Ke kaloku kwathi ngamini ithile wafundisa, kuhleli abaFarisi nabafundisi-mthetho, ababephume kuyo yonke imizana yelaseGalili, nelakwaYuda, naseYerusalem; ekhoyo ukubaphilisa. Kwabonakala amadoda ethwele ngokhuko umntu ofe umzimba, efuna ukumngenisa endlwini, ambeke phambi kwakhe. Athi, akuba engafumani ndawo angamngenisa ngayo ngenxa yendimbane, akhwela phezu kwendlu, agqobhoza ezifulelweni, amhlisa ke phakathi, amhlisa ngokhuko, ambeka phakathi, phambi koYesu. Akulubona ke ukholo lwawo, wathi kuye, Mntundini, uzixolelwe izono zakho. Baqala ukucamanga ababhali nabaFarisi, besithi, Ngubani na lo uthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, ingenguye uThixo yedwa? Eziqiqile ke uYesu izicamango zabo, waphendula wathi kubo, Nicamanga ntoni na ezintliziyweni zenu? Okukhona kulula kukuphi na, kukho ukuthi, Zixolelwe izono zakho; nokuthi, Vuka uhambe? Ke ukuze nazi, ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), Ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho. Usuke wema kwangoko phambi kwabo, wayithabatha loo nto abelele kuyo, wemka waya endlwini yakhe, ezukisa uThixo. Besuka bathi nqa bonke, bamzukisa uThixo, bazala kukoyika, besithi, Sibone imimangaliso namhlanje. Emva kwezi zinto waphuma, wabona umbuthi werhafu, ogama linguLevi, ehleli endaweni yerhafu, wathi kuye, Ndilandele. Ekushiye konke, wesuka wamlandela. uLevi ke wamenzela itheko elikhulu endlwini yakhe. Kwaye kukho inkitha yababuthi berhafu nabanye abantu ababehleli ndawonye nabo. Baye ababhali babo nabaFarisi bebakrokrela abafundi bakhe, besithi, Kungani na ukuba nidle nisele nababuthi berhafu naboni? Uphendule uYesu wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphili leyo; kodwa ngabafayo. Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke. Baza bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane bazile ukudla futhi, benze imithandazo, benjenjalo nababaFarisi; kodwa abakho bayadla basele? Wathi ke kubo, Ninako yini na ukubazilisa ukudla abegumbi lomtshakazi, xa anabo umyeni? Kodwa kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila ngaloo mihla. Ke kaloku wathetha umzekeliso kubo; Akukho ke ubeka isiziba sengubo entsha engutyeni endala; okanye, wothi nentsha ikrazule, sithi nesiziba esitsha singavisisani nendala. Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili; okanye iwayini, leyo intsha, yozigqabhuza iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale neentsuba. Kodwa iwayini entsha ifanele ukuthiwa ezintsubeni ezintsha; kwaye zombini zigciniwe. Kanjalo akukho uthi, ebesele endala, athande entsha kwaoko, kuba uthi, Endala yeyona inencasa.