Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 9:46-62

ULUKA 9:46-62 XHO96

Ke kaloku babephikisana ngokuba nguwuphi na omkhulu phakathi kwabo. UYesu ke, ezazi iingcamango zeentliziyo zabo, uthathe umntwana, wammisa ngakuye, wathi kubo: “Othe wamamkela lo mntwana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo undithumileyo; kuba oyena mncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.” Wavakala uYohane esithi: “Mhlekazi, sibone umntu ekhupha iindimoni ngegama lakho, saza samnqanda, kuba akakulandeli kunye nathi.” Ke uYesu wathi kuye: “Sanukumnqanda, kuba ongachasananga nani ungakuni.” Yakusondela imihla yokuba uYesu anyuselwe ezulwini, wazimisela ukuya eJerusalem. Ke kaloku wathuma abathunywa bakhe, ukuba bamandulele. Bahamba ke, baya kungena kwidolophana yamaSamariya, khon' ukuze bamlungiselele; kodwa amaSamariya akavumanga ukumamkela, kuba uYesu wayesinga eJerusalem. Bekubonile oko abafundi bakhe uYakobi noYohane, bathe: “Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho kuhle umlilo ezulwini, ubatshabalalise?” Wathi guququ, wabakhalimela; baza baya dolophaneni yimbi. Kwathi, besendleleni, othile wathi kuYesu: “Nkosi, ndiya kuba ngumlandeli wakho, ndiye naphi na apho uthe waya khona.” Waza uYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zineendlwana; kodwa yena *uNyana woLuntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.” Wathi komnye: “Yiba ngumlandeli wam.” Ke yena wathi: “Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.” UYesu wathi kuye: “Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo. Ke wena, hamba uye kushumayela uvakalise ulawulo lukaThixo.” Wathi nomnye: “Ndiya kuba ngumlandeli wakho, Nkosi, kodwa kuqala ndivumele ndiye kubulisa abendlu yam.” UYesu wathi kuye: “Umntu ojonga ngasemva, ebambe ikhuba, uyabhanka. Ngokunjalo ke nomntu ophunguzayo ekhonza uThixo, uyaphoswa bubuncwane bokulawulwa nguThixo.”