Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Luke 9:46-62

Ivangeli ka‐Luke 9:46-62 XHO1902A

Kwaye kuvuka impikisano pakati kwabo, yokuti, ngubanina wakubo ongaba mkulu kwabanye. Wati u‐Yesu wabona ukucamanga kwentliziyo yabo, wabamba umntwana, wammisa ngakuye, waza wati kubo: Osukuba esamkela lomntwana egameni lam, uyamkela mna; nosukuba esamkela mna, uyamkela lowo wanditumayo: ngokuba lowo umncinane kwabanye pakati kwenu nonke, nguye oya kuba mkulu. Waza wapendula u‐Johane wati: Nkosi! sabona umntu eziku̔pa idemoni egameni lako; saza samalela, ukuba engalandeli nati. Wayesiti u‐Yesu kuye: Ningamaleli; ngokuba ongalani nati engecala letu. KWAYE kute nxa ibisel’ ifika imihla yokunyuselwa kwake, wati yena wabekisa ubuso bake ukuya e‐Yerusaleme. Waza watuma izitunywa pambi kwobuso bake; ezaya zangena emzini wama‐Samariya, ukuze zimlungisele. Akamamkela ke, kuba ubuso bake bebusinga e‐Yerusaleme. Baza abadisipile bake u‐Yakobi no‐Johane, bakubona oko, bati: Nkosi! uyatanda na sixele ukuba umlilo uhle ezulwini, uwagqibele, njengokuba no‐Elija wenje njalo? Kodwa wajika wabatetisa, wati nokuti: Anazi ukuba ningabomoya omnina; ngokuba unyana wesintu engezanga ukububisa ubomi babantu, koko eze ukubulondoloza. Baza baya kwomnye umzi. Kwaye kute ekuhambeni kwabo endleleni, watsho umntu otile kuye ukuti: Ndokulandela, apo usukuba uhambela kona, Nkosi! Waza u‐Yesu wati kuye: Impungutye zineminxu̔ma, nentaka zezulu zinendawo zokuhlala; kanti unyana wesintu akanandawo apo angalalisa kona intloko. Wayesiti kwomnye: Ndilandele. Kodwa wati: Nkosi! ndivumele ukuba ndihambe nditi tanci ndiye kuncw̔aba ubawo. Koko u‐Yesu wati kuye: Yekela abafileyo ukuncw̔aba abafileyo bakowabo; kodwa wena hamba uye ushumayele ubukumkani BUKATIXO. Wati ke nomnye: Ndokulandela, Nkosi! kodwa kuqala ndivumele ukuba ndiye kubulisa abesendlwini yam. Koko u‐Yesu wati kuye: Akuko mntu oti, esibekile isandla sake epuluweni, ekangela ngasemva, alungele ubukumkani BUKATIXO.