uMateyu 14:1-21

uMateyu 14:1-21 CXB24

Ngelo xesha uHerode, umphathi wesahlulo sesine selizwe, waluva udaba lukaYesu, wathi kubakhonzi bakhe, Lo nguYohane umbhaptizi; uvukile kwabafileyo; kungoko kubonakala kuye imisebenzi yamandla. Kuba uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni, ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu, umninawa wakhe. Kuba wayethe uYohane kuye, Akuvumelekile ukuba ube naye. Uthe ke eza kumbulala, woyika abantu, ngokuba babesithi ungumprofeti. Kwakubon’ ukuba kwenziwa isikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, yathi intombi kaHerodiya yangqungqa, yamkholisa uHerode. Ekubeni wayithembisa ngesifungo ukuba woyinika oko ingakucelayo. Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi, Ndinike apha ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi. Waba buhlungu ukumkani, kodwa, ngenxa yesifungo, nangenxa yabo babehleli naye esithebeni, wathi mayinikwe. Wasusa umntu, wamnqumla uYohane intloko entolongweni apho. Yaziswa intloko yakhe ngesitya, yanikwa intombazana leyo, yathi yona yayisa kunina. Beza abafundi bakhe, basithabatha isidumbu, basingcwaba; baya babikela uYesu. Evile ke uYesu, wemka apho ngomkhombe, waya endaweni eyintlango eyedwa. Ephumile ke uYesu, wabona into eninzi yabantu, wasikwa yimfesane ngabo, wayiphilisa imilwelwe yabo. Kuthe ke kwakuhlwa, beza kuye abafundi bakhe, besithi, Le ndawo iyintlango, kanjalo ilixa lise lidlule; zindulule izihlwele, ziye emizaneni, zizithengele ukudla. Wathi kubo uYesu, Akufuneki ukuba zimke; zipheni nina zitye. Bathi ke bona kuye, Asinanto apha, ingezizo izonka ezihlanu neentlanzi ezimbini. Wathi ke yena, Ziziseni kum apha. Wathi izihlwele mazingqengqe phantsi engceni, wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi, ekhangele ezulwini, wasikelela; waziqhekeza ke izonka ezo, wazinika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele. Badla ke bonke bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo. Ke kaloku abo babesidla babengamadoda akumawaka amahlanu, ngaphandle kwabafazi nabantwana.