ULUKA 8:1-21
ULUKA 8:1-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwathi emva koko uYesu watyhutyha iidolophu ngeedolophu neelali ngeelali, evakalisa eshumayela iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo. Wayehamba nabafundi bakhe abalishumi elinambini. Kwakukho nabafazi abathile ababephiliswe kwiindimoni nasebulwelweni. YayinguMariya ekuthiwa ngowaseMagadala, ekwakuphume kuye iindimoni ezisixhenxe, noYohana, umka-Kuza, igosa likaHerode, noSusana, kwanabanye abaninzi. Bona babelungiselela uYesu nabafundi bakhe. Ke kaloku, kwakuba kuhlanganisene isihlwele esikhulu, kusuke abantu beelali ngeelali beza kuye, uYesu wathetha nabo ngomzekeliso, esithi: “Umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela imbewu yakhe. Ekuhlwayeleni kwakhe enye yawa ngasendleleni, yanyathelwa, zathi iintaka zayichola-chola zayigqiba. Yimbi yawa elulwalweni, yathi isantshula yatsha ngenxa yokuba umhlaba ubungafumanga. Yimbi yawa phakathi kokhula, lwasuka ukhula lwakhula kunye nayo, lwayiminxa. Yimbi yawa kumhlaba olungileyo, yakhula, yathwala isiqhamo ngokuphindwe kalikhulu.” Etshilo ke wadanduluka esithi: “Oneendlebe zokuva makeve!” Ke abafundi bakaYesu bambuza besithi: “Ngaba uthetha ntoni na lo mzekeliso?” Wathi ke yena: “Nikuphiwe nina okokuba nizazi iimfihlelo ezingolawulo lukaThixo, kodwa abo bangakuphiwanga baziva ngemizekeliso nje, ukuze, njengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi: “ ‘Bebona nje, bangaboni; besiva nje, bangaqondi.’ ” “Ke kaloku lo mzekeliso uchazwa kanje: Imbewu le lilizwi likaThixo. Abo bangasendleleni ngabo bevayo, aze eze umtyholi alisuse ilizwi ezintliziyweni zabo, ukuze bangakholwa basindiswe. Abo ke baselulwalweni ngabathi, bakuliva ilizwi, balamkele ngovuyo, kodwa babe bengenazingcambu zendeleyo, kuba bakholwa okomzuzwana, ze bathi bakuhendwa, balahle. Leyo yawayo elukhuleni, ngabo bathi bevile baminxwe ekuhambeni kwabo ngamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, baze bangavelisi ziqhamo. Ke leyo isemhlabeni omhle ngabo bathi ngentliziyo entle, elungileyo, bakuliva ilizwi, balibambe, bathwale iziqhamo benomonde.” “Akukho bani uthi, esilumekile isibane, asigqume ngesitya, okanye asifake ngaphantsi kwebhedi. Usixhoma endaweni yaso, ukuze abangenayo bakhanyiselwe. Kaloku akukho nto ifihlakeleyo ingayi kude ityhilwe; kananjalo akukho nto ifihliweyo ingayi kude ivele, yaziwe. “Ze nive kakuhle ke; kuba lowo unolutho uya kunikwa, athi lowo ungenanto ahluthwe kwanaloo nto aba unayo.” Ke kaloku abantakwabo nonina kaYesu bafika, kodwa àbaba nako ukufikelela kuye ngenxa yesihlwele. Waxelelwa ke kusithiwa: “Nanku unyoko nabantakwenu ngaphandle, befuna ukukubona.” Waphendula yena wathi kubo: “Umama nabantakwethu ngâbo bathi bakuliva ilizwi likaThixo balenze.”
