Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 24:1-35

ULUKA 24:1-35 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, ngesifingo sokusa, beza engcwabeni, bephethe ubulawu ababebulungisile, kukho nabanye abafazi nabo. Balifumana ke ilitye liqengqiwe, lesuka engcwabeni. Bakuba bengenile, àbawufumananga umzimba weNkosi uYesu. Kwathi, ekukhohlweni kwabo yile nto, kwabonakala amadoda amabini, ebafikela, eneengubo ezibengezelayo. Ke kaloku, bakubon' ukuba bangenelwe kukoyika, beqondele emhlabeni, athi kubo, Yini na ukuba ophilileyo nimfune phakathi kwabafileyo? Akakho apha, uvukile; khumbulani ukuthetha kwakhe kuni, oko ebesekwelaseGalili, esithi, UNyana woMntu umelwe kukuthi anikelwe ezandleni zabantu abangaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke. Bawakhumbula ke amazwi akhe; bebuyile engcwabeni, bazibika zonke ezo zinto kwabalishumi elinamnye, nakubo bonke abanye. Baye ke bengooMariya waseMagadala, noYohana, noMariya kaYakobi, nabanye ababenabo, abazixeláyo ezo zinto kubapostile.• Amazwi abo abonakala emehlweni abo engáthi kukulavuza; àbakholwa ngabo. Esukile ke uPetros, wagidima waya engcwabeni; athi eqondele, azibone iilinen abesongelwe kuzo, zilele zodwa; wagoduka, emangalisiwe koko kuhlileyo. Kwabonakala kusiya babini bakubo, kwangaloo mini, kumzana ozitadiya• zimashumi mathandathu, umgama wawo neYerusalem, ogama liyiEmawusi. Baye bona bexoxa bodwa ngazo zonke izinto ezibe zihlile. Kwathi, ekuxoxeni kwabo, nasekubuzaneni kwabo, uYesu ngokwakhe wasondela wahamba nabo. Kuloko amehlo abo ayebanjiwe, ukuba bangamazi. Wathi ke kubo, Ziindawo zini na ezi nincokola ngazo, nihamba nibe nithe matshamatsha? Uphendule ke omnye, lo ugama linguKleyopa, wathi kuye, Umhambi eYerusalem apha nguwe wedwa na, ukuba ungàzazi nje izinto ezihle khona ngazo ezi mini? Wathi kubo, Zìphi na? Bathi ke bona kuye, EzingoYesu waseNazarete, obeyindoda engumprofeti, enobunkunkqele ekwenzeni nasekuthetheni, phambi koThixo nabo bonke abantu; ukuba báthini na ababingeleli abakhulu nabaphathi bethu ukumnikela ukuba agwetywe afe, bambethelela nasemnqamlezweni. Ke kaloku, thina besithembe ukuba nguye oza kukhulula uSirayeli ngentlawulelo; kunjalonje ke, namhla lusuku lwesithathu zenzekile ezo zinto. Kananjalo abafazi abathile bethu, ababesengcwabeni kwakusasa, babéthe sathi nqa. Bathe bengawufumani umzimba wakhe, beza besithi, babone nombono wezithunywa zezulu, ezithi zona, uhleli. Basuka nabathile ababenathi, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi; ke yena abambonanga. Waza yena wathi kubo, Oyi! baswelikuqonda, bantliziyo zizeka kade ukukholwa kuko konke abakuthetháyo abaprofeti! UKristu• ubengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze angene eluzukweni lwakhe? Uqalele ke kuMoses nakubo bonke abaprofeti, wabachazela kuzo zonke izibhalo iindawo ezingaye. Basondela kuloo mzana babesiya kuwo; wanga yena uyegqitha. Besuka bamzama, besithi, Hlala nathi; ngokuba kuza kuhlwa, nemini iseyisangene. Wangena ukuba ahlale nabo. Kwathi, ekungqengqeni kwakhe ngasesithebeni ndawonye nabo, wasithabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika. Avulwa ke amehlo abo, bamazi; wathi shwaka yena kubo. Batshono ukuthi, Intliziyo yethu ibingavuthi na ngaphakathi kwethu, xa ebethetha nathi endleleni, naxa ebesityhilela izibhalo? Besuka kwangelo lixa, babuyela eYerusalem, babafumana abalishumi elinamnye, bequkene ndawonye nabo babenabo, besithi, INkosi inene ivukile, yabonakala kuSimon. Baye nabo bezichankcisa izinto zendlela, nokwazeka kwayo kubo ekuqhekezeni isonka.

