UMATEWU 14:1-21

UMATEWU 14:1-21 XHO96

Ngelo xesha uHerode, owayephethe, waziva iindaba ezingoYesu, waza wathi kwizicaka zakhe: “Lo nguYohane umbhaptizi. Uvukile kwabafileyo; yiyo le nto anamandla okwenza ezi zinto.” Kaloku uHerode wambamba uYohane, wamkhonkxa, wamfaka entolongweni. Oku wakwenza ngenxa yokuba yena Herode wayehlalisana noHerodiya umka-Filipu, umninawe wakhe. UYohane wasola uHerode, wamxelela ukuba akuvumelekanga ukuba ahlalisane naye. UHerode wafuna ukumbulala uYohane, kodwa wayesoyika abantu, kuba babesithi ungomnye *wabashumayeli bamandulo. Ngomhla wesikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, intombi kaHerodiya yangqungqa phambi kwababekho kwelo theko, yamkholisa uHerode, waza wayithembisa efunga okokuba woyinika nantoni na esukuba iyicela. Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi: “Ndinike ngoku ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi.” Waba buhlungu ukumkani, kodwa ngenxa yesifungo, nangenxa yâbo babesethekweni kunye naye, wathi mayiyinikwe; wathumela okokuba uYohane anqunyulwe intloko entolongweni apho. Yeziswa ke ngesitya intloko yakhe, yanikwa intombi leyo, eyathi yona yayisa kunina. Beza ke abafundi bakaYohane, basithatha isidumbu sakhe, basingcwaba; baza baya kuxelela uYesu. UYesu, evile ngokufa kukaYohane, wemka ngesikhitshana, waya kwindawo engenabantu eyedwa. Bekuvile oku abantu, baya kuye ngeenyawo, bevela ezidolophini. Ehlile ke esikhitshaneni, uYesu wabona isihlwele sabantu, wavelana naso, wabaphilisa abagulayo ababekuso. Kwakuhlwa abafundi bakaYesu beza kuye, bathi: “Le ndawo ayinamizi, nexesha selimkile; bandulule abantu bemke, baye ezidolophaneni, bazithengele ukutya.” Kodwa uYesu wathi kubo: “Akukho mfuneko yakuba bemke. Bapheni nina ukutya.” Bathi ke kuye: “Asinakutya apha. Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini kuphela.” Wathi: “Ziziseni apha.” Esiyalele isihlwele ukuba sihlale phantsi engceni, wazithatha ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wathi ekhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza izonka, wazinika abafundi bakhe, baza bazabela abantu. Batya ke bonke bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo. Amadoda atyáyo aba kumawaka amahlanu, bengekho kwelo nani abafazi nabantwana.