Ivangeli ka‐Luke 8
8
1KWAYE kute kamva, wayehamba ngezixeko ngezixeko nangemizi ngemizi, eshumayela exela nokuxela indaba ezilungileyo zobukumkani bukatixo; benaye nabalishumi linababini, 2nabafazi abatile ababe bepilisiwe komoya abakohlakeleyo nasezilwelweni, u‐Mariya obizwa ngom‐Magadala, obekupumile kuye idemoni ezisixe̔nxe, 3no‐Johana umfazi ka‐Kuza igosa lika‐Herodi, no‐Susana, nabanye abaninzi, abebemkonza ngempahla yabo.
4Kekaloku kwakubutana isihlwele esikulu, besiza kuye abakuzo zonke isixeko, wazekelisa wati:
5Umhlwayeli wapuma ukuya kuhlwayela imbewu yake; nasekuhlwayeleni kwake, inxenye yawa ngasendleleni; yaza yanyatelwa, zati intaka zezulu zayidla. 6Yawa enye elulwalweni; yati yakuba ihlumile yabuna, ngokuba ingenako ukunyakama. 7Yawa nenye pakati kwemitolo; yaza imitolo yahluma kunye nayo, yayitshwencisa. 8Yawa nenye emhlabeni olungileyo; yati yakuba ihlumile yavelisa iziqa̔mo ngekulu. Wati esitsho ezizinto wadanduluka, esiti: Onendlebe zokuva, makeve.
9Baza abadisipile bake bambuza, besiti: Ungati nina umzekeliso lo? 10Wayesiti: Kunikiwe nina ukwazi imfihlakalo zobukumkani bukatixo: kodwa abanye kutetwa kubo ngemizekeliso; ukuze bati bebona nje, bangaboni; bati kanjalo besiva nje, bangaqondi.
11Kekaloku umzekeliso nguwo lo wokuti: Imbewu ililizwi likatixo. 12Abo bangasendleleni ke, bangabo bevayo; kwandule ukuza u‐Satane asuse ilizwi entliziyweni yabo, ukuze bangakolwa basindiswe. 13Abo baselulwalweni ke, ngabati xeshekweni bavileyo, balamkele ilizwi ngovuyo; kanti aba abanangcambo, abakolwayo kube mzuzu, bati ngexesha lokulingwa bapambuke. 14Leyo ke yawayo emitolweni, aba bangabo abati bakuba bevile, bahambe baṙwishwe zizitukutezi nobutyebi nemihlali yokudliwa kwobomi, baze bangaqa̔mi kuvutwe. 15Leyo ke isemhlabeni olungileyo, aba bangabo abati ngentliziyo elungileyo netambileyo, bakuba bevile, balibambe ilizwi, baxakate izixakato ngokunyamezela.
16Akuko mntu oti, akubaneka isibane, asigubungele ngesitya, umhlaumbi asibeke pantsi kwesihlalo; uti asibeke pezu kwekandelare, ukuze abangenayo babone ukukanya. 17Ngokuba kungeko nto efihlakeleyo, engayi kubonakaliswa; kanjako akuko nto efihliweyo, engayi kwaziwa, ize ekuhleni. 18Lumkani ngoko ukuba niti nina ukuva: ngokuba osukuba enako, kuya kupiwa yena; kanti osukuba engenako, uya kuhlutwa kwa oko aba unako.
19Kekaloku kwasondela kuye unina nabazalwana bake; bakohlwa ke kumfikelela ngenxa yesihlwele. 20Kwaza kwashunyayelwa kuye, kusitwa: Unyoko nabazalwana bako bemi pandle, befuna ukukubona. 21Koko wapendula wati kubo: Uma̔ nabazalwana bam bangaba, abalivayo ilizwi likatixo, balenze.
22Kwaye kute ngemini etile, wangena yena enqanaweni, kwa nabadisipile bake; waza wati kubo: Masiwele siye kwelingapesheya icala lolwandlana, banduluka ke. 23Kekaloku nxa bebeselisha, walala ubutongo: kwaza kwehla uqwitela lwomoya pezu kwolwandlana, bada bafun’ ukuzalelwa ngamanzi, baza kuba semgcipekweni ke. 24Beza kuye bamvusa, besiti: Nkosi, Nkosi, siyabuba! Wavuka ke wakalimela umoya nokulwa kwamanzi; kwapeza ke, kwaza kwabako ukuzola. 25Wayesiti kubo: Lupina ukolo lwenu? Kodwa bebesoyika bati nqa, besiti omnye kwomnye: Ngubanina kanti lo, eyalela nemimoya namanzi nje, zimve ke?