ULUKA 24:1-35 IBHAYIBHILE (XHO96)

Kwakusekusasa ngeCawe ukunduluka kwâbo bafazi besiya engcwabeni, bephethe iziqholo ababezilungisile. Balifumana ilitye liqengqiwe, lisusiwe engcwabeni. Bakuba bengenile, abawufumananga umzimba weNkosi uYesu. Kwathi, besakhohliwe yile nto, kwathi gqi amadoda amabini ngakubo, enezambatho ezibengezelayo. Basuka boyika abafazi, baqondela phantsi, aza athi loo madoda: “Yini na ukuba ophilayo nimfune kwabafileyo? [ Akakho apha, uvukile.] Khumbulani awakuthetha kuni esekwelaseGalili, esithi: ‘*UNyana woLuntu umelwe kukunikelwa ezandleni zaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.’ ” Bawakhumbula ke amazwi akhe. Bebuyile engcwabeni abafazi abo bazixela zonke ezo zinto kubafundi abalishumi elinanye nakubo bonke abanye. YayinguMariya waseMagadala, noYohana, noMariya unina kaYakobi, nabanye abafazi ababenabo, abazixeláyo ezi zinto *kubathunywa. Kubafundi oku kuthethwa ngaba bafazi kwaba ngathi kukulavuza, baza abakholwa. [ Kodwa yena uPetros usuke wabaleka, waya engcwabeni, wathi akukhangela, wabona ingubo yelinen iyodwa, waza wagoduka emangalisiwe koko kwenzekileyo.] Kwangaloo mini kwasuka abafundi ababini baya e-Emawusi, idolophana emalunga neekhilomitha ezilishumi elinambini ukusuka eJerusalem. Babethetha ngako konke okwakuthe kwenzeka. Kwathi besathetha bebuzana, uYesu ngenkqu wasondela wahamba nabo, kodwa bembona nje, kwasitheliswa kubo ukuba bamnakane. UYesu ke wathi kubo: “Zizinto zini na ezi nihamba nincokola ngazo?” Bema ke bematshekile; waza waphendula omnye, lo ugama linguKleyopa, wathi kuye: “Nguwe kuphela na kwababekho eJerusalem ongazaziyo izinto ezenzeke khona kwezi ntsuku?” Wathi kubo: “Zinto zini na?” Bathi bona kuye: “Ezo zingoYesu waseNazarete, *owayengumshumayeli onamandla amakhulu ekwenzeni imiqondiso nasekuthetheni, engqinelwa nguThixo nangabo bonke abantu. Ababingeleli abaziintloko nabaphathi bethu bamnikela ukuba agwetyelwe ukufa, waza wabethelelwa emnqamlezweni. Ke thina besithembe ukuba nguye owokhulula uSirayeli. Kunjalo nje namhlanje lusuku lwesithathu zenzekile ezo zinto. Kanti abafazi abathile beqela lethu, abathe baya engcwabeni kwakusasa, basothusile, kuba bengawufumani umzimba wakhe, babuye besithi babone umbono wezithunywa ezithi uyaphila. Basuka nabanye bethu, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi. Ke yena abambonanga.” Waza uYesu wathi kubo: “Ninje na kanti ukungaqondi! Nithatha kade kangaka na ukukholwa kuko konke abâkuthetháyo *abashumayeli! *UKrestu ebengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze anyuselwe ewongeni?” Wabachazela kuzo zonke *iziBhalo iindawo ezithetha ngaye, eqalela kwiincwadi zikaMosis, waya kutsho kuzo zonke ezabashumayeli bamandulo. Basondela ke kuloo dolophana babesiya kuyo, wanga uYesu uyagqitha; baza bona bamcela besithi: “Hlala nathi, kuba kuyahlwa, nemini seyimkile.” Wangena ke ukuba ahlale nabo. Wathi, esetafileni kunye nabo, wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika. Aqabuka amehlo abo, bamazi. Wathi shwaka yena kubo. Baza bathi omnye komnye: “Iintliziyo zethu bezingavuthi na luvuyo xa ebethetha nathi endleleni esityhilela iziBhalo?” Besuka kwangelo lixa, babuyela eJerusalem, babafumana abafundi abalishumi elinanye behlanganisene ndawonye kunye nâbo babenabo, besithi: “Inene, iNkosi ivukile! Ibonakele kuSimon.” Bakubalisa ke okwenzeke endleleni, nokutyhileka kweNkosi kubo xa yayiqhekeza isonka.

