Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 9:46-62

ULUKA 9:46-62 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Kwabakho ke ukubuzana phakathi kwabo, kokuthi, nguwuphi na kubo omkhulu; Ekubonile ke uYesu ukucamanga kwentliziyo yabo, uthabathe umntwanana, wammisa ngakuye. Wathi kubo, Othe wamamkela lo mntwanana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela owandithumayo; kuba lowo umncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu. Uphendule ke uYohane wathi, Mfundisi, sabona umntu ekhupha iidemon egameni lakho; samalela ke, ngokuba engasilandeli thina. uYesu wathi kuye: “Musani ukumalela, kuba ongachasiyo ungecala lethu. Ke kaloku kwathi, lakufika ixesha lokunyuselwa kwakhe phezulu, wazimisela ngokuqinileyo ukuya eYerusalem. Wathuma abathunywa phambi kobuso bakhe; baya ke, bangena kwidolophana yamaSamariya, ukuba bamlungiselele. Akamamkela, ngokuba ubuso bakhe bebubheke eYerusalem. Bekubonile ke oko abafundi bakhe, ooYakobi noYohane bathe, Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho, kuhle umlilo ezulwini, ubatshise kuphele, njengoko noEliya wenjenjalo? Wathi guququ, wabakhalimela, wathi, Anazi ukuba ningabomoya onjani na; kuba uNyana woMntu engaze kutshabalalisa miphefumlo yabantu, uze kusindisa. Baza baya mzaneni wumbi; Ke kaloku kwathi, bakubon’ ukuba bayahamba ngendlela, wathi othile kuye, Ndiya kukulandela, apho uthe waya khona, Nkosi. Wathi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendlwana; yena uNyana woMntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko. Wathi ke kuwumbi, Ndilandele. Uthe ke yena, Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala. Wathi uYesu kuye, Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo; ke wena hamba uye kushumayela ubukumkani bukaThixo. Wathi ke nomnye, Ndiya kukulandela, Nkosi; kodwa ndivumele ndiye kuqala, ndiye kubulisa abo basendlwini yam. Uthe ke uYesu kuye, Akukho namnye usibekileyo isandla sakhe epuluweni, abe emana ekhangela kokusemva, ubulungeleyo ubukumkani bukaThixo.

ULUKA 9:46-62 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku kwangena ukucamanga phakathi kwabo kokuthi, angaba ngubani na omkhulu phakathi kwabo. Ekubonile ke uYesu ukucamanga kwentliziyo yabo, uthabathe umntwanana, wammisa ngakuye. Wathi kubo, Othe wamamkela lo mntwanana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo wandithumayo. Kuba lowo umncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu. Waphendula uYohane wathi, Mongameli, sabona othile ekhupha iidemon egameni lakho; samalela, ngokuba engalandelani nathi. Wathi uYesu kuye, Musani ukumalela; kuba ongachasene nathi, ungecala lethu. Ke kaloku kwathi, yakuzaliseka imihla yokunyuselwa kwakhe phezulu, wazimisela ngokuqinileyo ukuya eYerusalem. Wathuma abathunywa phambi kobuso bakhe; behambile ke, bangena emzaneni wamaSamariya ukuba bamlungiselele. Akamamkela, ngokuba ubuso bakhe bebubheke eYerusalem. Bekubonile ke oko abafundi bakhe, ooYakobi noYohane bathe, Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho, kuhle umlilo ezulwini, ubatshise kuphele, njengoko noEliya wenjenjalo? Wathi guququ, wabakhalimela wathi, Anazi ukuba ningabomoya onjani na; kuba uNyana woMntu engàze kutshabalalisa miphefumlo yabantu, uzé kusindisa. Baza baya mzaneni wumbi. Kwathi ke, bakubon' ukuba bayahamba ngendlela, wathi othile kuye, Ndiya kukulandela, apho uthe waya khona, Nkosi. Waza uYesu wathi kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; ke yena uNyana woMntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko yakhe. Wathi ke kuwumbi, Ndilandele. Uthe ke yena, Nkosi, ndivumele khe ndimke, ndiye kungcwaba ubawo kuqala. Wathi ke uYesu kuye, Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo; ke wena hamba uye kushumayela ubukumkani bukaThixo. Wathi ke nomnye, Ndiya kukulandela, Nkosi; kodwa ndivumele kuqala, khe ndiye kubulisa abo basendlwini yam. Uthe ke uYesu kuye, Akukho namnye usibekileyo isandla sakhe epuluweni, abe emana ekhangela kokusemva, ubulungeleyo ubukumkani bukaThixo.

