Ivangeli ka‐Mateyu 14:1-21

Ivangeli ka‐Mateyu 14:1-21 XHO1902A

NGELOXESHA weva u‐Herodi inkosi udumo luka‐Yesu, wati ezicakeni zake: Lo unguye u‐Johane umbapitizeshi; uvukile ekufeni; kungako oku ezizenzo zamandla zisebenzeka kuye. Ngokuba u‐Herodi ebembambile u‐Johane, wamnxiba, wamfaka entolongweni, ngenxa ka‐Herodiya, umfazi ka‐Filipi umninawe wake. Ngokuba u‐Johane ebesiti kuye: Akufanelekile kuwe ukuba ube naye. Wati akufuna ukumbulala, waboyika abantu, ngokuba bebembala ukuba ungumprofite. Kodwa kwakugcinwa imini yokuzalwa kuka‐Herodi, yaduda intombi ka‐Herodiya pakati kwabo, yamkolisa u‐Herodi. Kukona wavumayo ngesifungo ukuba uya kuyinika oko isukuba icela kona. Yaza yona, iqu̔tyiwe ngunina nje, yati: Ndinike apa pezu kwesikotile intloko ka‐Johane umbapitizeshi. Wayelusizi ke ukumkani lowo; kodwa, ngenxa yesifungo nabo babehleli ekutyeni ndawonye naye, waxela ukuba mayinikwe. Watuma ke, wanqumla u‐Johane intloko entolongweni apo. Yaza yaziswa intloko yake pezu kwesikotile, yanikwa kwintombazana leyo; yati yona yayisa kunina. Beza abadisipile bake, bawususa umzimba, bawuncw̔aba, baya bamshumayeza u‐Yesu. Wati u‐Yesu akuva oko, wemka apo ngenqanawa waya endaweni elubala ngasese; zati zakuva izihlwele, zamlandela ngenyawo zivela ezixekweni. Waza u‐Yesu epumile nje wabona abantu abaninzi, wabetwa lusizi pezu kwabo, wabapilisa abafayo babo. Kekaloku kwakuhlwa, beza kuye abadisipile bake, besiti: Lendawo ilubala; ixesha selidlule kanjalo; zindulule izihlwele, ize zimke ziye emizini zizitengele ukudla. Kodwa u‐Yesu wati kubo: Azifanele ukumka; zipeni nina ukuba zitye. Baza bati kuye: Asinanto apa, kupela izonka zizihlanu nentlanzi zizimbini. Wayesiti: Zisani zona kum apa. Waza wayalela izihlwele ukuba zihlale pantsi etyanini, watabata izonka zozihlanu nentlanzi zombini, wati, ekangele ngasezulwini, wabulela, waqezula, wanikela izonka kubadisipile, bati abadisipile banikela kwizihlwele. Batya ke bonke, bahluta: kanjalo kwasuswa amaqezu aseleyo, izitya zazilishumi linazibini zizele. Kekaloku abo babesitya bebengamadoda anga amawaka mahlanu, ngapandle kwabafazi nabantwana.