KEKALOKU ngolwokuqala usuku lweveki, kwakuza kuti qi̔p’ ukusa, beza encw̔abeni, bezisa izimnandi ababezilungisile, nabafazi abatile kunye nabo. Bati ilitye balifumana liqengqiwe encw̔abeni. Baza bakungena abafumana umzimba WENKOSI u‐Yesu. Kwaza kwati ekuxakekeni kwabo ngako oku, bona ke, amadoda amabini ema ngakubo enezivato ezibengezelayo. Kekaloku bakuba benokwoyika bona, betoba ubuso ngasemhlabeni, ati kubo: Yinina ukuba nifune ohleliyo pakati kwabafileyo? Akako apa, uvukile. Kumbulani okokuba wateta kuni, nxa ebesese‐Galili, esiti: Unyana wesintu ufanele ukunikelwa ezandleni zabantu abangaboni, nokukuruseshwa, nokuti ngomhla wesitatu abuye avuke. Baza bakumbula amazwi ake; bati bakuba bebuyile encw̔abeni, bashumayela ezizinto zonke kwabalishumi elinamnye, nakubo bonke abanye. Wayengu‐Mariya wase‐Magadala, no‐Johana, no‐Mariya unina ka‐Yakobi, nabobafazi abanye abebenabo, abaxelela abapostile ezizinto. Aza amazwi abo ati kubo anga kukutetateta kodwa, baye bengakolwa ngabo ke.
Koko u‐Petrosi wesuka wagidimela encw̔abeni; wati etobile pantsi wabona iqiya zokubopa zilele zodwa; waza wemka ekutela nqa pakati kwake oko kwenzekileyo.
Kekaloku bona ke, ababini kubo babe kwa ngalomini besiya emzini ukude ne‐Yerusaleme izitadiya zingamashumi matandatu, ogama liyi‐Emmayusi. Baye bencokola ke omnye nomnye ngezozinto zonke ezibe zihlile. Kwaza kwati nxa bebencokola babuzisana, wasondela u‐Yesu ngokwake wabapeleka. Kodwa amehlo abo ebebanjwa ukuba bangabi nakumazi.
Wayesiti kubo: Zindawo zinina ezi, enitetelana ngazo nihamba, nikedamile nje? Wapendula omnye, lowo ugama lingu‐Keleyopasi, wati kuye: Wena uhlala njengowasemzini kodwa e‐Yerusaleme na, ungazazanga nje izinto ezenzekileyo kuyo ngezintsuku?
Waza wati kubo: Zipina? Bati bona kuye: Ezingaye u‐Yesu wase‐Nazarete, obengumprofite, enamandla ekwenzeni nasekuteteni ebusweni BUKATIXO nabo bonke abantu: nokokuba abaperisite abakulu nabapati betu bamnikela ekugwetyweni kwokuba afe, bamkurusesha. Kodwa tina sibe sitemba ukuba unguye oza kukulula o‐Sirayeli. Kanjako kambe, kunye nako konke oku, namhla ngumhla wesitatu kuseloko zenzekayo ezizinto. Ewe nabafazi abatile kwabetu basimangalisa, abebeko kusasa encw̔abeni; abati bengafumananga umzimba wake, beza, besiti babonile nesibonakalo sengelosi, ezati uhleli. Kanjalo abatile babakuti baya encw̔abeni, bafumana njalo njengokuba bebetshilo nabafazi; kodwa yena abambona.
Waza yena wati kubo: Nina bangenakuqonda nabantliziyo zibutuntu ukukolwa kuko konke abakutetileyo abaprofite! ebengafanele na u‐Kristu ukuziva ezizinto, nokungena ebungcwaliseni bake? Waza waqala ngo‐Mosesi nangabaprofite bonke, wabatyilela kuzo zonke iziba̔lo izinto eziteta ngaye yena.
Bada basondela emzini apo bebesiya kona: wati yena wenza ngokungati uya kugqita. Baza bamqu̔ba, besiti: Hlala nati, kuba kuza kuhlwa, isangene imini ke. Waza wangena ukuya kuhlala nabo.
Kwaye kute akuba ebehleli pantsi ndawonye nabo, watabata isonka wabulela, waza waqezula wanikela kubo. Asuka agatyulwa amehlo abo, bamazi ke: waza wati shwaka kubo. Baza bati omnye kwomnye: Intliziyo yetu ibingatshi na pakati kwetu, nxa ebeteta kuti endleleni, nanxa ebesanekela iziba̔lo?
Baza besuka kwa ngeloxeshana, babuyela e‐Yerusaleme, babafumana bebutene ndawonye abalishumi elinamnye nabebenabo; abebesiti: INKOSI ivukile ngokwenyaniso, yabonakala ku‐Simone. Kanjalo bona batyela oko bekuhlile endleleni nokokuba yaziswa kubo ekuqezulweni kwesonka.