UMATEYU 16:1-20
UMATEYU 16:1-20 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Baza bafika abaFarisi nabaSadusi, bathi, bemlinga, bacela ukuba ababonise umqondiso ophuma emazulwini. Waphendula ke wathi kubo, Ngokuhlwa nithi, Liya kusa; kuba izulu limlilo ukuba bomvu. Kanjalo kusasa nithi, Namhla luqhwithela; kuba izulu limlilo ukuba bomvu, lisibekele. Bahanahanisindini, nikwazi nje ukubucalula ubuso bezulu, ke yona imiqondiso yamaxesha aninako na ukuyicalula? Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, singxamele umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti. Wabashiya wemka. Bakufika ke abafundi bakhe ngaphesheya, bathi kanti bakulibele ukuphatha izonka. Wathi ke uYesu kubo, Ligqaleni nililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi. Baye ke bona becamanga phakathi kwabo, besithi, Útsho ngokuba singaphathanga zonka. Ekwazi ke oko uYesu, wathi kubo, Ehlani, nina balukholo luncinane! Yini na ukuba nicamange phakathi kwenu, ngokuba ningaphathanga zonka? Anikaqiqi na, anizikhumbuli na izonka ezihlanu zamawaka amahlanu, nokuba zazingaphi na izitya enazithabathayo? Kwanezonka ezisixhenxe zamawaka amané, nokuba zazingaphi na iingobozi enazithabathayo? Yini na le nto ningaqiqiyo, ukuba bendingàtsho ngasonka, ukuthi kuni, manililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi? Bandula ukuqonda, ukuba ubengàtsho ukuthi mabalumkele igwele lesonka; ubesithi mabalumkele imfundiso yabaFarisi nabaSadusi. Akufika uYesu emacaleni aseKesareya yakwaFilipu, wababuza abafundi bakhe, esithi, Bathi abantu ndingubani na mna, Nyana woMntu? Bathi ke bona, Inxenye ithi, ùnguYohane umbhaptizi; abanye bathi, ùnguEliya; bambi bathi, ùnguYeremiya, mhlawumbi ungomnye wakubaprofeti. Athi kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Waphendula ke uSimon Petros wathi, Wena unguye uKristu,• unyana kaThixo ophilileyo. Waphendula uYesu wathi kuye, Ùnoyolo, Simon kaYona, ngokuba akukutyhilelwanga oku yinyama negazi, ukutyhilelwe nguBawo osemazulwini. Nam ke, ndithi kuwe, UnguPetros wena; ndiya kulakhela phezu kolu lwalwa ibandla lam, namasango elabafileyo akayi kuloyisa. Ndiya kukunika izitshixo zobukumkani bamazulu; kuthi ke othe wakubopha emhlabeni, kubopheke emazulwini; kuthi othe wakukhulula emhlabeni, kukhululeke emazulwini. Wabayala abafundi bakhe, ukuba bangaxeleli bani ukuba yena unguYesu uKristu.
