UMATEYU 16
16
Igwele labaFarisi
(UMarko 8:11-21)
1Baza bafika abaFarisi nabaSadusi, bathi, bemlinga, bacela ukuba ababonise umqondiso ophuma emazulwini. 2Waphendula ke wathi kubo, Ngokuhlwa nithi, Liya kusa; kuba izulu limlilo ukuba bomvu. 3Kanjalo kusasa nithi, Namhla luqhwithela; kuba izulu limlilo ukuba bomvu, lisibekele. Bahanahanisindini, nikwazi nje ukubucalula ubuso bezulu, ke yona imiqondiso yamaxesha aninako na ukuyicalula? 4Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, singxamele umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti. Wabashiya wemka.
5Bakufika ke abafundi bakhe ngaphesheya, bathi kanti bakulibele ukuphatha izonka. 6Wathi ke uYesu kubo, Ligqaleni nililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi. 7Baye ke bona becamanga phakathi kwabo, besithi, Útsho ngokuba singaphathanga zonka.
8Ekwazi ke oko uYesu, wathi kubo, Ehlani, nina balukholo luncinane! Yini na ukuba nicamange phakathi kwenu, ngokuba ningaphathanga zonka? 9Anikaqiqi na, anizikhumbuli na izonka ezihlanu zamawaka amahlanu, nokuba zazingaphi na izitya enazithabathayo? 10Kwanezonka ezisixhenxe zamawaka amané, nokuba zazingaphi na iingobozi enazithabathayo? 11Yini na le nto ningaqiqiyo, ukuba bendingàtsho ngasonka, ukuthi kuni, manililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi? 12Bandula ukuqonda, ukuba ubengàtsho ukuthi mabalumkele igwele lesonka; ubesithi mabalumkele imfundiso yabaFarisi nabaSadusi.
UPetros uvuma ukuba uYesu unguKristu
(UMarko 8:27-30; uLuka 9:18-20; uYoh. 6:66-69)
13Akufika uYesu emacaleni aseKesareya yakwaFilipu, wababuza abafundi bakhe, esithi, Bathi abantu ndingubani na mna, Nyana woMntu? 14Bathi ke bona, Inxenye ithi, ùnguYohane umbhaptizi; abanye bathi, ùnguEliya; bambi bathi, ùnguYeremiya, mhlawumbi ungomnye wakubaprofeti. 15Athi kubo, Ke nina nithi ndingubani na? 16Waphendula ke uSimon Petros wathi, Wena unguye uKristu,• unyana kaThixo ophilileyo.
17Waphendula uYesu wathi kuye, Ùnoyolo, Simon kaYona, ngokuba akukutyhilelwanga oku yinyama negazi, ukutyhilelwe nguBawo osemazulwini. 18Nam ke, ndithi kuwe, UnguPetros wena; ndiya kulakhela phezu kolu lwalwa ibandla lam, namasango elabafileyo akayi kuloyisa. 19Ndiya kukunika izitshixo zobukumkani bamazulu; kuthi ke othe wakubopha emhlabeni, kubopheke emazulwini; kuthi othe wakukhulula emhlabeni, kukhululeke emazulwini. 20Wabayala abafundi bakhe, ukuba bangaxeleli bani ukuba yena unguYesu uKristu.
UYesu uxela kwangaphambili ukufa nokuvuka kwakhe
(UMarko 8:31-33; uLuka 9:21-22)
21Waqalela kwelo xa uYesu ukubabonisa abafundi bakhe, okokuba umelwe kukuba aye eYerusalem, eve ubunzima obukhulu kuwo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu, nababhali, abulawe, athi ngomhla wesithathu avuke. 22Wathi uPetros emthabathele kuye, waqala ukumkhalimela, esithi, Makube camagu kuwe, Nkosi; oko akuyi kukha kubekho kuwe. 23Wajika ke wathi kuPetros, Suka uye emva kwam, Sathana,• usisikhubekiso kum; ngokuba ungazinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekela ezabantu.
Ukuzincama
(UMarko 8:34; 9:1; uLuka 9:23-27)
24Wandula wathi uYesu kubafundi bakhe, Ukuba kukho othanda ukundilandela, makazincame ngokwakhe, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele. 25Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowufumana. 26Kuba, kumnceda ntoni na umntu, ukuba uthe wazuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ke ngumphefumlo wakhe? Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe? 27Kuba uNyana woMntu uza kuza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe, andule ukubavuza bonke ngabanye ngokokwenza kwabo. 28Inene, ndithi kuni, Kwabemiyo apha kukho abangayi kukha beve kufa, bade bambone uNyana woMntu esiza, esebukumkanini bakhe.
Currently Selected:
UMATEYU 16: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.