ULUKA 9:46-62 IBHAYIBHILE (XHO96)

Ke kaloku babephikisana ngokuba nguwuphi na omkhulu phakathi kwabo. UYesu ke, ezazi iingcamango zeentliziyo zabo, uthathe umntwana, wammisa ngakuye, wathi kubo: “Othe wamamkela lo mntwana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo undithumileyo; kuba oyena mncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.” Wavakala uYohane esithi: “Mhlekazi, sibone umntu ekhupha iindimoni ngegama lakho, saza samnqanda, kuba akakulandeli kunye nathi.” Ke uYesu wathi kuye: “Sanukumnqanda, kuba ongachasananga nani ungakuni.” Yakusondela imihla yokuba uYesu anyuselwe ezulwini, wazimisela ukuya eJerusalem. Ke kaloku wathuma abathunywa bakhe, ukuba bamandulele. Bahamba ke, baya kungena kwidolophana yamaSamariya, khon' ukuze bamlungiselele; kodwa amaSamariya akavumanga ukumamkela, kuba uYesu wayesinga eJerusalem. Bekubonile oko abafundi bakhe uYakobi noYohane, bathe: “Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho kuhle umlilo ezulwini, ubatshabalalise?” Wathi guququ, wabakhalimela; baza baya dolophaneni yimbi. Kwathi, besendleleni, othile wathi kuYesu: “Nkosi, ndiya kuba ngumlandeli wakho, ndiye naphi na apho uthe waya khona.” Waza uYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zineendlwana; kodwa yena *uNyana woLuntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.” Wathi komnye: “Yiba ngumlandeli wam.” Ke yena wathi: “Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.” UYesu wathi kuye: “Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo. Ke wena, hamba uye kushumayela uvakalise ulawulo lukaThixo.” Wathi nomnye: “Ndiya kuba ngumlandeli wakho, Nkosi, kodwa kuqala ndivumele ndiye kubulisa abendlu yam.” UYesu wathi kuye: “Umntu ojonga ngasemva, ebambe ikhuba, uyabhanka. Ngokunjalo ke nomntu ophunguzayo ekhonza uThixo, uyaphoswa bubuncwane bokulawulwa nguThixo.”

