ULUKA 6:1-11
ULUKA 6:1-11 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwathi ngesabatha ethile, wacanda emasimini; baye abafundi bakhe besikha izikhwebu, bazidla, bezihlikihla ngezandla. Bathe ke abathile babaFarisi kubo, Yini na ukuba nenze oko kungavumelekileyo ngesabatha? Wabaphendula uYesu wathi, Anikhanga nikulese na oko wakwenzayo uDavide, mhlenikweni walambayo, yena nabo babenaye? Okokuba wangena endlwini kaThixo, wazithabatha izonka ezibekwe phambi koThixo, wazidla, wanika nabo babenaye, ezo ke kungavumelekileyo ukuba zidliwe bantu, ingengabo ababingeleli bodwa? Wayesithi kubo, uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha. Kwathi ke kaloku, nangenye isabatha wangena endlwini yesikhungu, wafundisa. Kwaye kukho apho umntu owome isandla sokunene. Baye ke bemlalele ababhali nabaFarisi, ukuba wophilisa na ngesabatha; ukuze bafumane indawo yokummangalela. Kodwa yena ebezazi izicamango zabo, wathi kuloo mntu usandla somileyo, Phakama, umele phakathi. Usukile ke wema. Uthe ngoko uYesu kubo, Ndiya kunibuza into: okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa ubomi, kukubulala, kusini na? Akuba ebasingasingile bonke, wathi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wenjenjalo ke; sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye. Basuka ke bona baphambana ngumsindo; babethethana bodwa, ukuba bangamenza ntoni na uYesu.

ULUKA 6:1-11 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwathi uYesu ecanda emasimini *ngoMhla woPhumlo, abafundi bakhe bakha izikhwebu zengqolowa, bazichuba, batya. Ke abathile *bakubaFarasi bathi kubo: “Kungani na ukuba nenze okungavumelekanga ngoMhla wokuPhumla?” Waphendula uYesu wathi: “Anizange nikufunde na oko wakwenzayo uDavide mhla walamba yena neqela lakhe? Kaloku wangena *endlwini kaThixo, wazithatha wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo, wanika neqela lakhe. Kanti ke ngokomthetho ezo zonka azimelwe kutyiwa ngabangengobabingeleli. ” Waza ke wathi kubo: “UNyana woLuntu uyiNkosi yawo noMhla woPhumlo.” Ngomnye *uMhla woPhumlo uYesu wangena endlwini yesikhungo wafundisa. Apho kwakukho umntu owome isandla sokunene. Babemlalele abachazi-mthetho *nabaFarasi, befuna ukubona ukuba wophilisa na ngoMhla woPhumlo, khon' ukuze bafumane isizathu sokummangalela. UYesu ke wayezazi iingcamango zabo, waza wathi kuloo mntu wayome isandla: “Phakama, uze ngaphambili.” Waphakama ke, wema apho. Waza wathi uYesu: “Ndixeleleni: okuvumelekileyo ngoMhla wokuPhumla kukwenza okulungileyo, okanye kukwenza okubi; kukuphilisa umntu, okanye kukubulala, kusini na?” Akuba ebasingasingile bonke, wathi kuloo mntu: “Solule isandla sakho.” Wenjenjalo ke, saza saphila isandla sakhe. Basuka ke bona bajwaqeka ngumsindo, bebuzana bodwa ukuba bangamthini na uYesu.
ULUKA 6:1-11 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwathi ngesabatha yokuqala, wacanda emasimini; Baza abafundi bakhe bakha izikhwebu, badla, bezihlikihla ezandleni zabo. Abathile baFarasi babesithi kubo: “Yini na ukuba nenze oko kungavumelekileyo ngesabatha? Wabaphendula uYesu wathi, Aniyilesanga na into awayenzayo uDavide, xa walambayo, yena nabo babenaye? Okokuba wangena endlwini kaThixo, wazithabatha izonka ezibekwa phambi koThixo, wazidla, wanika nabo babenaye, ekungavumelekileyo ukuba zidliwe, ingengabo ababingeleli bodwa? Wayesithi kubo, uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha. Kwathi ke kaloku, nangenye isabatha, wangena endlwini yesikhungu, wafundisa. Kwaye kukho apho umntu owome isandla sokunene. Baye ke bemlalele ababhali nabaFarisi, ukuba wophilisa na ngesabatha; ukuze bafumane indawo yokummangalela. Kodwa yena ezazi iingcamango zabo, wathi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama, umele phakathi. Uye waphakama wema. Wathi ngoko uYesu kubo, Ndiya kunibuza zwi-nye; Okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? kukusindisa ubomi, kukubulala, kusini na? Akuba ebasingasingile bonke, wathi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wenjenjalo; saphila ke isandla sakhe, saba nesesinye. Basuka ke bona baphambana; baye bethetha bodwa, ukuba bangamenza ntoni na uYesu.
ULUKA 6:1-11 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KWAYE kute ngesabata yokuqala emveni kweyesibini imini yepasika, ebecanda emasimini: baza abadisipile bake baka izikwebu, batya, behlikihla ngezandla. Koko abatile bakubafarisi bati kubo: Yinina ukuba nikwenze oko ekungafanelekile ukukwenza ngemini yesabata? Waza u‐Yesu wapendula kubo, wati: Anike nileseshe oku na, owakwenzayo u‐Davide, okuya wabelambile yena nabo babenaye; okokuba wangena endlwini KATIXO, watabata izonka zokubonakala, waza watya, wanika nabo babenaye kanjalo, ekungafanelekile ukuba zityiwe, kupela ngabaperisite bodwa? Wabesiti kubo kanjalo: Unyana wesintu uyinkosi yesabata nayo. Kwaye kute nangenye isabata, wangena endlwini yentlanganiso, wafundisa. Kekaloku bekuko kona umntu osandla sokunene sibe sishwabene. Bati ababa̔li nabafarisi bamgqala, ukuba uya kupilisa na ngesabata, ukuze bafumane into yokumnika ityala ngayo. Kodwa yena ebesazi izicamango zabo, wati emntwini obenesandla esishwabeneyo: Suka, ume pakati. Usukile ke wema. Wandula u‐Yesu wati kubo: Ndobuza kuni into ibe nye: Kufanelekile ngemini yesabata ukwenza okulungileyo, ukwenza okukohlakeleyo, kusinina? ukulondoloza ubomi, ukububisa, kusinina? Waza ebasingasingele bonke wati emntwini: Yolula isandla sako. Wenje njalo ke; saza isandla sake sabuya senziwa sipilile njengesinye. Kodwa bona bazaliswa bubugeza, batetana omnye nomnye, ukuba bangenza nto nina ku‐Yesu.