ULUKA 8:1-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwathi emva koko, wayihamba imizi ngemizi, nemizana ngemizana, ezivakalisa ezishumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo; babenaye abalishumi elinababini. Nabafazi abathile ababephiliswe koomoya abangendawo nasebulwelweni, uMariya okuthiwa ngowaseMagadala, ekwakuphume kuye iidemon zosixhenxe, noYohana, umfazi kaKuza, igosa likaHerode, noSusana, nabanye abaninzi; bona babemlungiselela ngeempahla zabo. Ke kaloku, kwakubon' ukuba kuntontelene isihlwele esikhulu, bathi nabemizi ngemizi bawomela kuye. Wathi ngomzekeliso, Umhlwayeli waphuma waya kuyihlwayela imbewu yakhe. Ekuhlwayeleni kwakhe yawa enye ngasendleleni, yanyathelwa, zathi iintaka zezulu zayidla zayigqiba. Yimbi yawa elulwalweni, yathi isahluma, yatsha ngenxa yokuba ibingenakunyakama. Yimbi yawa phakathi kwemithana enameva, yasuka imithana enameva yahluma kunye nayo, yayiminxa. Yimbi yawa kuwo wona umhlaba olungileyo, yahluma, yavelisa isiqhamo kalikhulu. Uthe ezithetha ezi zinto, waye edanduluka esithi, Lowo uneendlebe zokuva makeve. Baye ke abafundi bakhe bembuza besithi, Úngaba uyintoni na lo mzekeliso? Uthe ke yena, Nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bukaThixo; ke kwabanye bona kungemizekeliso, ukuze bebona nje bangaboni, besiva nje bangaqondi. Ke kaloku umzekeliso nguwo lo: Imbewu le lilizwi likaThixo. Abo ke bangasendleleni ngabo bevayo, andule afike uMtyholi, alisuse ilizwi entliziyweni yabo, ukuze bangakholwa basindiswe. Abo ke baselulwalweni ngabasakuthi, bakuliva, balamkele ngovuyo ilizwi; aba ke àbanangcambu; bona bakholwa umzuzwana, ze bathi ngexa lokuhendwa balahle. Leyo ke yawayo emithaneni enameva, ngabo bathi, belivile, bahambe benamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, baminxwe, baze bangavelisi siqhamo. Ke leyo isemhlabeni omhle, ngabo bona bathi ngentliziyo entle, elungileyo, bakuliva ilizwi, balibambe, bavelise iziqhamo benomonde. Akukho ke uthi, esilumekile isibane, asisibeke ngesitya, athi mhlawumbi asibeke ngaphantsi kwesingqengqelo; usibeka esiphathweni saso, ukuze abo bangénayo bakubone ukukhanya. Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakala; kanjalo akukho ifihlakeleyo ingayi kwazeka, ize ekuhléni. Lumkani ngoko ukuva eniva ngako; kuba osukuba enako, uya kunikwa; nosukuba engenako, uya kuhluthwa noko ngathi unako. Ke kaloku kwafika kuye unina nabazalwana bakhe, baza àbaba nako ukufikelela kuye ngenxa yesihlwele. Wabikelwa ke, kusithiwa, Unyoko nabazalwana bakho bemi ngaphandle, befuna ukukubona. Waphendula ke yena wathi kubo, Uma nabazalwana bam ngaba bona balivayo ilizwi likaThixo, balenze.

ULUKA 8:1-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwathi emveni koko, wayihamba imizi ngemizi nemizana, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo. Babenaye abalishumi elinababini. Kwanabafazi abathile, ababephiliswe koomoya abakhohlakeleyo nasebulwelweni, uMariya ekuthiwa nguMagadala, ekwakuphume kuye iidemon ezisixhenxe, noYohana, umfazi kaKuza, igosa likaHerode, noSusana, nabanye abaninzi; bona babemlungiselela ngeempahla zabo. Kuthe ke kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu, besiza kuye bephuma kwimizi ngemizi, ubethetha ngomzekeliso. Umhlwayeli waphuma waya kuyihlwayela imbewu yakhe. Ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni; yaza yanyathelwa, zathi iintaka zezulu zayidla zayidla. Embi yawa elulwalweni; ithe ke yahluma, yatsha ngenxa yokungabi namanzi. Embi yawa emithaneni enameva; imithana enameva yakhula kunye nayo, yayiminxa. Yimbi yawa kuwo wona umhlaba olungileyo, yahluma, yavelisa isiqhamo kalikhulu. Uthe akuba ezithethile ezi zinto, wakhala esithi, Lowo uneendlebe zokuva makeve. Bambuza ke abafundi bakhe, besithi, Ungaba uyintoni na lo mzekeliso? Uthe ke yena, Nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bukaThixo; ukuze bebona nje bangaboni, besiva nje bangaqondi. Ke kaloku lo mzekeliso uthi: Imbewu lilizwi likaThixo. Aba ngasendleleni ngabo bavayo; andule ke afike uMtyholi, alithabathe ilizwi ezintliziyweni zabo, ukuze bangakholwa, basindiswe. Abo ke baselulwalweni ngabasakuthi, bakuliva, balamkele ngovuyo ilizwi; aba ke abanangcambu, bona bakholwa umzuzwana, ze bathi ngexa lokuhendwa balahle. Leyo ke yawayo emithaneni enameva, ngabo bathi, belivile, bahambe benamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, baminxwe, baze bangavelisi siqhamo. Le ke isemhlabeni omhle, ngabo bona bathi ngentliziyo entle, elungileyo, bakuliva ilizwi, balibambe, bavelise iziqhamo benomonde. Akukho ke uthi, esilumekile isibane, asisibeke ngesitya, athi mhlawumbi asibeke ngaphantsi kwesingqengqelo; usixhoma esiphathweni saso, ukuze abo bangenayo bakubone ukukhanya. Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakala; kananjalo akukho nto ifihlakeleyo ingayi kwaziwa, ize ekuhleni. Lumkani ngoko ukuva eniva ngako; kuba osukuba enako, uya kunikwa; osukuba ke engenako, uya kuhluthwa kwanoko asukuba ekuko. Ke kaloku kwafika kuye unina nabazalwana bakhe, baza ababa nako ukufikelela kuye ngenxa yendimbane. Wabikelwa ke, kwathiwa, Unyoko nabazalwana bakho bemi ngaphandle, befuna ukukubona. Uphendule ke wathi kubo, Uma nabazalwana bam ngaba bona balivayo ilizwi likaThixo, balenze.