ULUKA 9:46-62 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Kwabakho ke ukubuzana phakathi kwabo, kokuthi, nguwuphi na kubo omkhulu; Ekubonile ke uYesu ukucamanga kwentliziyo yabo, uthabathe umntwanana, wammisa ngakuye. Wathi kubo, Othe wamamkela lo mntwanana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela owandithumayo; kuba lowo umncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu. Uphendule ke uYohane wathi, Mfundisi, sabona umntu ekhupha iidemon egameni lakho; samalela ke, ngokuba engasilandeli thina. uYesu wathi kuye: “Musani ukumalela, kuba ongachasiyo ungecala lethu. Ke kaloku kwathi, lakufika ixesha lokunyuselwa kwakhe phezulu, wazimisela ngokuqinileyo ukuya eYerusalem. Wathuma abathunywa phambi kobuso bakhe; baya ke, bangena kwidolophana yamaSamariya, ukuba bamlungiselele. Akamamkela, ngokuba ubuso bakhe bebubheke eYerusalem. Bekubonile ke oko abafundi bakhe, ooYakobi noYohane bathe, Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho, kuhle umlilo ezulwini, ubatshise kuphele, njengoko noEliya wenjenjalo? Wathi guququ, wabakhalimela, wathi, Anazi ukuba ningabomoya onjani na; kuba uNyana woMntu engaze kutshabalalisa miphefumlo yabantu, uze kusindisa. Baza baya mzaneni wumbi; Ke kaloku kwathi, bakubon’ ukuba bayahamba ngendlela, wathi othile kuye, Ndiya kukulandela, apho uthe waya khona, Nkosi. Wathi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendlwana; yena uNyana woMntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko. Wathi ke kuwumbi, Ndilandele. Uthe ke yena, Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala. Wathi uYesu kuye, Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo; ke wena hamba uye kushumayela ubukumkani bukaThixo. Wathi ke nomnye, Ndiya kukulandela, Nkosi; kodwa ndivumele ndiye kuqala, ndiye kubulisa abo basendlwini yam. Uthe ke uYesu kuye, Akukho namnye usibekileyo isandla sakhe epuluweni, abe emana ekhangela kokusemva, ubulungeleyo ubukumkani bukaThixo.

ULUKA 9:46-62 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Kwaye kuvuka impikisano pakati kwabo, yokuti, ngubanina wakubo ongaba mkulu kwabanye. Wati u‐Yesu wabona ukucamanga kwentliziyo yabo, wabamba umntwana, wammisa ngakuye, waza wati kubo: Osukuba esamkela lomntwana egameni lam, uyamkela mna; nosukuba esamkela mna, uyamkela lowo wanditumayo: ngokuba lowo umncinane kwabanye pakati kwenu nonke, nguye oya kuba mkulu. Waza wapendula u‐Johane wati: Nkosi! sabona umntu eziku̔pa idemoni egameni lako; saza samalela, ukuba engalandeli nati. Wayesiti u‐Yesu kuye: Ningamaleli; ngokuba ongalani nati engecala letu. KWAYE kute nxa ibisel’ ifika imihla yokunyuselwa kwake, wati yena wabekisa ubuso bake ukuya e‐Yerusaleme. Waza watuma izitunywa pambi kwobuso bake; ezaya zangena emzini wama‐Samariya, ukuze zimlungisele. Akamamkela ke, kuba ubuso bake bebusinga e‐Yerusaleme. Baza abadisipile bake u‐Yakobi no‐Johane, bakubona oko, bati: Nkosi! uyatanda na sixele ukuba umlilo uhle ezulwini, uwagqibele, njengokuba no‐Elija wenje njalo? Kodwa wajika wabatetisa, wati nokuti: Anazi ukuba ningabomoya omnina; ngokuba unyana wesintu engezanga ukububisa ubomi babantu, koko eze ukubulondoloza. Baza baya kwomnye umzi. Kwaye kute ekuhambeni kwabo endleleni, watsho umntu otile kuye ukuti: Ndokulandela, apo usukuba uhambela kona, Nkosi! Waza u‐Yesu wati kuye: Impungutye zineminxu̔ma, nentaka zezulu zinendawo zokuhlala; kanti unyana wesintu akanandawo apo angalalisa kona intloko. Wayesiti kwomnye: Ndilandele. Kodwa wati: Nkosi! ndivumele ukuba ndihambe nditi tanci ndiye kuncw̔aba ubawo. Koko u‐Yesu wati kuye: Yekela abafileyo ukuncw̔aba abafileyo bakowabo; kodwa wena hamba uye ushumayele ubukumkani BUKATIXO. Wati ke nomnye: Ndokulandela, Nkosi! kodwa kuqala ndivumele ukuba ndiye kubulisa abesendlwini yam. Koko u‐Yesu wati kuye: Akuko mntu oti, esibekile isandla sake epuluweni, ekangela ngasemva, alungele ubukumkani BUKATIXO.