Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 5:17-39

ULUKA 5:17-39 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Kwathi ke ngamini ithile wafundisa. Kwaye kuhleli abaFarisi nabafundisimthetho, ababephume kuyo yonke imizana yelaseGalili, neyelakwaYuda, naseYerusalem; aye ekho amandla eNkosi ukuba abaphilise. Kwabonakala amadoda ethwele ngokhuko umntu onedumbe; ayefuna ukumngenisa, ambeke phambi kwakhe. Athi, akuba engafumani ndawo angamngenisa ngayo ngenxa yesihlwele, akhwela phezu kwendlu, agqobhoza ezifulelweni, amhlisa ndawonye nokhuko, ambeka phakathi, phambi koYesu. Akulubona ke ukholo lwawo, wathi kuye, Mntundini, ùzixolelwe izono zakho. Baqala ukucamanga ababhali nabaFarisi, besithi, Ngubani na lo uthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, ingenguye uThixo yedwa? Eziqiqile ke uYesu izicamango zabo, waphendula wathi kubo, Nicamanga ntoni na ezintliziyweni zenu? Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi, Ùzixolelwe izono zakho; kukho nokuthi, Vuka uhambe? Ke ukuze nazi, ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho. Usuke wema kwangoko phambi kwabo, wayithabatha loo nto abelele kuyo, wemka waya endlwini yakhe, ezukisa uThixo. Besuka bathi nqa bonke, bamzukisa uThixo, bazala kukoyika, besithi, Sibone izanga namhlanje. Ke kaloku, emveni kwezi zinto waphuma, wabona umbuthi werhafu, ogama linguLevi, ehleli endaweni yerhafu, wathi kuye, Ndilandele. Washiya konke, wesuka wamlandela. Waza uLevi wamenzela isidlo esikhulu endlwini yakhe. Kwaye kukho iqela elikhulu lababuthi berhafu nelabanye, ababehleli ngasesithebeni nabo. Baye ababhali babo nabaFarisi bebakrokrela abafundi bakhe, besithi, Kungani na ukuba nidle nisele nababuthi berhafu naboni? Waphendula uYesu wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo. Andizé kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke. Ke kaloku bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane bazile ukudla futhi, benze nezikhungo; benjenjalo nababaFarisi; kanti ke bona abakho bayadla basele? Wathi ke kubo, Ninako yini na ukubazilisa ukudla abegumbi lomtshakazi, xa asenabo umyeni? Kodwa kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila ngaloo mihla. Ke kaloku wabethetha nomzekeliso kubo esithi, Akukho ubeka isiziba sengubo entsha engutyeni endala; okanye wóba ukrazula leyo intsha, sithi nesiziba eso sentsha singavumani nendala. Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala; okanye yozigqabhuza iintsuba iwayini entsha, iphalale yona, zitshabalale neentsuba. Yona iwayini entsha ifanele ukuthiwa ezintsubeni ezintsha zigcinakale ezo zinto zombini. Kanjalo akukho uthi, ebesele endala, athande entsha kwaoko; ngokuba uthi, Endala yeyona inencasa.

ULUKA 5:17-39 IBHAYIBHILE (XHO96)