UMATEYU 16:1-20 IBHAYIBHILE (XHO96)
*AbaFarasi *nabaSadusi beza kuYesu, bathi bemlinga bacela okokuba ababonise umqondiso ophuma ezulwini. Waphendula ke wathi kubo: [“Ukutshona kwelanga nithi: ‘Liya kuba lihle, kuba amafu abomvu.’ Kusasa nithi: ‘Namhlanje liza kuna, kuba lisibekele.’ Niyayahlula ke imo yezulu. Kutheni na phofu ningayahluli nje imiqondiso yeli xesha sikulo?] Sisizukulwana esikhohlakeleyo, nesikrexezayo ngokunganyaniseki kuThixo, esifuna umqondiso; kwaye asiyi kunikwa mqondiso ngaphandle komqondiso kaJona.” Wabashiya ke wemka. Ekuluweleni kwabo abafundi bakaYesu uLwandle lwaseGalili, bâlibala ukuphatha isonka; waza uYesu wathi kubo: “Ligqaleni nililumkele igwele *labaFarasi *nabaSadusi.” Bona ke babesithi omnye komnye: “Útsho ngokuba singaphathanga zonka.” UYesu, ekwazi oko bakuthethayo, wathi kubo: “Yini na ukuba nithethe ngokungabi nazonka, nina balukholo luncinane? Anikaqondi na? Anikhumbuli na ukuba zazingaphi iingobozi ezazizele yintsalela okuya ndandiqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu? Anikhumbuli na ukuba zazingaphi iibhaskiti ezazizele yintsalela okuya ndandiqhekezela amawaka amane izonka ezisixhenxe? Yini na okokuba ningaqondi ukuba bendingathethi sonka xa bendisithi kuni: ‘Lilumkeleni igwele labaFarasi nabaSadusi’?” Baqonda ke ngoko ukuba uYesu ubengàtsho ukuthi mabalumkele igwele lesonka, koko wayesithi mabalumkele imfundiso yabaFarasi nabaSadusi. UYesu efikile kummandla waseKhesariya-Filipi, wababuza abafundi bakhe, esithi: “Ngaba abantu bathi ùngubani na *uNyana woLuntu?” Bamphendula besithi: “Abathile bathi ùnguYohane umbhaptizi. Abanye bathi ùnguEliya; babe abanye besithi ùnguJeremiya, okanye ùngomnye *wabashumayeli bamandulo.” Wathi kubo: “Ke nina nithi ndingubani?” Waphendula uSimon Petros wathi: “Wena unguye *uKrestu, uNyana kaThixo ophilayo.” Waphendula uYesu wathi kuye: “Unethamsanqa wena, Simon nyana kaJona, kuba le nto akuyityhilelwanga ngumntu, uyityhilelwe nguBawo osezulwini. Nam ke, ndithi kuwe: UnguPetros, igama elithetha ulwalwa; ndiya kulakhela kolu lwalwa ke ibandla lam, kwaye namandla okufa akayi kuloyisa. Ndiya kukunika igunya kulawulo olutsha lukaThixo. Kuya kuthi okubophileyo emhlabeni, kubotshwe nasezulwini; kuthi nokukhululeyo emhlabeni, kukhululwe nasezulwini.” Wabayala ke abafundi bakhe ukuba bangaxeleli bani ukuba yena unguye uKrestu.
UMATEYU 16:1-20 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bafika ke abaFarisi nabaSadusi, bathi, bemlinga, bacela ukuba ababonise umqondiso ophuma ezulwini. Waphendula ke wathi kubo, Ngokuhlwa nithi, Liya kusa; kuba izulu limlilo ukuba bomvu. Kanjalo kusasa nithi, Namhla luqhwithela; kuba izulu limlilo ukuba bomvu, lisibekele. Bahanahanisindini, niyakwazi ukubucalula ubuso bezulu; Ke imiqondiso yamaxesha aninako na ukuyicalula? Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, sifuna umqondiso; kwaye asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti. Wabashiya ke wemka. Bakufika abafundi bakhe ngaphesheya, baye balibele ukuphatha izonka. Wathi ke uYesu kubo, Ligqaleni nililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi. Baye becamanga phakathi kwabo, besithi, Kungokuba singaphathanga zonka. Ekwazi ke oko uYesu, wathi kubo, Ehlani, nina balukholo luncinane! Yini na ukuba nicamange, ngokuba ningaphathanga zonka? Anikaqondi na, anizikhumbuli na izonka ezihlanu zamawaka amahlanu, nokuba zazingaphi na iingobozi enazithabathayo? Kwanezonka ezisixhenxe zamawaka amane, nokuba zazingaphi na iingobozi enazithabathayo? Yini na le nto ningaqondi, ukuba bendingatsho ngasonka, ukuthi kuni, manililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi? Bandula ukuqonda, ukuba ubengatsho ukuthi mabalumkele igwele lesonka; ubesithi mabalumkele imfundiso yabaFarisi nabaSadusi. Akufika uYesu emacaleni aseKesareya yakwaFilipu, wababuza abafundi bakhe, esithi, Bathi abantu ndingubani na mna, Nyana woMntu? Bayesithi ke bona, Inxenye ithi, UnguYohane umbhaptizi; bambi bathi, UnguYeremiya, mhlawumbi ungomnye wakubaprofeti. Athi kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Waphendula ke uSimon Petros wathi, Wena unguye uKristu, uNyana kaThixo ophilileyo. Waphendula uYesu wathi kuye, Unoyolo, Simon kaYona, ngokuba akukutyhilelwanga oku yinyama negazi, ukutyhilelwe nguBawo osemazulwini. Nam ke, ndithi kuwe, UnguPetros wena; ndiya kulakhela phezu kolu lwalwa ibandla lam; kwaye amasango esihogo akayi koyisa ngokuchasene nayo. Ndiya kukunika izitshixo zobukumkani bamazulu; kuthi ke othe wakubopha emhlabeni, kubopheke emazulwini; kuthi othe wakukhulula emhlabeni, kukhululeke emazulwini. Wabayala abafundi bakhe, ukuba bangaxeleli bani ukuba yena unguye uKristu.