ULUKA 8:1-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KWAYE kute kamva, wayehamba ngezixeko ngezixeko nangemizi ngemizi, eshumayela exela nokuxela indaba ezilungileyo zobukumkani BUKATIXO; benaye nabalishumi linababini, nabafazi abatile ababe bepilisiwe komoya abakohlakeleyo nasezilwelweni, u‐Mariya obizwa ngom‐Magadala, obekupumile kuye idemoni ezisixe̔nxe, no‐Johana umfazi ka‐Kuza igosa lika‐Herodi, no‐Susana, nabanye abaninzi, abebemkonza ngempahla yabo. Kekaloku kwakubutana isihlwele esikulu, besiza kuye abakuzo zonke isixeko, wazekelisa wati: Umhlwayeli wapuma ukuya kuhlwayela imbewu yake; nasekuhlwayeleni kwake, inxenye yawa ngasendleleni; yaza yanyatelwa, zati intaka zezulu zayidla. Yawa enye elulwalweni; yati yakuba ihlumile yabuna, ngokuba ingenako ukunyakama. Yawa nenye pakati kwemitolo; yaza imitolo yahluma kunye nayo, yayitshwencisa. Yawa nenye emhlabeni olungileyo; yati yakuba ihlumile yavelisa iziqa̔mo ngekulu. Wati esitsho ezizinto wadanduluka, esiti: Onendlebe zokuva, makeve. Baza abadisipile bake bambuza, besiti: Ungati nina umzekeliso lo? Wayesiti: Kunikiwe nina ukwazi imfihlakalo zobukumkani BUKATIXO: kodwa abanye kutetwa kubo ngemizekeliso; ukuze bati bebona nje, bangaboni; bati kanjalo besiva nje, bangaqondi. Kekaloku umzekeliso nguwo lo wokuti: Imbewu ililizwi LIKATIXO. Abo bangasendleleni ke, bangabo bevayo; kwandule ukuza u‐Satane asuse ilizwi entliziyweni yabo, ukuze bangakolwa basindiswe. Abo baselulwalweni ke, ngabati xeshekweni bavileyo, balamkele ilizwi ngovuyo; kanti aba abanangcambo, abakolwayo kube mzuzu, bati ngexesha lokulingwa bapambuke. Leyo ke yawayo emitolweni, aba bangabo abati bakuba bevile, bahambe baṙwishwe zizitukutezi nobutyebi nemihlali yokudliwa kwobomi, baze bangaqa̔mi kuvutwe. Leyo ke isemhlabeni olungileyo, aba bangabo abati ngentliziyo elungileyo netambileyo, bakuba bevile, balibambe ilizwi, baxakate izixakato ngokunyamezela. Akuko mntu oti, akubaneka isibane, asigubungele ngesitya, umhlaumbi asibeke pantsi kwesihlalo; uti asibeke pezu kwekandelare, ukuze abangenayo babone ukukanya. Ngokuba kungeko nto efihlakeleyo, engayi kubonakaliswa; kanjako akuko nto efihliweyo, engayi kwaziwa, ize ekuhleni. Lumkani ngoko ukuba niti nina ukuva: ngokuba osukuba enako, kuya kupiwa yena; kanti osukuba engenako, uya kuhlutwa kwa oko aba unako. Kekaloku kwasondela kuye unina nabazalwana bake; bakohlwa ke kumfikelela ngenxa yesihlwele. Kwaza kwashunyayelwa kuye, kusitwa: Unyoko nabazalwana bako bemi pandle, befuna ukukubona. Koko wapendula wati kubo: Uma̔ nabazalwana bam bangaba, abalivayo ilizwi LIKATIXO, balenze.