UMATEYU 14:1-21
UMATEYU 14:1-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngelo xesha uHerode, umphathi wesahlulo sesiné selizwe, waluva udaba lukaYesu, wathi kubakhonzi bakhe, Lo nguYohane umbhaptizi. Yena uvukile kwabafileyo; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyasebenza kuye. Kuba uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu, umninawa wakhe. Kuba wayethe uYohane kuye, Akuvumelekile ukuba ube naye. Wathi efuna ukumbulala, woyika abantu; ngokuba babebambe ukuthi ungumprofeti. Ke kaloku, kwakubon' ukuba kwenziwa isikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, yathi intombi kaHerodiya yangqungqa esazulwini, yamkholisa uHerode. Ekuthe ke koko wayithembisa ngesifungo ukuba woyinika oko ingakucelayo. Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi, Ndinike apha ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi. Wesuka ukumkani waba buhlungu; ke, ngenxa yezifungo ezo nangenxa yabo babehleli ngasesithebeni naye, watsho ukuthi mayiyinikwe. Wasusa umntu, wamnqumla uYohane intloko entolongweni apho. Yaziswa intloko yakhe ngesitya, yanikwa intombazana leyo, yathi yona yayisa kunina. Bafika abafundi bakhe, basithabatha isidumbu, basingcwaba; baya babikela uYesu. Evile ke uYesu, wemka apho ngomkhombe, waya endaweni eyintlango eyedwa. Zivile ke izihlwele, zamlandela ngeenyawo, zivela emizini. Ephumile ke uYesu, wabona into eninzi yabantu, wasikwa yimfesane ngabo, wayiphilisa imilwelwe yabo. Kuthe ke kwakuhlwa, beza kuye abafundi bakhe, besithi, Le ndawo iyintlango, kanjalo ilixa lise lidlule; zindulule izihlwele, zimke ziye emizaneni, zizithengele ukudla. Uthe ke kubo uYesu, Akufuneki ukuba zimke; zipheni nina zitye. Bathi ke bona kuye, Asinanto apha, ingezizo izonka ezihlanu neentlanzi ezimbini. Wathi ke yena, Ziziseni kum apha. Wathi izihlwele mazingqengqe phantsi engceni; wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi, ekhangele ezulwini, wasikelela; waqhekeza, wazinika abafundi izonka ezo; ke abafundi banika izihlwele. Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, zalishumi elinazibini izitya zizele. Ke kaloku abo babesidla babengamadoda akumawaka amahlanu, ngaphandle kwabafazi nabantwana.
UMATEYU 14:1-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngelo xesha uHerode, owayephethe, waziva iindaba ezingoYesu, waza wathi kwizicaka zakhe: “Lo nguYohane umbhaptizi. Uvukile kwabafileyo; yiyo le nto anamandla okwenza ezi zinto.” Kaloku uHerode wambamba uYohane, wamkhonkxa, wamfaka entolongweni. Oku wakwenza ngenxa yokuba yena Herode wayehlalisana noHerodiya umka-Filipu, umninawe wakhe. UYohane wasola uHerode, wamxelela ukuba akuvumelekanga ukuba ahlalisane naye. UHerode wafuna ukumbulala uYohane, kodwa wayesoyika abantu, kuba babesithi ungomnye *wabashumayeli bamandulo. Ngomhla wesikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, intombi kaHerodiya yangqungqa phambi kwababekho kwelo theko, yamkholisa uHerode, waza wayithembisa efunga okokuba woyinika nantoni na esukuba iyicela. Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi: “Ndinike ngoku ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi.” Waba buhlungu ukumkani, kodwa ngenxa yesifungo, nangenxa yâbo babesethekweni kunye naye, wathi mayiyinikwe; wathumela okokuba uYohane anqunyulwe intloko entolongweni apho. Yeziswa ke ngesitya intloko yakhe, yanikwa intombi leyo, eyathi yona yayisa kunina. Beza ke abafundi bakaYohane, basithatha isidumbu sakhe, basingcwaba; baza baya kuxelela uYesu. UYesu, evile ngokufa kukaYohane, wemka ngesikhitshana, waya kwindawo engenabantu eyedwa. Bekuvile oku abantu, baya kuye ngeenyawo, bevela ezidolophini. Ehlile ke esikhitshaneni, uYesu wabona isihlwele sabantu, wavelana naso, wabaphilisa abagulayo ababekuso. Kwakuhlwa abafundi bakaYesu beza kuye, bathi: “Le ndawo ayinamizi, nexesha selimkile; bandulule abantu bemke, baye ezidolophaneni, bazithengele ukutya.” Kodwa uYesu wathi kubo: “Akukho mfuneko yakuba bemke. Bapheni nina ukutya.” Bathi ke kuye: “Asinakutya apha. Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini kuphela.” Wathi: “Ziziseni apha.” Esiyalele isihlwele ukuba sihlale phantsi engceni, wazithatha ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wathi ekhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza izonka, wazinika abafundi bakhe, baza bazabela abantu. Batya ke bonke bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo. Amadoda atyáyo aba kumawaka amahlanu, bengekho kwelo nani abafazi nabantwana.
