Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uLuka 8:1-21

uLuka 8:1-21 CXB24

Kwathi emveni koko, wayihamba imizi ngemizi nemizana, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo. Babenaye abalishumi elinababini. Kwanabafazi abathile, ababephiliswe koomoya abakhohlakeleyo nasebulwelweni, uMariya ekuthiwa nguMagadala, ekwakuphume kuye iidemon ezisixhenxe, noYohana, umfazi kaKuza, igosa likaHerode, noSusana, nabanye abaninzi; bona babemlungiselela ngeempahla zabo. Kuthe ke kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu, besiza kuye bephuma kwimizi ngemizi, ubethetha ngomzekeliso. Umhlwayeli waphuma waya kuyihlwayela imbewu yakhe. Ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni; yaza yanyathelwa, zathi iintaka zezulu zayidla zayidla. Embi yawa elulwalweni; ithe ke yahluma, yatsha ngenxa yokungabi namanzi. Embi yawa emithaneni enameva; imithana enameva yakhula kunye nayo, yayiminxa. Yimbi yawa kuwo wona umhlaba olungileyo, yahluma, yavelisa isiqhamo kalikhulu. Uthe akuba ezithethile ezi zinto, wakhala esithi, Lowo uneendlebe zokuva makeve. Bambuza ke abafundi bakhe, besithi, Ungaba uyintoni na lo mzekeliso? Uthe ke yena, Nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bukaThixo; ukuze bebona nje bangaboni, besiva nje bangaqondi. Ke kaloku lo mzekeliso uthi: Imbewu lilizwi likaThixo. Aba ngasendleleni ngabo bavayo; andule ke afike uMtyholi, alithabathe ilizwi ezintliziyweni zabo, ukuze bangakholwa, basindiswe. Abo ke baselulwalweni ngabasakuthi, bakuliva, balamkele ngovuyo ilizwi; aba ke abanangcambu, bona bakholwa umzuzwana, ze bathi ngexa lokuhendwa balahle. Leyo ke yawayo emithaneni enameva, ngabo bathi, belivile, bahambe benamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, baminxwe, baze bangavelisi siqhamo. Le ke isemhlabeni omhle, ngabo bona bathi ngentliziyo entle, elungileyo, bakuliva ilizwi, balibambe, bavelise iziqhamo benomonde. Akukho ke uthi, esilumekile isibane, asisibeke ngesitya, athi mhlawumbi asibeke ngaphantsi kwesingqengqelo; usixhoma esiphathweni saso, ukuze abo bangenayo bakubone ukukhanya. Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakala; kananjalo akukho nto ifihlakeleyo ingayi kwaziwa, ize ekuhleni. Lumkani ngoko ukuva eniva ngako; kuba osukuba enako, uya kunikwa; osukuba ke engenako, uya kuhluthwa kwanoko asukuba ekuko. Ke kaloku kwafika kuye unina nabazalwana bakhe, baza ababa nako ukufikelela kuye ngenxa yendimbane. Wabikelwa ke, kwathiwa, Unyoko nabazalwana bakho bemi ngaphandle, befuna ukukubona. Uphendule ke wathi kubo, Uma nabazalwana bam ngaba bona balivayo ilizwi likaThixo, balenze.