Kwandula kwaziswa kuye ongenelwe yidemoni, oyimfama nesidenge; waza wampilisa, wada oyimfama nesidenge wanokuteta nokubona. Zamangaliswa ke zonke izihlwele, zati: Lo unguye unyana ka‐Davide na? Kodwa abafarisi, bakuva, bati: Lo akaziku̔pi idemoni, kupela uyaziku̔pa ngo‐Belezebule inkosi yedemoni. Kuloko u‐Yesu wazazi izicingo zabo, wati kubo: Bonke ubukumkani obupambeneyo ngokwabo buyaci̔takaliswa; nazo zonke izixeko, umhlaumbi izindlu, ezipambeneyo ngokwazo, aziyi kuma. No‐Satane ukuba uyaku̔pa u‐Satane, upambene ngokwake; boti nina pofu ubukumkani bake ukuma? Kanjalo ukuba ndiyaziku̔pa idemoni ngo‐Belezebule mna, bayaziku̔pa ngobanina onyana benu? ngako oko bona boba ngabagwebi benu. Kodwa ukuba ndiyaziku̔pa idemoni mna NGOMOYA KATIXO, kukona sebunifikele ubukumkani BUKATIXO. Kanjalo angati nina umntu ukungena endlwini yonamandla, apange impahla zake, nxa angatanga kuqala wamnxiba onamandla? waeya kwandul’ ukupanga indlu yake oko. Ongengecala lam, uyalana nam; nongabutani nam, uyaci̔ta. Ngako oko nditi kuni: Konke ukwona nokugxeka baya kuxolelwa kona abantu; kodwa ukumgxeka UMOYA OYINGCWELE abayi kuxolelwa kona abantu. Nosukuba eteta ilizwi ngakuye unyana wesintu, uya kuxolelwa; kodwa osukuba eteta ngakuye UMOYA OYINGCWELE, akayi kuxolelwa, nakwelilizwe likoyo, nakwelo liza kuza. Yenzani umti ulunge, kulunge nokuqa̔ma kwawo; okanye, yenzani umti ubole, kubole nokuqa̔ma kwawo; ngokuba umti usaziwa ngokuqa̔ma kwawo. Sizukulwanandini senyoka! ningati nina ukuteta izinto ezilungileyo, nikohlakele nje? ngokuba umlomo uteta okuvela ekupupumeni kwentliziyo. Umntu olungileyo kwimbekelo elungileyo yentliziyo yake uyaku̔pa izinto ezilungileyo; nomntu okohlakeleyo kwimbekelo ekohlakeleyo uyaku̔pa izinto ezikohlakeleyo. Kodwa nditi kuni: Onke amazwi angendawo, abasukuba bewateta abantu, baya kupendulela wona ngomhla womgwebo: ngokuba ngawo amazwi ako uya kugwetyelwa, nangawo amazwi ako uya kugwetywa.