UMATEYU 14:1-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngelo xesha uHerode, umphathi wesahlulo sesine selizwe, waluva udaba lukaYesu, wathi kubakhonzi bakhe, Lo nguYohane umbhaptizi; uvukile kwabafileyo; kungoko kubonakala kuye imisebenzi yamandla. Kuba uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni, ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu, umninawa wakhe. Kuba wayethe uYohane kuye, Akuvumelekile ukuba ube naye. Uthe ke eza kumbulala, woyika abantu, ngokuba babesithi ungumprofeti. Kwakubon’ ukuba kwenziwa isikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, yathi intombi kaHerodiya yangqungqa, yamkholisa uHerode. Ekubeni wayithembisa ngesifungo ukuba woyinika oko ingakucelayo. Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi, Ndinike apha ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi. Waba buhlungu ukumkani, kodwa, ngenxa yesifungo, nangenxa yabo babehleli naye esithebeni, wathi mayinikwe. Wasusa umntu, wamnqumla uYohane intloko entolongweni apho. Yaziswa intloko yakhe ngesitya, yanikwa intombazana leyo, yathi yona yayisa kunina. Beza abafundi bakhe, basithabatha isidumbu, basingcwaba; baya babikela uYesu. Evile ke uYesu, wemka apho ngomkhombe, waya endaweni eyintlango eyedwa. Ephumile ke uYesu, wabona into eninzi yabantu, wasikwa yimfesane ngabo, wayiphilisa imilwelwe yabo. Kuthe ke kwakuhlwa, beza kuye abafundi bakhe, besithi, Le ndawo iyintlango, kanjalo ilixa lise lidlule; zindulule izihlwele, ziye emizaneni, zizithengele ukudla. Wathi kubo uYesu, Akufuneki ukuba zimke; zipheni nina zitye. Bathi ke bona kuye, Asinanto apha, ingezizo izonka ezihlanu neentlanzi ezimbini. Wathi ke yena, Ziziseni kum apha. Wathi izihlwele mazingqengqe phantsi engceni, wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi, ekhangele ezulwini, wasikelela; waziqhekeza ke izonka ezo, wazinika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele. Badla ke bonke bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo. Ke kaloku abo babesidla babengamadoda akumawaka amahlanu, ngaphandle kwabafazi nabantwana.
UMATEYU 14:1-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NGELOXESHA weva u‐Herodi inkosi udumo luka‐Yesu, wati ezicakeni zake: Lo unguye u‐Johane umbapitizeshi; uvukile ekufeni; kungako oku ezizenzo zamandla zisebenzeka kuye. Ngokuba u‐Herodi ebembambile u‐Johane, wamnxiba, wamfaka entolongweni, ngenxa ka‐Herodiya, umfazi ka‐Filipi umninawe wake. Ngokuba u‐Johane ebesiti kuye: Akufanelekile kuwe ukuba ube naye. Wati akufuna ukumbulala, waboyika abantu, ngokuba bebembala ukuba ungumprofite. Kodwa kwakugcinwa imini yokuzalwa kuka‐Herodi, yaduda intombi ka‐Herodiya pakati kwabo, yamkolisa u‐Herodi. Kukona wavumayo ngesifungo ukuba uya kuyinika oko isukuba icela kona. Yaza yona, iqu̔tyiwe ngunina nje, yati: Ndinike apa pezu kwesikotile intloko ka‐Johane umbapitizeshi. Wayelusizi ke ukumkani lowo; kodwa, ngenxa yesifungo nabo babehleli ekutyeni ndawonye naye, waxela ukuba mayinikwe. Watuma ke, wanqumla u‐Johane intloko entolongweni apo. Yaza yaziswa intloko yake pezu kwesikotile, yanikwa kwintombazana leyo; yati yona yayisa kunina. Beza abadisipile bake, bawususa umzimba, bawuncw̔aba, baya bamshumayeza u‐Yesu. Wati u‐Yesu akuva oko, wemka apo ngenqanawa waya endaweni elubala ngasese; zati zakuva izihlwele, zamlandela ngenyawo zivela ezixekweni. Waza u‐Yesu epumile nje wabona abantu abaninzi, wabetwa lusizi pezu kwabo, wabapilisa abafayo babo. Kekaloku kwakuhlwa, beza kuye abadisipile bake, besiti: Lendawo ilubala; ixesha selidlule kanjalo; zindulule izihlwele, ize zimke ziye emizini zizitengele ukudla. Kodwa u‐Yesu wati kubo: Azifanele ukumka; zipeni nina ukuba zitye. Baza bati kuye: Asinanto apa, kupela izonka zizihlanu nentlanzi zizimbini. Wayesiti: Zisani zona kum apa. Waza wayalela izihlwele ukuba zihlale pantsi etyanini, watabata izonka zozihlanu nentlanzi zombini, wati, ekangele ngasezulwini, wabulela, waqezula, wanikela izonka kubadisipile, bati abadisipile banikela kwizihlwele. Batya ke bonke, bahluta: kanjalo kwasuswa amaqezu aseleyo, izitya zazilishumi linazibini zizele. Kekaloku abo babesitya bebengamadoda anga amawaka mahlanu, ngapandle kwabafazi nabantwana.