Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uMateyu 16:1-20

uMateyu 16:1-20 CXB24

Bafika ke abaFarisi nabaSadusi, bathi, bemlinga, bacela ukuba ababonise umqondiso ophuma ezulwini. Waphendula ke wathi kubo, Ngokuhlwa nithi, Liya kusa; kuba izulu limlilo ukuba bomvu. Kanjalo kusasa nithi, Namhla luqhwithela; kuba izulu limlilo ukuba bomvu, lisibekele. Bahanahanisindini, niyakwazi ukubucalula ubuso bezulu; Ke imiqondiso yamaxesha aninako na ukuyicalula? Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, sifuna umqondiso; kwaye asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti. Wabashiya ke wemka. Bakufika abafundi bakhe ngaphesheya, baye balibele ukuphatha izonka. Wathi ke uYesu kubo, Ligqaleni nililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi. Baye becamanga phakathi kwabo, besithi, Kungokuba singaphathanga zonka. Ekwazi ke oko uYesu, wathi kubo, Ehlani, nina balukholo luncinane! Yini na ukuba nicamange, ngokuba ningaphathanga zonka? Anikaqondi na, anizikhumbuli na izonka ezihlanu zamawaka amahlanu, nokuba zazingaphi na iingobozi enazithabathayo? Kwanezonka ezisixhenxe zamawaka amane, nokuba zazingaphi na iingobozi enazithabathayo? Yini na le nto ningaqondi, ukuba bendingatsho ngasonka, ukuthi kuni, manililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi? Bandula ukuqonda, ukuba ubengatsho ukuthi mabalumkele igwele lesonka; ubesithi mabalumkele imfundiso yabaFarisi nabaSadusi. Akufika uYesu emacaleni aseKesareya yakwaFilipu, wababuza abafundi bakhe, esithi, Bathi abantu ndingubani na mna, Nyana woMntu? Bayesithi ke bona, Inxenye ithi, UnguYohane umbhaptizi; bambi bathi, UnguYeremiya, mhlawumbi ungomnye wakubaprofeti. Athi kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Waphendula ke uSimon Petros wathi, Wena unguye uKristu, uNyana kaThixo ophilileyo. Waphendula uYesu wathi kuye, Unoyolo, Simon kaYona, ngokuba akukutyhilelwanga oku yinyama negazi, ukutyhilelwe nguBawo osemazulwini. Nam ke, ndithi kuwe, UnguPetros wena; ndiya kulakhela phezu kolu lwalwa ibandla lam; kwaye amasango esihogo akayi koyisa ngokuchasene nayo. Ndiya kukunika izitshixo zobukumkani bamazulu; kuthi ke othe wakubopha emhlabeni, kubopheke emazulwini; kuthi othe wakukhulula emhlabeni, kukhululeke emazulwini. Wabayala abafundi bakhe, ukuba bangaxeleli bani ukuba yena unguye uKristu.