Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, ngesifingo, beza engcwabeni, bephethe ubulawu ababebulungisile, kukho nabanye abathile kubo. Balifumana ke ilitye liqengqiwe, lesuka engcwabeni. Bakuba bengenile, abawufumananga umzimba weNkosi uYesu. Kwathi, ekukhohlweni kwabo yile nto, kwabonakala amadoda amabini, ebafikela, eneengubo ezibengezelayo. Ke kaloku, bakubon’ ukuba bangenelwe kukoyika, beqondele emhlabeni, athi kubo, Yini na ukuba ophilileyo nimfune phakathi kwabafileyo? Akakho apha, uvukile; khumbulani ukuthetha kwakhe kuni, oko wayeseseGalili, esithi, uNyana woMntu umelwe kukuthi anikelwe ezandleni zabantu aboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke. Bawakhumbula ke amazwi akhe; bebuyile engcwabeni, bazibika zonke ezo zinto kwabalishumi elinamnye, nakubo bonke abanye. YayinguMariya waseMagadala, noYohana, noMariya unina kaYakobi, nabanye abafazi ababenabo, abazixelayo ezo zinto kubapostile. Asuka amazwi abo abonakala ngathi yinto nje engento kubo, baza abakholwa. Esukile ke uPetros, wagidima waya engcwabeni; athi eqondele, azibone iilinen abesongelwe kuzo, zilele zodwa; wemka, emangalisiwe koko kuhlileyo. Kwabonakala kusiya babini bakubo, kwangaloo mini, kumzana ozitadiya zimashumi mathandathu, umgama wawo neYerusalem, ogama liyiEmawusi. Baye bona bexoxa bodwa ngazo zonke izinto ezibe zihlile. Kwathi besathetha bebuzana, uYesu ngenkqu wasondela wahamba nabo. Kuloko amehlo abo ayebanjiwe, ukuba bangamazi. Wathi kubo, Ziindawo zini na ezi nincokola ngazo, nihamba nibe nithe matshamatsha? Uphendule ke omnye, lo ugama linguKleyopa, wathi kuye, Umhambi eYerusalem apha nguwe wedwa na, ukuba ungazazi nje izinto ezihle khona ngazo ezi mini? Wathi kubo, Ziphi na? Bathi ke bona kuye, EzingoYesu waseNazarete, obeyindoda engumprofeti, enobunkunkqele ekwenzeni nasekuthetheni, phambi koThixo nabo bonke abantu; ukuba bathini na ababingeleli abakhulu nabaphathi bethu ukumnikela ukuba agwetywe afe, bambethelela nasemnqamlezweni. Ke kaloku, thina besithembe ukuba nguye oza kukhulula uSirayeli ngentlawulelo; kunjalonje ke, namhla lusuku lwesithathu zenzekile ezo zinto. Asuka nabafazi abathile ababevela kuthi aba basikhwankqisa, ababeyile engcwabeni kwakusasa; Zakuba zingawufumani umzimba wakhe, zeza zisithi, zibone nombono wezithunywa zezulu, ezibe zisithi uhleli. Basuka nabathile ababenathi, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi; ke yena abambonanga. Wathi ke yena kubo, Oyi! uKrestu ebengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze angene eluzukweni lwakhe? Uqalele ke kuMoses nakubo bonke abaprofeti, wabachazela kuzo zonke izibhalo iindawo ezingaye. Basondela kuloo mzana babesiya kuwo; wanga yena uyegqitha. Bamzama, besithi, Hlala nathi; ngokuba kuza kuhlwa, nemini seyimkile. Wangena ukuba ahlale nabo. Kwathi, ekungqengqeni kwakhe ngasesithebeni ndawonye nabo, wasithabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika. Aqabuka amehlo abo, bamazi; Wanyamalala emehlweni abo. Batshono ukuthi, Intliziyo yethu ibingavuthi na ngaphakathi kwethu, xa ebethetha nathi endleleni, naxa ebesityhilela izibhalo? Besuka kwangelo lixa, babuyela eYerusalem, babafumana abalishumi elinamnye, bequkene ndawonye kwanabo babenabo, besithi, iNkosi inene ivukile, yabonakala kuSimon. Baye nabo bezichankcisa izinto zendlela, nokwazeka kwayo kubo ekuqhekezeni isonka.