Ivangeli ka‐Mateyu 16:1-20

Ivangeli ka‐Mateyu 16:1-20 XHO1902A

BAZA bafika abafarisi nabasadusi bemlinga, bacela kuye ukuba makababonise umqondiso uvela ezulwini. Koko wapendula wati kubo: kwakuba kuhlwile niti: Kwobako ukuzola; ngokuba izulu libomvu. Kanjalo kwakusa niti; Namhla kwobako uqwitela; ngokuba izulu libomvu lisibekela. Zihanahanisindini! ukubonakala kwezulu okunene niyazi ukukuqiqa; kodwa aningeyiqiqe na imiqondiso yalamaxesha? Isizukulwana esikohlakeleyo nesibuṙexeza siyafuna umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, kupela umqondiso ka‐Jona umprofite. Waza wabashiya, wemka. Kekaloku bakufika abadisipile bake ecaleni elingapesheya, bebelibele ukutabata nabo izonka. Wayesiti u‐Yesu kubo: Lumkani nilumkele igwele labafarisi nabasadusi. Baza bapikisana omnye nomnye, besiti: Utsho, ngokuba singatabatanga nati izonka. Wayekwazi oku u‐Yesu, wati kubo: Yinina ukuba nipikisane omnye nomnye, nina balukolo luncinane! ngokuba ningatabatanga nani izonka? Anikaqondi na, anizikumbuli na kanjalo izonka ezihlanu zamawaka amahlanu, nezitya enazicolayo ukuba zingapina? kwa nezonka ezisixe̔nxe zamawaka amane, nengobozi enazicolayo ukuba zingapina? Yinina lento ningaqondi ukuba bekungengaso isonka endatshoyo kuni ukuti manilumkele igwele labafarisi nabasadusi? Bandula baqonda ukuba akatshongo ukuti mabalumkele igwele lesonka, kodwa mabalumkele imfundiso yabafarisi nabasadusi. Kekaloku akufika u‐Yesu ezahlulweni zase‐Kesareya‐filipi, wabuza kubadisipile bake, esiti: Ngubanina abati abantu ndinguye, mna nyana wesintu? Baye besiti: Bati inxenye ngu‐Johane umbapitizeshi; bati abanye ngu‐Elija; bati abanye ngu‐Jeremiya, umhlaumbi ngowabaprofite. Wati kubo: Kodwa ngubanina eniti nina ndinguye? Wapendula u‐Simone Petrosi wati: Wena unguye u‐Kristu, unyana KATIXO ohleliyo. Waza wapendula u‐Yesu wati kuye: Unetamsanqa, Simone, Bara‐jona! ngokuba ingeyiyo inyama negazi ekutyileleyo oku, NGUBAWO osezulwini. Kanjalo nam nditi kuwe: Wena ungu‐Petrosi, ndandiya kuyaka pezu kwolulwalwa iṙemente yam, ati amasango ehadesi angayoyisi. Ndandiya kunika kuwe izilotile zobukumkani bezulu; yoti into usukuba uyinxiba emhlabeni inxitywe ezulwini; yoti into usukuba uyikulula emhlabeni ikululwe ezulwini. Wandula wabayala abadisipile bake, ukuba mabangaxeleli mntu ukuba ungu‐Yesu u‐Kristu.