Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Luke 5:17-39

Ivangeli ka‐Luke 5:17-39 XHO1902A

Kwaza kwati ngemini etile, nxa abefundisa yena, babe behleli kona abafarisi nabafundisimteto, abebevele kuyo yonke imizi yase‐Galili, nase‐Judeya, nase‐Yerusaleme: kanjalo amandla ENKOSI ebeko ukubapilisa. Kekaloku bona ke, amadoda atile abezisa pezu kwoku̔ko umntu obenesifo sokushwabanisa, afuna ukumngenisa nokumbeka ebusweni bake. Aza ati, engafumananga indawo angamngenisayo ngayo ngenxa yesihlwele, enyukele pezu kwentungo yendlu, amhlisa ngezitene zokufulela kunye noku̔ko lwake, ambeka pakati apo pambi kwo‐Yesu. Waza wabona ukolo lwawo, wati kuye: Mntundini! uxolelwe izono zako. Baza ababa̔li nabafarisi baqala ukucamanga, besiti: Ngubanina lo uziteta ingxeko? ngubanina ongazixolelayo izono, kupela UTIXO yedwa? Wazinakana u‐Yesu izicamango zabo, wapendula wati kubo: Nicamanga nto nina ezintliziyweni zenu? okona kulula kukupina; ukuti: Uxolelwe izono zako; ukuti: Suka, uhambe; kusinina? kodwa ukuze nazi ukuba unyana wesintu unegunya emhlabeni ukuxolela izono, (wati konesifo sokushwabanisa:) nditi kuwe: Suka, upate uku̔ko lwako, uye endlwini yako. Waselesuka ke ebusweni babo, wapata lonto wabelele pezu kwayo, wemka waya endlwini yake, edumisa UTIXO. Baza kwa bonke babanjwa kukuti nqa, badumisa UTIXO; bazaliswa kukwoyika kanjalo, besiti: Sibone into ezimangalisayo namhla nje. Wati emveni kwezizinto wapuma, wabona umbuti weminikelo, ogama lingu‐Levi, ehleli endaweni yokwamkela iminikelo, wati kuye: Ndilandele. Washiya konke ke, wesuka, wamlandela. Waza u‐Levi wamenzela isidlo esikulu endlwini yake: kwaye kuko umhlambi omkulu wababuti beminikelo, nowabanye, abebehleli pantsi nabo. Baza ababa̔li bakubo, kwa nabafarisi, baṙoṙa kubadisipile bake, besiti: Kunganina ukuba nitye nisele kunye nababuti beminikelo naboni? Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Abapilileyo abasweli gqir̔a; ngabafayo abalisweleyo. Andizanga ukubiza abalungileyo, koko ndize ukubiza aboni baguquke. Kekaloku bati kuye: Kunganina ukuba abadisipile baka‐Johane bazile ukutya futi, benze nezikungo, kwa nababa‐Farisi kanjalo, kanti abako bayatya basele? Koko wati kubo: Usapo lwenkambili yomtshakazi ningalwenza luzile ukutya na, oko umyeni analo? Kodwa iya kuza imihla nokuya umyeni aya kususwa kulo; luya kwandula luzile ukutya kuleyomihla ke. Wabeteta nomzekeliso kubo, esiti: Akuko mntu ubeka isiziba sengubo entsha engutyeni endala; okanye, iti entsha iṙazule endala, nakanjako isiziba esisesentsha asilungelelani nendala. Kanjalo akuko mntu uta̔ iveyine entsha ezintsubeni ezindala; okanye, iveyine entsha yozigqoboza intsuba, ize ipalale yona, zitshabalale nentsuba; koko iveyine entsha ifanel’ ukuti̔wa ezintsubeni ezikwa zintsha, zandul’ ukugcinwa zombini. Kanjalo akuko mntu oti akuba esele iveyine endala, asuke afune entsha; ngokuba esiti: Endala igqitisile ngokulunga.