Kwathi ngamini ithile uYesu efundisa, kwafika *abaFarasi nabachazi-mthetho, bephuma kuzo zonke iindolophu zelaseGalili nelakwaJuda, naseJerusalem. Amandla eNkosi ayekho kuye, ephilisa. Nako ke kufika amadoda ethwele ngokhuko umntu ofe umzimba, efuna ukumngenisa endlwini, ambeke phambi koYesu. Exakiwe kukumngenisa ngenxa yokuxinana kwesihlwele, akhwela phezu kwendlu, aqhaqha uphahla, amhlisa ngokhuko, ambeka phakathi, phambi koYesu. Akulubona uYesu ukholo lwawo, wathi kofe umzimba: “Mfondini, izono zakho zixolelwe.” Baza abachazi-mthetho nabaFarasi bathetha bodwa besithi: “Yini na ukuba lo mntu anyelise ngolu hlobo? Ngubani kakade onako ukuxolela izono ngaphandle koThixo?” UYesu ke, ezazi iingcamango zabo, wabaphendula wathi kubo: “Yini na ukuba nibe nezi ngcamango ezintliziyweni zenu? Okukona kulula kukuphi? Kukho ukuthi: ‘Izono zakho zixololwe,’ kukho nokuthi: ‘Vuka uhambe’? Ke ukuze nazi ukuba yena *uNyana woLuntu unalo igunya lokuxolela izono emhlabeni apha – úthi kofe umzimba – ndithi kuwe: ‘Vuka, uthathe ukhuko lwakho, uhambe ugoduke!’ ” Waphakama kwangoko bemjongile, waluthatha ukhuko abelele kulo, wagoduka ebulela uThixo. Bamangaliswa ke bonke, bamdumisa uThixo, besoyika kakhulu, besithi: “Sibone umhlola namhlanje.” Emva koko uYesu waphuma, waza wabona umqokeleli-rhafu, ogama linguLevi, ehleli eofisini yerhafu; wathi kuye: “Ndilandele.” Washiya konke ke, wamlandela. ULevi ke wamenzela isidlo esikhulu uYesu endlwini yakhe. Kweso sidlo kwakukho iqela elikhulu labaqokeleli-rhafu nabanye abantu. Ke *abaFarasi nabachazi-mthetho babebakrokrela abafundi bakaYesu, besithi: “Yini na ukuba nitye nisele kunye nabaqokeleli-rhafu *naboni?” Wabaphendula uYesu esithi: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo. Andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.” Ke kaloku abantu abathile bathi kuYesu: “Kutheni na ukuba abafundi bakaYohane *nababaFarasi basoloko bezila ukutya, bethandaza, kanti bona abakho bayatya basele?” UYesu ke wathi kubo: “Ngaba abakhaphi bomyeni ninokubazilisa na ukutya umyeni esenabo? Hayi, kodwa yofika yona imini yokuba umyeni asuswe kubo. Ngaloo mini ke baya kukuzila ukutya.” Ke kaloku uYesu wathetha umzekeliso kubo, esithi: “Akukho mntu uthatha isiziba kwisambatho esitsha asithungele kwesidala, hleze asonakalise isambatho esitsha, sibe isiziba eso singasilungeli nesidala. Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili; kuba, ukuba uthe wenjenjalo, iwayini leyo yobila, izigqabhuze iimvaba, ichitheke, zonakale nezo mvaba. Iwayini engekabili mayithiwe kwiimvaba ezintsha. Kananjalo akukho mntu uthi, esele iwayini endala, athande nengekatsali, kuba uthi: ‘Endala inencasa!’ ”

ULUKA 5:17-39 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku kwathi ngamini ithile wafundisa, kuhleli abaFarisi nabafundisi-mthetho, ababephume kuyo yonke imizana yelaseGalili, nelakwaYuda, naseYerusalem; ekhoyo ukubaphilisa. Kwabonakala amadoda ethwele ngokhuko umntu ofe umzimba, efuna ukumngenisa endlwini, ambeke phambi kwakhe. Athi, akuba engafumani ndawo angamngenisa ngayo ngenxa yendimbane, akhwela phezu kwendlu, agqobhoza ezifulelweni, amhlisa ke phakathi, amhlisa ngokhuko, ambeka phakathi, phambi koYesu. Akulubona ke ukholo lwawo, wathi kuye, Mntundini, uzixolelwe izono zakho. Baqala ukucamanga ababhali nabaFarisi, besithi, Ngubani na lo uthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, ingenguye uThixo yedwa? Eziqiqile ke uYesu izicamango zabo, waphendula wathi kubo, Nicamanga ntoni na ezintliziyweni zenu? Okukhona kulula kukuphi na, kukho ukuthi, Zixolelwe izono zakho; nokuthi, Vuka uhambe? Ke ukuze nazi, ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), Ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho. Usuke wema kwangoko phambi kwabo, wayithabatha loo nto abelele kuyo, wemka waya endlwini yakhe, ezukisa uThixo. Besuka bathi nqa bonke, bamzukisa uThixo, bazala kukoyika, besithi, Sibone imimangaliso namhlanje. Emva kwezi zinto waphuma, wabona umbuthi werhafu, ogama linguLevi, ehleli endaweni yerhafu, wathi kuye, Ndilandele. Ekushiye konke, wesuka wamlandela. uLevi ke wamenzela itheko elikhulu endlwini yakhe. Kwaye kukho inkitha yababuthi berhafu nabanye abantu ababehleli ndawonye nabo. Baye ababhali babo nabaFarisi bebakrokrela abafundi bakhe, besithi, Kungani na ukuba nidle nisele nababuthi berhafu naboni? Uphendule uYesu wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphili leyo; kodwa ngabafayo. Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke. Baza bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane bazile ukudla futhi, benze imithandazo, benjenjalo nababaFarisi; kodwa abakho bayadla basele? Wathi ke kubo, Ninako yini na ukubazilisa ukudla abegumbi lomtshakazi, xa anabo umyeni? Kodwa kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila ngaloo mihla. Ke kaloku wathetha umzekeliso kubo; Akukho ke ubeka isiziba sengubo entsha engutyeni endala; okanye, wothi nentsha ikrazule, sithi nesiziba esitsha singavisisani nendala. Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili; okanye iwayini, leyo intsha, yozigqabhuza iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale neentsuba. Kodwa iwayini entsha ifanele ukuthiwa ezintsubeni ezintsha; kwaye zombini zigciniwe. Kanjalo akukho uthi, ebesele endala, athande entsha kwaoko, kuba uthi, Endala yeyona inencasa.

