Kwabakho ke ukubuzana phakathi kwabo, kokuthi, nguwuphi na kubo omkhulu; Ekubonile ke uYesu ukucamanga kwentliziyo yabo, uthabathe umntwanana, wammisa ngakuye. Wathi kubo, Othe wamamkela lo mntwanana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela owandithumayo; kuba lowo umncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu. Uphendule ke uYohane wathi, Mfundisi, sabona umntu ekhupha iidemon egameni lakho; samalela ke, ngokuba engasilandeli thina. uYesu wathi kuye: “Musani ukumalela, kuba ongachasiyo ungecala lethu. Ke kaloku kwathi, lakufika ixesha lokunyuselwa kwakhe phezulu, wazimisela ngokuqinileyo ukuya eYerusalem. Wathuma abathunywa phambi kobuso bakhe; baya ke, bangena kwidolophana yamaSamariya, ukuba bamlungiselele. Akamamkela, ngokuba ubuso bakhe bebubheke eYerusalem. Bekubonile ke oko abafundi bakhe, ooYakobi noYohane bathe, Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho, kuhle umlilo ezulwini, ubatshise kuphele, njengoko noEliya wenjenjalo? Wathi guququ, wabakhalimela, wathi, Anazi ukuba ningabomoya onjani na; kuba uNyana woMntu engaze kutshabalalisa miphefumlo yabantu, uze kusindisa. Baza baya mzaneni wumbi; Ke kaloku kwathi, bakubon’ ukuba bayahamba ngendlela, wathi othile kuye, Ndiya kukulandela, apho uthe waya khona, Nkosi. Wathi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendlwana; yena uNyana woMntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko. Wathi ke kuwumbi, Ndilandele. Uthe ke yena, Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala. Wathi uYesu kuye, Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo; ke wena hamba uye kushumayela ubukumkani bukaThixo. Wathi ke nomnye, Ndiya kukulandela, Nkosi; kodwa ndivumele ndiye kuqala, ndiye kubulisa abo basendlwini yam. Uthe ke uYesu kuye, Akukho namnye usibekileyo isandla sakhe epuluweni, abe emana ekhangela kokusemva, ubulungeleyo ubukumkani bukaThixo.