Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Luke 6:1-11

Ivangeli ka‐Luke 6:1-11 XHO1902A

KWAYE kute ngesabata yokuqala emveni kweyesibini imini yepasika, ebecanda emasimini: baza abadisipile bake baka izikwebu, batya, behlikihla ngezandla. Koko abatile bakubafarisi bati kubo: Yinina ukuba nikwenze oko ekungafanelekile ukukwenza ngemini yesabata? Waza u‐Yesu wapendula kubo, wati: Anike nileseshe oku na, owakwenzayo u‐Davide, okuya wabelambile yena nabo babenaye; okokuba wangena endlwini KATIXO, watabata izonka zokubonakala, waza watya, wanika nabo babenaye kanjalo, ekungafanelekile ukuba zityiwe, kupela ngabaperisite bodwa? Wabesiti kubo kanjalo: Unyana wesintu uyinkosi yesabata nayo. Kwaye kute nangenye isabata, wangena endlwini yentlanganiso, wafundisa. Kekaloku bekuko kona umntu osandla sokunene sibe sishwabene. Bati ababa̔li nabafarisi bamgqala, ukuba uya kupilisa na ngesabata, ukuze bafumane into yokumnika ityala ngayo. Kodwa yena ebesazi izicamango zabo, wati emntwini obenesandla esishwabeneyo: Suka, ume pakati. Usukile ke wema. Wandula u‐Yesu wati kubo: Ndobuza kuni into ibe nye: Kufanelekile ngemini yesabata ukwenza okulungileyo, ukwenza okukohlakeleyo, kusinina? ukulondoloza ubomi, ukububisa, kusinina? Waza ebasingasingele bonke wati emntwini: Yolula isandla sako. Wenje njalo ke; saza isandla sake sabuya senziwa sipilile njengesinye. Kodwa bona bazaliswa bubugeza, batetana omnye nomnye, ukuba bangenza nto nina ku‐Yesu.