ULUKA 24:1-35 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, ngesifingo, beza engcwabeni, bephethe ubulawu ababebulungisile, kukho nabanye abathile kubo. Balifumana ke ilitye liqengqiwe, lesuka engcwabeni. Bakuba bengenile, abawufumananga umzimba weNkosi uYesu. Kwathi, ekukhohlweni kwabo yile nto, kwabonakala amadoda amabini, ebafikela, eneengubo ezibengezelayo. Ke kaloku, bakubon’ ukuba bangenelwe kukoyika, beqondele emhlabeni, athi kubo, Yini na ukuba ophilileyo nimfune phakathi kwabafileyo? Akakho apha, uvukile; khumbulani ukuthetha kwakhe kuni, oko wayeseseGalili, esithi, uNyana woMntu umelwe kukuthi anikelwe ezandleni zabantu aboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke. Bawakhumbula ke amazwi akhe; bebuyile engcwabeni, bazibika zonke ezo zinto kwabalishumi elinamnye, nakubo bonke abanye. YayinguMariya waseMagadala, noYohana, noMariya unina kaYakobi, nabanye abafazi ababenabo, abazixelayo ezo zinto kubapostile. Asuka amazwi abo abonakala ngathi yinto nje engento kubo, baza abakholwa. Esukile ke uPetros, wagidima waya engcwabeni; athi eqondele, azibone iilinen abesongelwe kuzo, zilele zodwa; wemka, emangalisiwe koko kuhlileyo. Kwabonakala kusiya babini bakubo, kwangaloo mini, kumzana ozitadiya zimashumi mathandathu, umgama wawo neYerusalem, ogama liyiEmawusi. Baye bona bexoxa bodwa ngazo zonke izinto ezibe zihlile. Kwathi besathetha bebuzana, uYesu ngenkqu wasondela wahamba nabo. Kuloko amehlo abo ayebanjiwe, ukuba bangamazi. Wathi kubo, Ziindawo zini na ezi nincokola ngazo, nihamba nibe nithe matshamatsha? Uphendule ke omnye, lo ugama linguKleyopa, wathi kuye, Umhambi eYerusalem apha nguwe wedwa na, ukuba ungazazi nje izinto ezihle khona ngazo ezi mini? Wathi kubo, Ziphi na? Bathi ke bona kuye, EzingoYesu waseNazarete, obeyindoda engumprofeti, enobunkunkqele ekwenzeni nasekuthetheni, phambi koThixo nabo bonke abantu; ukuba bathini na ababingeleli abakhulu nabaphathi bethu ukumnikela ukuba agwetywe afe, bambethelela nasemnqamlezweni. Ke kaloku, thina besithembe ukuba nguye oza kukhulula uSirayeli ngentlawulelo; kunjalonje ke, namhla lusuku lwesithathu zenzekile ezo zinto. Asuka nabafazi abathile ababevela kuthi aba basikhwankqisa, ababeyile engcwabeni kwakusasa; Zakuba zingawufumani umzimba wakhe, zeza zisithi, zibone nombono wezithunywa zezulu, ezibe zisithi uhleli. Basuka nabathile ababenathi, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi; ke yena abambonanga. Wathi ke yena kubo, Oyi! uKrestu ebengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze angene eluzukweni lwakhe? Uqalele ke kuMoses nakubo bonke abaprofeti, wabachazela kuzo zonke izibhalo iindawo ezingaye. Basondela kuloo mzana babesiya kuwo; wanga yena uyegqitha. Bamzama, besithi, Hlala nathi; ngokuba kuza kuhlwa, nemini seyimkile. Wangena ukuba ahlale nabo. Kwathi, ekungqengqeni kwakhe ngasesithebeni ndawonye nabo, wasithabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika. Aqabuka amehlo abo, bamazi; Wanyamalala emehlweni abo. Batshono ukuthi, Intliziyo yethu ibingavuthi na ngaphakathi kwethu, xa ebethetha nathi endleleni, naxa ebesityhilela izibhalo? Besuka kwangelo lixa, babuyela eYerusalem, babafumana abalishumi elinamnye, bequkene ndawonye kwanabo babenabo, besithi, iNkosi inene ivukile, yabonakala kuSimon. Baye nabo bezichankcisa izinto zendlela, nokwazeka kwayo kubo ekuqhekezeni isonka.

