UMATEYU 12:22-37
UMATEYU 12:22-37 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwaza kwaziswa kuye ophethwe yidemon, eyimfama, esisidenge; wamphilisa, wada lowo uyimfama usisidenge wathetha, wabona nokubona. Zathi nqa ke zonke izihlwele, zathi, Ngunyana kaDavide kanti na lo? Kodwa bona abaFarisi, bakuva, bathi, Lo yena akazikhuphi iidemon, kuphela kungoBhelezebhule, umphathi weedemon. Uthe ke uYesu, ezazi iingcingane zabo, wathi kubo, Ubukumkani bonke obahlulelene bodwa buyaphanza, nomzi wonke nendlu yonke eyahlulelene yodwa ayisayi kuma. Ukuba ke uSathana ukhupha uSathana, wahlulelene yedwa; bothini na ngoko ukuma ubukumkani bakhe? Ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na onyana benu? Ngenxa yoko baya kuba ngabagwebi benu bona. Kodwa ukuba ndizikhupha iidemon ngoMoya kaThixo mna, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo. Angáthini na umntu ukuba nako ukungena endlwini yegorha elo, ayiphange impahla yalo, ukuba akathanga tanci alibophe igorha, andule ke ukuyiphanga indlu yalo? Lowo ungengakum uchasene nam, nalowo ungandibuthisiyo uyachithachitha. Ngenxa yoko ndithi kuni, Konke ukona nokunyelisa bokuxolelwa abantu; kodwa khona ukumnyelisa uMoya oyiNgcwele abasayi kukuxolelwa abantu. Nothe wathetha ilizwi elichasene noNyana woMntu uya kuxolelwa; kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa yena, nakweli phakade, nakwelo lizayo. Wenzeni mhle umthi, nesiqhamo sawo sibe sihle; nithi mhlawumbi niwenze mbi umthi, nesiqhamo sawo sibe sibi; kuba umthi waziwa ngesiqhamo sawo. Nzalandini yamarhamba, ningathini na ukuba nako ukuthetha izinto ezilungileyo, nikhohlakele nje? Kuba umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo. Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, ukhupha izinto ezilungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo, ukhupha izinto ezikhohlakeleyo. Ndithi ke kuni, Onke amazwi angewaní abathe bawathetha abantu, baya kuphendula ngawo ngomhla womgwebo; kuba ngawo amazwi akho ùya kugwetyelwa, nangawo amazwi akho ùya kugwetywa.
UMATEYU 12:22-37 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwathi kwaziswa kuYesu umntu ophethwe yindimoni, eyimfama, esisimumu. UYesu wamphilisa loo mntu, wathetha, wabona nokubona. Samangaliswa sonke isihlwele, sathi: “Akungebi nguNyana kaDavide lo?” Kodwa bona *abaFarasi, bakukuva oku, bathi: “Iindimoni ezi uzikhupha ngoSathana, umphathi weendimoni.” UYesu, ezazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Bonke uburhulumente obuvukelana bodwa buyabhanga; nedolophu, nokuba ngumzi, ovukelana wodwa, awunakuba nankqubela. Ke ukuba uSathana ukhupha uSathana, evukelene kwayedwa nje, lothini na ukungawi ulawulo lwakhe? Ukuba iindimoni ndizikhupha ngoSathana, bazikhupha ngabani bona oonyana benu? Mabaphendule, nigwetywe ngabo. Ukuba ke ndizikhupha ngoMoya kaThixo iindimoni, ulawulo lukaThixo aluthwasanga, lugalelekile kuni. “Angathini umntu ukungena endlwini yegorha, ahluthe impahla yalo, engathanga kuqala alibophe igorha elo, aze ke andule ukuyiphanga indlu leyo. “Lowo ungekho kwicala lam, uchasene nam, nalowo ungandincedisiyo ukuqokelela, uyachitha. Ke ngoko, ndithi kuni, zonke izono nezinyeliso baya kuzixolelwa abantu, kodwa kona ukunyelisa uMoya oyiNgcwele akuyi kuxolelwa. Othe wathetha ilizwi elichasene naye *uNyana woLuntu uya kuxolelwa, kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele akayi kuxolelwa kweli phakade nakwelizayo.” “Ukuba nithi umthi ulungile, mawuvelise iziqhamo ezilungileyo; ukuba ke nithi ngumthi ombi, mawuvelise iziqhamo ezibi. Kaloku umthi uqondwa ngeziqhamo zawo. Nzalandini yamarhamba, ningáthini na ukuba nako ukuthetha okulungileyo, nikhohlakele nje? Kaloku umlomo womntu uphuphuma oko intliziyo izele kuko. Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okukuye. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ekuye. “Ke, ndithi kuni, ngomhla womgwebo abantu baya kuziphendulela ngelizwi ngalinye eliphuthileyo abathe balithetha. Umntu uya kugwetywa, okanye akhululwe, ngokwamazwi akhe.”