ULUKA 5:17-39 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Kwaza kwati ngemini etile, nxa abefundisa yena, babe behleli kona abafarisi nabafundisimteto, abebevele kuyo yonke imizi yase‐Galili, nase‐Judeya, nase‐Yerusaleme: kanjalo amandla ENKOSI ebeko ukubapilisa. Kekaloku bona ke, amadoda atile abezisa pezu kwoku̔ko umntu obenesifo sokushwabanisa, afuna ukumngenisa nokumbeka ebusweni bake. Aza ati, engafumananga indawo angamngenisayo ngayo ngenxa yesihlwele, enyukele pezu kwentungo yendlu, amhlisa ngezitene zokufulela kunye noku̔ko lwake, ambeka pakati apo pambi kwo‐Yesu. Waza wabona ukolo lwawo, wati kuye: Mntundini! uxolelwe izono zako. Baza ababa̔li nabafarisi baqala ukucamanga, besiti: Ngubanina lo uziteta ingxeko? ngubanina ongazixolelayo izono, kupela UTIXO yedwa? Wazinakana u‐Yesu izicamango zabo, wapendula wati kubo: Nicamanga nto nina ezintliziyweni zenu? okona kulula kukupina; ukuti: Uxolelwe izono zako; ukuti: Suka, uhambe; kusinina? kodwa ukuze nazi ukuba unyana wesintu unegunya emhlabeni ukuxolela izono, (wati konesifo sokushwabanisa:) nditi kuwe: Suka, upate uku̔ko lwako, uye endlwini yako. Waselesuka ke ebusweni babo, wapata lonto wabelele pezu kwayo, wemka waya endlwini yake, edumisa UTIXO. Baza kwa bonke babanjwa kukuti nqa, badumisa UTIXO; bazaliswa kukwoyika kanjalo, besiti: Sibone into ezimangalisayo namhla nje. Wati emveni kwezizinto wapuma, wabona umbuti weminikelo, ogama lingu‐Levi, ehleli endaweni yokwamkela iminikelo, wati kuye: Ndilandele. Washiya konke ke, wesuka, wamlandela. Waza u‐Levi wamenzela isidlo esikulu endlwini yake: kwaye kuko umhlambi omkulu wababuti beminikelo, nowabanye, abebehleli pantsi nabo. Baza ababa̔li bakubo, kwa nabafarisi, baṙoṙa kubadisipile bake, besiti: Kunganina ukuba nitye nisele kunye nababuti beminikelo naboni? Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Abapilileyo abasweli gqir̔a; ngabafayo abalisweleyo. Andizanga ukubiza abalungileyo, koko ndize ukubiza aboni baguquke. Kekaloku bati kuye: Kunganina ukuba abadisipile baka‐Johane bazile ukutya futi, benze nezikungo, kwa nababa‐Farisi kanjalo, kanti abako bayatya basele? Koko wati kubo: Usapo lwenkambili yomtshakazi ningalwenza luzile ukutya na, oko umyeni analo? Kodwa iya kuza imihla nokuya umyeni aya kususwa kulo; luya kwandula luzile ukutya kuleyomihla ke. Wabeteta nomzekeliso kubo, esiti: Akuko mntu ubeka isiziba sengubo entsha engutyeni endala; okanye, iti entsha iṙazule endala, nakanjako isiziba esisesentsha asilungelelani nendala. Kanjalo akuko mntu uta̔ iveyine entsha ezintsubeni ezindala; okanye, iveyine entsha yozigqoboza intsuba, ize ipalale yona, zitshabalale nentsuba; koko iveyine entsha ifanel’ ukuti̔wa ezintsubeni ezikwa zintsha, zandul’ ukugcinwa zombini. Kanjalo akuko mntu oti akuba esele iveyine endala, asuke afune entsha; ngokuba esiti: Endala igqitisile ngokulunga.