukufika, zaza iintombi ezi zonke zozela zalala. “Ezinzulwini zobusuku kwamenyezwa kusithiwa: ‘Nanko umyeni; phumani niye kumhlangabeza!’ Zavuka ke zonke iintombi ezo, zazilungisa izibane zazo. Zaza ezizizidenge zathi kwezizizilumko: ‘Sipheni kwioyile yenu leyo, kuba izibane zethu ziyacima.’ Kodwa zalandula ezizizilumko, zisithi: ‘Hleze inganeli kuthi nakuni, yiyani kwabayithengisayo, nizithengele.’ Kwathi ke, zisaya, wafika umyeni, zaza ezo ntombi bezisezilungile zangena kunye naye emsithweni, kwaza kwavalwa emnyango. “Kamva zafika nezinye iintombi ezo, zathi: ‘Nkosi, sivulele.’ Yaphendula yona yathi: ‘Ndithi kuni, inene, nina àndinazi.’ “Phaphani ke ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa.” “Kuya kuba njengomntu owathi, eza kuhambela kwelinye ilizwe, wazibiza izicaka zakhe, wayigcinisa kuzo impahla yakhe. Esinye usinike imali ekumawaka amahlanu eerandi, esinye ekumawaka amabini, nesinye ekwiwaka elinye, ezinika ngokwamandla azo. Wahamba ke. Eso sanikwa ekumawaka amahlanu, sithe kwangoko sasebenza ngawo, sazuza amanye amahlanu. Ngokukwanjalo neso sanikwa ekumawaka amabini, sazuza amanye amabini. Ke sona eso sasinikwe ekwiwaka elinyé, semka saya kuyimbela siyifihla imali yenkosi yaso. “Emva kwexesha elide yabuya inkosi yezi zicaka, yafuna ingxelo kuzo. Seza eso sasinikwe ekumawaka amahlanu, siphethe kwanamanye amahlanu, sathi: ‘Nkosi, ubundigcinise imali ekumawaka amahlanu eerandi. Nantsi ke enye, mhlekazi, ekumawaka amahlanu endithe ndayizuza.’ Yaza yathi kuso inkosi yaso: ‘Ngxatsho ke, sicaka sam esilungileyo, esithembekileyo! Ubuthembekile kwizinto ezimbalwa; ndiya kukuphathisa izinto ezininzi. Ngena uchwayite kunye nenkosi yakho.’ “Seza neso sicaka sasinikwe ekumawaka amabini, sathi: ‘Nkosi, ubundigcinise imali ekumawaka amabini eerandi. Nantsi ke, mhlekazi, enye ekumawaka amabini endithe ndayizuza.’ Yaza yathi kuso inkosi yaso: ‘Ngxatsho ke, sicaka sam esilungileyo, esithembekileyo! Ubuthembekile kwizinto ezimbalwa; ndiya kukuphathisa izinto ezininzi. Ngena uchwayite kunye nenkosi yakho.’ “Seza ke neso sicaka sasinikwe ekwiwaka elinyé, sathi: ‘Nkosi, bendikwazi wena ukuba ungumntu ongqongqo, ovuna ongakuhlwayelanga, uqokelele ongakulimanga. Bendisoyika, ndaza ndaya kuyembela ndayifihla imali yakho. Nantsi ke imali yakho, mhlekazi.’ Yaphendula inkosi yaso, yathi kuso: ‘Sicakandini esikhohlakeleyo, esilivila, ubusazi nje ukuba ndingumntu ovuna apho angahlwayelanga khona, aqokelele apho angachithanga khona. Ubumelwe ke ngoko ukuyifaka ebhankini imali yam, ndize ndithi, ndakufika, ndiyifumane inenzala. Ke ngoko esi sicaka sihlutheni iwaka elo, nilinike eso siphethe ekumawaka alishumi. Wonke umntu onolutho uya kunikwa, abe nezinto ngakumbi; kodwa lowo ungenanto uya kuhluthwa naloo nto anayo. Ke sona esi sifede sesicaka siphoseni phandle lee ebumnyameni, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.’ ”