UMATEYU 12:22-37 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwaza kwaziswa kuye umntu ophethwe yidemon, eyimfama, esisidenge; Yamangaliswa isihlwele sonke, sathi, Lo asinguye na unyana kaDavide? Bakuva ke oko abaFarasi, bathi: “Lo yena akazikhuphi iidemon, kuphela ngoBhelezebhule umphathi weendimoni. Uthe ke uYesu, ezazi iingcingane zabo, wathi kubo, Ubukumkani bonke obahlulelene bodwa buyaphanza; nomzi wonke nendlu yonke eyahlulelene yodwa ayiyi kuma. Ukuba ke uSathana ukhupha uSathana, wahlulelene yedwa; bothini na ngoko ukuma ubukumkani bakhe? Ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na onyana benu? ngenxa yoko baya kuba ngabagwebi benu bona. Kodwa ukuba ndizikhupha iidemon ngoMoya kaThixo mna, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo. Angathini na umntu ukuba nako ukungena endlwini yegorha elo, ayiphange impahla yalo, ukuba akathanga tanci alibophe igorha elo? andule ke ukuyiphanga indlu yakhe. Lowo ungengakum, uchasene nam; nalowo ungandibuthisiyo, uyachithachitha. Ngenxa yoko ndithi kuni, Konke ukona nokunyelisa bokuxolelwa abantu; kodwa kona ukunyelisa uMoya oyiNgcwele abasayi kukuxolelwa abantu. Nothe wathetha ilizwi elichasene noNyana woMntu uya kuxolelwa; kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa yena, nakweli phakade, nakwelo lizayo. Wenzani umthi ube mhle, nesiqhamo sawo sibe sihle; okanye niwenze mbi umthi, nesiqhamo sawo sibe sibi; ngokuba umthi waziwa ngesiqhamo sawo. Nzalandini yamarhamba, ningathini na ukuba nako ukuthetha izinto ezilungileyo, nikhohlakele nje? kuba umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo. Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, ukhupha izinto ezilungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo, ukhupha izinto ezikhohlakeleyo. Ndithi ke kuni, Onke amazwi angewani abathe bawathetha abantu, baya kuphendula ngawo ngomhla womgwebo; kuba ngawo amazwi akho uya kugwetyelwa, nangawo amazwi akho uya kugwetywa.
UMATEYU 12:22-37 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwandula kwaziswa kuye ongenelwe yidemoni, oyimfama nesidenge; waza wampilisa, wada oyimfama nesidenge wanokuteta nokubona. Zamangaliswa ke zonke izihlwele, zati: Lo unguye unyana ka‐Davide na? Kodwa abafarisi, bakuva, bati: Lo akaziku̔pi idemoni, kupela uyaziku̔pa ngo‐Belezebule inkosi yedemoni. Kuloko u‐Yesu wazazi izicingo zabo, wati kubo: Bonke ubukumkani obupambeneyo ngokwabo buyaci̔takaliswa; nazo zonke izixeko, umhlaumbi izindlu, ezipambeneyo ngokwazo, aziyi kuma. No‐Satane ukuba uyaku̔pa u‐Satane, upambene ngokwake; boti nina pofu ubukumkani bake ukuma? Kanjalo ukuba ndiyaziku̔pa idemoni ngo‐Belezebule mna, bayaziku̔pa ngobanina onyana benu? ngako oko bona boba ngabagwebi benu. Kodwa ukuba ndiyaziku̔pa idemoni mna NGOMOYA KATIXO, kukona sebunifikele ubukumkani BUKATIXO. Kanjalo angati nina umntu ukungena endlwini yonamandla, apange impahla zake, nxa angatanga kuqala wamnxiba onamandla? waeya kwandul’ ukupanga indlu yake oko. Ongengecala lam, uyalana nam; nongabutani nam, uyaci̔ta. Ngako oko nditi kuni: Konke ukwona nokugxeka baya kuxolelwa kona abantu; kodwa ukumgxeka UMOYA OYINGCWELE abayi kuxolelwa kona abantu. Nosukuba eteta ilizwi ngakuye unyana wesintu, uya kuxolelwa; kodwa osukuba eteta ngakuye UMOYA OYINGCWELE, akayi kuxolelwa, nakwelilizwe likoyo, nakwelo liza kuza. Yenzani umti ulunge, kulunge nokuqa̔ma kwawo; okanye, yenzani umti ubole, kubole nokuqa̔ma kwawo; ngokuba umti usaziwa ngokuqa̔ma kwawo. Sizukulwanandini senyoka! ningati nina ukuteta izinto ezilungileyo, nikohlakele nje? ngokuba umlomo uteta okuvela ekupupumeni kwentliziyo. Umntu olungileyo kwimbekelo elungileyo yentliziyo yake uyaku̔pa izinto ezilungileyo; nomntu okohlakeleyo kwimbekelo ekohlakeleyo uyaku̔pa izinto ezikohlakeleyo. Kodwa nditi kuni: Onke amazwi angendawo, abasukuba bewateta abantu, baya kupendulela wona ngomhla womgwebo: ngokuba ngawo amazwi ako uya kugwetyelwa, nangawo amazwi ako uya kugwetywa.