Ke kaloku babephikisana ngokuba nguwuphi na omkhulu phakathi kwabo. UYesu ke, ezazi iingcamango zeentliziyo zabo, uthathe umntwana, wammisa ngakuye, wathi kubo: “Othe wamamkela lo mntwana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo undithumileyo; kuba oyena mncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.”
Wavakala uYohane esithi: “Mhlekazi, sibone umntu ekhupha iindimoni ngegama lakho, saza samnqanda, kuba akakulandeli kunye nathi.”
Ke uYesu wathi kuye: “Sanukumnqanda, kuba ongachasananga nani ungakuni.”
Yakusondela imihla yokuba uYesu anyuselwe ezulwini, wazimisela ukuya eJerusalem. Ke kaloku wathuma abathunywa bakhe, ukuba bamandulele. Bahamba ke, baya kungena kwidolophana yamaSamariya, khon' ukuze bamlungiselele; kodwa amaSamariya akavumanga ukumamkela, kuba uYesu wayesinga eJerusalem. Bekubonile oko abafundi bakhe uYakobi noYohane, bathe: “Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho kuhle umlilo ezulwini, ubatshabalalise?”
Wathi guququ, wabakhalimela; baza baya dolophaneni yimbi.
Kwathi, besendleleni, othile wathi kuYesu: “Nkosi, ndiya kuba ngumlandeli wakho, ndiye naphi na apho uthe waya khona.”
Waza uYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zineendlwana; kodwa yena *uNyana woLuntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.”
Wathi komnye: “Yiba ngumlandeli wam.”
Ke yena wathi: “Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.”
UYesu wathi kuye: “Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo. Ke wena, hamba uye kushumayela uvakalise ulawulo lukaThixo.”
Wathi nomnye: “Ndiya kuba ngumlandeli wakho, Nkosi, kodwa kuqala ndivumele ndiye kubulisa abendlu yam.”
UYesu wathi kuye: “Umntu ojonga ngasemva, ebambe ikhuba, uyabhanka. Ngokunjalo ke nomntu ophunguzayo ekhonza uThixo, uyaphoswa bubuncwane bokulawulwa nguThixo.”