UMATEYU 25:1-30 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ngelo xesha ubukumkani bamazulu buya kufanekiswa neentombi ezilishumi, ezazithabathayo izibane zazo, zaphuma zaya kumkhawulela umyeni. Ezintlanu ke kuzo zaye ziziingqondi, ezintlanu ziziziyatha. Ezo ke ezizizidenge zazithabatha izibane zazo, azaphatha oli nazo. Kodwa eziziingqondi zaphatha ioli ezityeni zazo, kwanezibane zazo. Ke kaloku, akubon’ ukuba ulibele umyeni, zozela zonke zalala. Ke kaloku ezinzulwini zobusuku kwamenyezwa, Nanko umyeni esiza; phumani niye kumkhawulela. Zaza zavuka zonke ezo ntombi, zalungisa izibane zazo. Zathi ke eziziziyatha kweziziingqondi, Sipheni kwioli yenu leyo; ngokuba izibane zethu zicima. Zaphendula ke eziziingqondi, zathi, Hayi; hleze anganeli kuthi nakuni; yiyani kanye kwabathengisayo, nizithengele. Kuthe ke, zisaya kuthenga, wafika umyeni; zaza ezo bezisezilungile zangena naye emsithweni, lwavalwa ke ucango. Zithi ke kamva zifike nezinye iintombi ezo, zisithi, Nkosi, Nkosi, sivulele. Waphendula ke yena wathi, Inene ndithi kuni, andinazi nina. Phaphani ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa. Kaloku ubukumkani bamazulu bunjengomntu owathi, eza kuhambela kwelinye, wabiza abakhe abakhonzi, wayinikela kubo impahla yakhe. Wathi omnye wamnika iitalente zantlanu, omnye zambini, nomnye yaba nye; elowo ngokwamandla akhe; wanduluka kwaoko. Lowo ke wamkela iitalente ezintlanu, waya wasebenza ngazo, wenza esinye isihlanu seetalente. Kwangokunjalo nalowo wamkela ezimbini, naye wazuza esinye isibini. Ke naye lowo wamkela yanye, waya wemba emhlabeni, wayifihla imali yenkosi yakhe. Emva kwexesha elide, ifike inkosi yabo bakhonzi, ibalelane nabo. Weza lowo wamkela iitalente ezintlanu, wazisa esinye isihlanu seetalente phezu kwazo, esithi, Nkosi, wandinika iitalente zantlanu; khangela, ndizuze esinye isihlanu seetalente phezu kwazo. Yathi ke kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho. Weza ke nalowo wamkela iitalente ezimbini, wathi, Nkosi, wandinika iitalente zambini; khangela, ndizuze esinye isibini seetalente phezu kwazo. Yathi kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho. Weza ke nalowo wamkela italente yanye, wathi, Nkosi, bendikwazi wena ukuba ungumntu olukhuni, uvuna apho ubungahlwayelanga khona, ubuthe apho ungelelanga khona; Ndasuka ndoyika, ndaya ndayiselela italente yakho ngomhlaba; nanku unako okwakho. Yaphendula ke inkosi yakhe, yathi kuye, Sisicakandini singendawo, silivila, ubusazi nje ukuba ndivuna apho ndingahlwayelanga khona, ndiqokelele apho ndingahlwayelanga khona; ubumelwe kukuthi ngoko ube ubuyibeke imali yam kubananisi, ndaza ndakufika mna, ndabuya ndakuzuza okwam kunenzala. Mhlutheni ngoko italente leyo, niyinike lowo uneetalente ezilishumi. Kuba wonke umntu onako Uya kunikwa, abe nako ngokugqithiseleyo; ke ongenako, uya kuhluthwa kwanoko anako. Naye umkhonzi ongancedi lutho, mkhupheleni ebumnyameni obungaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

UMATEYU 25:1-30 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

