ULUKA 6:1-11

ULUKA 6:1-11 XHO96

Kwathi uYesu ecanda emasimini *ngoMhla woPhumlo, abafundi bakhe bakha izikhwebu zengqolowa, bazichuba, batya. Ke abathile *bakubaFarasi bathi kubo: “Kungani na ukuba nenze okungavumelekanga ngoMhla wokuPhumla?” Waphendula uYesu wathi: “Anizange nikufunde na oko wakwenzayo uDavide mhla walamba yena neqela lakhe? Kaloku wangena *endlwini kaThixo, wazithatha wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo, wanika neqela lakhe. Kanti ke ngokomthetho ezo zonka azimelwe kutyiwa ngabangengobabingeleli. ” Waza ke wathi kubo: “UNyana woLuntu uyiNkosi yawo noMhla woPhumlo.” Ngomnye *uMhla woPhumlo uYesu wangena endlwini yesikhungo wafundisa. Apho kwakukho umntu owome isandla sokunene. Babemlalele abachazi-mthetho *nabaFarasi, befuna ukubona ukuba wophilisa na ngoMhla woPhumlo, khon' ukuze bafumane isizathu sokummangalela. UYesu ke wayezazi iingcamango zabo, waza wathi kuloo mntu wayome isandla: “Phakama, uze ngaphambili.” Waphakama ke, wema apho. Waza wathi uYesu: “Ndixeleleni: okuvumelekileyo ngoMhla wokuPhumla kukwenza okulungileyo, okanye kukwenza okubi; kukuphilisa umntu, okanye kukubulala, kusini na?” Akuba ebasingasingile bonke, wathi kuloo mntu: “Solule isandla sakho.” Wenjenjalo ke, saza saphila isandla sakhe. Basuka ke bona bajwaqeka ngumsindo, bebuzana bodwa ukuba bangamthini na uYesu.