UMATEYU 16:1-20 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
BAZA bafika abafarisi nabasadusi bemlinga, bacela kuye ukuba makababonise umqondiso uvela ezulwini. Koko wapendula wati kubo: kwakuba kuhlwile niti: Kwobako ukuzola; ngokuba izulu libomvu. Kanjalo kwakusa niti; Namhla kwobako uqwitela; ngokuba izulu libomvu lisibekela. Zihanahanisindini! ukubonakala kwezulu okunene niyazi ukukuqiqa; kodwa aningeyiqiqe na imiqondiso yalamaxesha? Isizukulwana esikohlakeleyo nesibuṙexeza siyafuna umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, kupela umqondiso ka‐Jona umprofite. Waza wabashiya, wemka. Kekaloku bakufika abadisipile bake ecaleni elingapesheya, bebelibele ukutabata nabo izonka. Wayesiti u‐Yesu kubo: Lumkani nilumkele igwele labafarisi nabasadusi. Baza bapikisana omnye nomnye, besiti: Utsho, ngokuba singatabatanga nati izonka. Wayekwazi oku u‐Yesu, wati kubo: Yinina ukuba nipikisane omnye nomnye, nina balukolo luncinane! ngokuba ningatabatanga nani izonka? Anikaqondi na, anizikumbuli na kanjalo izonka ezihlanu zamawaka amahlanu, nezitya enazicolayo ukuba zingapina? kwa nezonka ezisixe̔nxe zamawaka amane, nengobozi enazicolayo ukuba zingapina? Yinina lento ningaqondi ukuba bekungengaso isonka endatshoyo kuni ukuti manilumkele igwele labafarisi nabasadusi? Bandula baqonda ukuba akatshongo ukuti mabalumkele igwele lesonka, kodwa mabalumkele imfundiso yabafarisi nabasadusi. Kekaloku akufika u‐Yesu ezahlulweni zase‐Kesareya‐filipi, wabuza kubadisipile bake, esiti: Ngubanina abati abantu ndinguye, mna nyana wesintu? Baye besiti: Bati inxenye ngu‐Johane umbapitizeshi; bati abanye ngu‐Elija; bati abanye ngu‐Jeremiya, umhlaumbi ngowabaprofite. Wati kubo: Kodwa ngubanina eniti nina ndinguye? Wapendula u‐Simone Petrosi wati: Wena unguye u‐Kristu, unyana KATIXO ohleliyo. Waza wapendula u‐Yesu wati kuye: Unetamsanqa, Simone, Bara‐jona! ngokuba ingeyiyo inyama negazi ekutyileleyo oku, NGUBAWO osezulwini. Kanjalo nam nditi kuwe: Wena ungu‐Petrosi, ndandiya kuyaka pezu kwolulwalwa iṙemente yam, ati amasango ehadesi angayoyisi. Ndandiya kunika kuwe izilotile zobukumkani bezulu; yoti into usukuba uyinxiba emhlabeni inxitywe ezulwini; yoti into usukuba uyikulula emhlabeni ikululwe ezulwini. Wandula wabayala abadisipile bake, ukuba mabangaxeleli mntu ukuba ungu‐Yesu u‐Kristu.