ULUKA 24:1-35 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KEKALOKU ngolwokuqala usuku lweveki, kwakuza kuti qi̔p’ ukusa, beza encw̔abeni, bezisa izimnandi ababezilungisile, nabafazi abatile kunye nabo. Bati ilitye balifumana liqengqiwe encw̔abeni. Baza bakungena abafumana umzimba WENKOSI u‐Yesu. Kwaza kwati ekuxakekeni kwabo ngako oku, bona ke, amadoda amabini ema ngakubo enezivato ezibengezelayo. Kekaloku bakuba benokwoyika bona, betoba ubuso ngasemhlabeni, ati kubo: Yinina ukuba nifune ohleliyo pakati kwabafileyo? Akako apa, uvukile. Kumbulani okokuba wateta kuni, nxa ebesese‐Galili, esiti: Unyana wesintu ufanele ukunikelwa ezandleni zabantu abangaboni, nokukuruseshwa, nokuti ngomhla wesitatu abuye avuke. Baza bakumbula amazwi ake; bati bakuba bebuyile encw̔abeni, bashumayela ezizinto zonke kwabalishumi elinamnye, nakubo bonke abanye. Wayengu‐Mariya wase‐Magadala, no‐Johana, no‐Mariya unina ka‐Yakobi, nabobafazi abanye abebenabo, abaxelela abapostile ezizinto. Aza amazwi abo ati kubo anga kukutetateta kodwa, baye bengakolwa ngabo ke. Koko u‐Petrosi wesuka wagidimela encw̔abeni; wati etobile pantsi wabona iqiya zokubopa zilele zodwa; waza wemka ekutela nqa pakati kwake oko kwenzekileyo. Kekaloku bona ke, ababini kubo babe kwa ngalomini besiya emzini ukude ne‐Yerusaleme izitadiya zingamashumi matandatu, ogama liyi‐Emmayusi. Baye bencokola ke omnye nomnye ngezozinto zonke ezibe zihlile. Kwaza kwati nxa bebencokola babuzisana, wasondela u‐Yesu ngokwake wabapeleka. Kodwa amehlo abo ebebanjwa ukuba bangabi nakumazi. Wayesiti kubo: Zindawo zinina ezi, enitetelana ngazo nihamba, nikedamile nje? Wapendula omnye, lowo ugama lingu‐Keleyopasi, wati kuye: Wena uhlala njengowasemzini kodwa e‐Yerusaleme na, ungazazanga nje izinto ezenzekileyo kuyo ngezintsuku? Waza wati kubo: Zipina? Bati bona kuye: Ezingaye u‐Yesu wase‐Nazarete, obengumprofite, enamandla ekwenzeni nasekuteteni ebusweni BUKATIXO nabo bonke abantu: nokokuba abaperisite abakulu nabapati betu bamnikela ekugwetyweni kwokuba afe, bamkurusesha. Kodwa tina sibe sitemba ukuba unguye oza kukulula o‐Sirayeli. Kanjako kambe, kunye nako konke oku, namhla ngumhla wesitatu kuseloko zenzekayo ezizinto. Ewe nabafazi abatile kwabetu basimangalisa, abebeko kusasa encw̔abeni; abati bengafumananga umzimba wake, beza, besiti babonile nesibonakalo sengelosi, ezati uhleli. Kanjalo abatile babakuti baya encw̔abeni, bafumana njalo njengokuba bebetshilo nabafazi; kodwa yena abambona. Waza yena wati kubo: Nina bangenakuqonda nabantliziyo zibutuntu ukukolwa kuko konke abakutetileyo abaprofite! ebengafanele na u‐Kristu ukuziva ezizinto, nokungena ebungcwaliseni bake? Waza waqala ngo‐Mosesi nangabaprofite bonke, wabatyilela kuzo zonke iziba̔lo izinto eziteta ngaye yena. Bada basondela emzini apo bebesiya kona: wati yena wenza ngokungati uya kugqita. Baza bamqu̔ba, besiti: Hlala nati, kuba kuza kuhlwa, isangene imini ke. Waza wangena ukuya kuhlala nabo. Kwaye kute akuba ebehleli pantsi ndawonye nabo, watabata isonka wabulela, waza waqezula wanikela kubo. Asuka agatyulwa amehlo abo, bamazi ke: waza wati shwaka kubo. Baza bati omnye kwomnye: Intliziyo yetu ibingatshi na pakati kwetu, nxa ebeteta kuti endleleni, nanxa ebesanekela iziba̔lo? Baza besuka kwa ngeloxeshana, babuyela e‐Yerusaleme, babafumana bebutene ndawonye abalishumi elinamnye nabebenabo; abebesiti: INKOSI ivukile ngokwenyaniso, yabonakala ku‐Simone. Kanjalo bona batyela oko bekuhlile endleleni nokokuba yaziswa kubo ekuqezulweni kwesonka.