uMateyu uMateyu 12
uMateyu 12
1Ngelo xesha uYesu wacanda emasimini ngesabatha; Baye ke belambile abafundi bakhe, baqala ukukha izikhwebu, badla. 2Bakukubona oko abaFarasi, bathi kuye: “Khangela, abafundi bakho benza oko kungavumelekileyo ukwenziwa ngesabatha. 3Wathi kubo, Aniyilesanga na into awayenzayo uDavide, xa walambayo, yena nabo babenaye; 4okokuba wangena endlwini kaThixo, wazidla izonka ezibekwa phambi koThixo, ekube kungavumelekile ukuba azidle yena, kwanabo babenaye, kuvumelekele ababingeleli bodwa? 5Anilesanga na emthethweni, ukuba ngesabatha ababingeleli etempileni bayayingcolisa isabatha, bangazeki tyala noko? 6Ndithi ke kuni, omkhulu kunayo itempile ukho apha. 7Ukuba ke nibe nikwazile ukuba kuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo, ninge ningabagwebanga abangenatyala. 8Kuba uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha. 9Esukile ke apho, waya kungena endlwini yabo yesikhungu. 10Kwabonakala kukho umntu owome isandla; Baye ke bembuza besithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? ukuze bammangalele. 11Wathi kubo, Nguwuphi na umntu kuni ongathi, enegusha enye, yaza ukuba yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole? 12Ubeke phi na ke umntu ukuyigqitha imvu? Ngoko ke kuvumelekile ukwenza okulungileyo ngesabatha. 13Athi kuloo mntu, Solule isandla sakho. Wasolula; yabuya yaphila, ifana neyawo. 14Baza baphuma abaFarisi benza ibhunga ngaye lokuba bamtshabalalise. 15Uthe ke uYesu, ekwazi oko, wemka, apho; walandelwa ngabantu abaninzi; wabaphilisa bonke. 16Wabakhalimela ukuba bangamtyhili; 17ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi, 18Mboneni ke umkhonzi wam endimnyulileyo; intanda yam okholisiweyo yiyo umphefumlo wam; ndiya kumbeka uMoya wam phezu kwakhe, waye eya kuzibikela iintlanga umgwebo. 19Akayi kuphika, akayi kunkqangaza; Akukho bani uya kuliva ilizwi lakhe ezitratweni. 20Ingcongolo etyumkileyo akayi kuyaphula, nomsonto oqhumayo akayi kuwucima, ade awuphumelelisele ekoyiseni umgwebo; 21Kaloku ziya kuthembela egameni lakhe iintlanga. 22Kwaza kwaziswa kuye umntu ophethwe yidemon, eyimfama, esisidenge; 23Yamangaliswa isihlwele sonke, sathi, Lo asinguye na unyana kaDavide? 24Bakuva ke oko abaFarasi, bathi: “Lo yena akazikhuphi iidemon, kuphela ngoBhelezebhule umphathi weendimoni. 25Uthe ke uYesu, ezazi iingcingane zabo, wathi kubo, Ubukumkani bonke obahlulelene bodwa buyaphanza; nomzi wonke nendlu yonke eyahlulelene yodwa ayiyi kuma. 26Ukuba ke uSathana ukhupha uSathana, wahlulelene yedwa; bothini na ngoko ukuma ubukumkani bakhe? 27Ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na onyana benu? ngenxa yoko baya kuba ngabagwebi benu bona. 28Kodwa ukuba ndizikhupha iidemon ngoMoya kaThixo mna, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo. 29Angathini na umntu ukuba nako ukungena endlwini yegorha elo, ayiphange impahla yalo, ukuba akathanga tanci alibophe igorha elo? andule ke ukuyiphanga indlu yakhe. 30Lowo ungengakum, uchasene nam; nalowo ungandibuthisiyo, uyachithachitha. 31Ngenxa yoko ndithi kuni, Konke ukona nokunyelisa bokuxolelwa abantu; kodwa kona ukunyelisa uMoya oyiNgcwele abasayi kukuxolelwa abantu. 32Nothe wathetha ilizwi elichasene noNyana woMntu uya kuxolelwa; kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa yena, nakweli phakade, nakwelo lizayo. 33Wenzani umthi ube mhle, nesiqhamo sawo sibe sihle; okanye niwenze mbi umthi, nesiqhamo sawo sibe sibi; ngokuba umthi waziwa ngesiqhamo sawo. 34Nzalandini yamarhamba, ningathini na ukuba nako ukuthetha izinto ezilungileyo, nikhohlakele nje? kuba umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo. 35Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, ukhupha izinto ezilungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo, ukhupha izinto ezikhohlakeleyo. 36Ndithi ke kuni, Onke amazwi angewani abathe bawathetha abantu, baya kuphendula ngawo ngomhla womgwebo; 37kuba ngawo amazwi akho uya kugwetyelwa, nangawo amazwi akho uya kugwetywa. 38Baphendula ke abathile bakubabhali nabaFarisi, besithi, Mfundisi, sifuna ukubona umqondiso. 39Waphendula ke wathi kubo, Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, singxamele umqondiso; kwaye asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti. 40Kuba, njengokuba uYona ebemini ntathu nabusuku buthathu esiswini sentlanzi enkulu; kwangokunjalo uNyana woMntu woba mini ntathu nabusuku buthathu embilinini womhlaba. 41Amadoda aseNiniva aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ukanti ke omkhulu kunoYona nanku apha. 42Ukumkanikazi waseZantsi uya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; ukanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha. 43Xa umoya ongcolileyo uthe waphuma emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla, ungakufumani. 44Uze uthi, Ndiya kubuyela kwasendlwini yam endaphuma kuyo; uthi ke wakufika uyifumane ize, itshayelwe, ivathisiwe. 45Wandule ke ukuya uthabathe uze nabanye oomoya, abasixhenxe abakhohlakeleyo kunawo, bangene beme khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqaleko sakhe. Kuya kuba njalo nakwesi sizukulwana singendawo. 46Esathetha neendimbane ezo, kwathi thaphu unina nabazalwana bakhe, bema ngaphandle, befuna ukuthetha naye. 47Wathi ke othile kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho, bemi ngaphandle, befuna ukuthetha nawe. 48Uphendule ke wathi kulowo ubemxelele, Ngubani na uma? Ngoobani bona abazalwana bam? 49Wasolula isandla sakhe kubafundi bakhe, wathi, Nanku uma nabazalwana bam. 50Kuba othe wakwenza ukuthanda kukaBawo osemazulwini, nguye lowo ongumntakwethu, nodade wethu, noma.
Currently Selected:
uMateyu uMateyu 12: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.