26Baza baselishela ezweni lama‐Gadara, elimalungana ne‐Galili. 27Wati akupumela emhlabeni, kwamkaulela indoda etile yasesixekweni esekukade inazo idemoni, yayingambati ngubo, yayingahlali endlwini kanjalo, koko yahlala emancw̔abeni. 28Yati kekaloku yakubona u‐Yesu, yadanduluka, yawa pantsi pambi kwake, yati ngelizwi elikulu: Ndiyinto nina kuwe, Yesu, Nyana katixo opezu konke? ndiyakukunga, zungandimbeli! 29(Ngokuba ebeyalele umoya onco̔lileyo ukuba apume emntwini lowo; ngokuba bekukaninzi ebemqubule; wabegcinwa enxityiwe ngemixokelelwane nangamakamandela; waza eqaula izinxibo wagxotelwa ezindaweni ezilubala yidemoni.) 30Waza wayibuza u‐Yesu, esiti: Ngubanina igama lako? Yayisiti: Ngu‐Bandlalikulu; ngokuba idemoni ezininzi bezingene kuyo. 31Zaza zambongoza, aze angaziyaleli ukuba zimke ziye esihogweni. 32Kwabekuko apo umhlambi wehangu ezininzi zisidla entabeni. Zaza zambongoza ukuba azivumele zingene kuzo ezo. Wazivumela ke. 33Zati idemoni zapuma emntwini lowo zangena ezihangwini; waza umhlambi wagalelekela ngeliwa apo elwandlana, wamiwa ke. 34Baza abo babesalusa, bakubona oko kwenzekileyo, babaleka, baya bashumayela indawo esixekweni nasemapandleni. 35Bati ke abantu bapuma ukuya kubona into eyenzekileyo, beza ku‐Yesu, bamfumana ehleli pantsi lowamntu zibe zipumile kuye idemoni, evatile, enokuqonda kwake, ngasezinyaweni zika‐Yesu; basuka boyika. 36Bati kanjalo abo babebonile babashumayeza ukuba watiwa nina ukupiliswa lowo ubengenelwe zidemoni. 37Saza sonke isihlwele sasezweni elipahlayo lama‐Gadara samtandaza ukuba emke kubo; ngokuba bebebanjwa kukwoyika okukulu. Waza yena wangena enqanaweni, wabuya.
38Kekaloku indoda zibe zipumile kuyo idemoni ibimkunga ukuba ibe naye. Kodwa wayindulula u‐Yesu, esiti: 39Buyela endlwini yako, ubalise izinto ezingakanana akwenzele zona utixo. Yaza yemka, ishumayela kuso sonke isixeko izinto ezingakanana abeyenzele zona u‐Yesu.
40Kwaza kwati akuba ebuyile u‐Yesu, abantu bamamkela ngembuko; ngokuba bonke bebemlinda.
41Kekaloku bona ke, kwafika indoda egama lalingu‐Yahiri, ebingumpati wendlu yentlanganiso, yawa pantsi ngasezinyaweni zika‐Yesu, yambongoza ukuba angene endlwini yayo: 42ngokuba ibinentombi ikupela kwomntwana wayo, eminyaka yobudala ngati yalishumi linamibini, yati yona yafun’ ukufa. Kwati ekuhambeni kwake, izihlwele zamxinanela.
43Kekaloku umfazi obenegqita legazi kwasekuyiminyaka ilishumi linamibini, obegqibele kanjako konke apila ngako emagqir̔eni, engabanga nako ukupiliswa mntu, 44weza ngasemva, wacu̔kumisa umqukumbelo wengubo yake; laselinqamka kwa oko igqita legazi lake. 45Waza wati u‐Yesu: Ngubanina owandicu̔kumisayo? Kekaloku bakukanyela bonke, wati u‐Petrosi nabo babenaye: Nkosi! izihlwele zikuxinga zikuncinezela nje, uti ke na: Ngubanina owandicu̔kumisayo? 46Koko u‐Yesu wati: Kuko owandicu̔kumisayo; ngokuba ndandisazi ukuba amandla apuma kum. 47Wati ke umfazi lowo akubona ukuba akafihlakele, weza engcangcazela, wawa pantsi pambi kwake, wamshumayeza ebusweni babantu bonke ituba abemcu̔kumisile ngalo, nokokuba wapiliswa kwa oko. 48Wayesiti kuye: Yomelela, ntombi! ukolo lwako lukupilisile; hamba ngoxolo.
49Nxa abesateta, kwafika owakowabo umpati wendlu yentlanganiso, esiti kuye: Ifile intombi yako; ungamkatazi umfundisi. 50Kuloko u‐Yesu, evile nje, wapendula kuye, esiti: Ungoyiki: kolwa kodwa, yaiya kupiliswa 51Wati akufika endlwini, akavumela mntu ukuba angene, kupela u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane, noyise wentombazana nonina. 52Kekaloku bebelila bonke, bayenzela isijwili. Kodwa wati: Ningalili; ayifile, ilele butongo. 53Basuka bamhleka, besazi ukuba ifile. 54Kuloko yena akuba ebaku̔pele pandle bonke, wabamba isandla sayo, wadanduluka, esiti: Ntombazana, vuka! 55Waza umoya wayo wabuya weza, yaselisuka kwa oko. Kanjalo wayalela ukuba inikwe ukudla. 56Bati ke abazali bayo bamangaliswa; kodwa wabayala ukuba mabangaxeleli mntu into eyenzekileyo.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Luke 8: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.