OKO ubukumkani bezulu bofanekiswa nentombi ezilishumi, ezatabatayo izibane zazo, zapuma ukuya kukaulela umyeni. Kekaloku isihlanu kuzo zibe zilumkile, nesihlanu esinye zazinyabile. Ezo zinyabileyo, zitabatile nje izibane zazo, azatabata nazo ioli: kodwa ezilumkileyo zatabata ioli ezityeni zazo kunye nezibane zazo. Zati kekaloku, xa alibalayo umyeni, zozela zonke zalala. Kwaza kwati pakati kwobusuku kwenziwa indanduluko yokuti: Nanku umyeni esiza; pumani ukuya kumkaulela. Zandula zavuka zonke intombi ezo, zalungisa izibane zazo. Zaza ezinyabileyo zati kwezilumkileyo: Sipeni kuyo ioli yenu, ngokuba izibane zetu zicimeka. Kodwa zapendula ezilumkileyo, zisiti: Hai, hleze kuti kunganeli tina nani; hambani ke niye ngokukumbi kwabo batengisayo, nizitengele. Koko nxa bezisiya ukutenga, wafika umyeni: zaza ezo zibe zilungile zangena naye emtshatweni; kwavalwa ke ucango. Zati kamva zafika nezinye intombi, zisiti: Nkosi, Nkosi, sivulele! Kodwa wapendula wati: Ngokwenene nditi kuni, andinazi. Lindani ke ngoko; ngokuba ningayazi imini kwa neyure unyana wesintu uza ngayo. Ngokuba unyana wesintu enjengomntu ehambela kwelinye ilizwe, owabiza izicaka zake, wayinikela kuzo imfuyo yake. Wati ke esinye wasinika italente ntlanu, nesinye wasinika mbini, nesinye wasinika nye; wanika esinye ngesinye ngokwawaso amandla: waza wahambela kwelinye ilizwe kwa oko. Kekaloku eso samkelayo italente ezintlanu saya sasebenza ngazo, senza esinye isihlanu setalente. Kwa njalo neso samkelayo ezimbini, saqweba naso esinye isibini. Kodwa eso samkelayo enye saya semba emhlabeni, sayifihla imali yenkosi yaso. Kekaloku emveni kwexesha elikulu, yeza inkosi yezicaka ezo, yazibuza. Sati ke eso samkelayo italente ezintlanu seza sazisa esinye isihlanu setalente, sisiti: Nkosi! italente ntlanu wabuzinikela kum; kangela, esinye isihlanu setalente ndisiqwebile pezu kwazo. Yaza yati kuso inkosi yaso: Ukolisile, sicaka esilungileyo esinyanisekileyo! ubunyanisekile pezu kwezinto ezincinane, ndokumisela pezu kwezinto ezininzi; ngena eluyolweni lwenkosi yako. Seza ke neso samkelayo italente ezimbini, sati: Nkosi! italente mbini wabuzinikela kum; kangela, esinye isibini setalente ndisiqwebile pezu kwazo. Yati kuso inkosi yaso: Ukolisile, sicaka esilungileyo esinyanisekileyo! ubunyanisekile pezu kwezinto ezincinane, ndokumisela pezu kwezinto ezininzi; ngena eluyolweni lwenkosi yako. Seza ke neso sibe samkele italente enye, sati: Nkosi! ndakwazi wena ukuba ungumntu olukuni, uvuna apo ungahlwayelanga kona, ubuta apo ungaci̔telanga kona; ndaza ndoyika, ndaya ndayifihla italente yako emhlabeni; kangela, unako okukokwako. Yaza yapendula inkosi yaso yati kuso: Sicaka esikohlakeleyo esinqenayo! ubusazi nje ukuba ndiyavuna apo ndingahlwayelanga kona, ndibute apo ndingaci̔telanga kona: ubufanele ngoko ukuba wabeka imali yam kubananisi; ndaye ndinga ndite mna, ndakufika, ndabuya ndamkela okukokwam kunye nokwanda kwako. Mhluteni ngoko italente yake, niyinike kulowo unetalente ezilishumi. Ngokuba bonke abanako beya kupiwa, babeya kwanezelelwa; kanti ongenako, uya kuhlutwa kwa oko anako. Nesicaka esingancedi luto siku̔peleni ebumnyameni obupandle: apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo.