Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 20:20-40

ULUKA 20:20-40 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Bamlalela, bathuma iintlola ezizenza amalungisa, ukuba zimbambise ngokuthetha, ukuze bamnikele elulawulweni nasegunyeni lerhuluneli. Zambuza ke zisithi, Mfundisi, siyazi ukuba uthetha ufundise ngobulungisa, ungakhethi buso bamntu; usuka ufundise indlela kaThixo ngenene. Kuvumelekile na ukuba simnike irhafu uKesare,• akuvumelekile, sini na? Ebuqondile kakuhle ubuqhetseba bazo, wathi kuzo, Nindilingelani na? Ndiboniseni idenariyo.• Inomfanekiso nombhalo kabani na? Ziphendule ke zathi, KaKesare. Uthe ke yena kuzo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare; nezinto zikaThixo kuThixo. Zakhohlwa ukumbambisa ngamazwi phambi kwabantu, zamangaliswa yimpendulo yakhe, zathi cwaka. Kwafika ke kuye abathile bakubaSadusi, bona abo bakuphikayo ukuba kukho uvuko; bambuza, besithi, Mfundisi, uMoses wasibhalela wathi, Ukuba ozalana nothile uthe wafa enomfazi, wafa ke lowo engenabantwana, maze ozalana naye amzeke umfazi lowo, amvelisele imbewu ozalana naye. Ke bekukho abantu abasixhenxe bezalana; waza owokuqala wazeka umfazi, wafa engenabantwana. Nowesibini wamzeka umfazi lowo, wafa naye engenabantwana. Nowesithathu wamzeka; benjenjalo ke bosixhenxe, bafa bengashiyanga bantwana. Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi lowo. Eluvukweni ngoko, ungumfazi wawuphi na kubo? Kuba bosixhenxe bebenaye engumfazi. Waphendula ke wathi kubo uYesu, Abeli phakade bayazeka, bayendiswa; ke bona abo kuthiwe bafanele ukufika kwelo phakade, nakukuvuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa; kuba abasenakubuya bafe; kuba bengangezithunywa zezulu; kanjalo bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo. Ke kaloku, le ndawo yokuba abafileyo bayavuka, noMoses wayithi thupha kwindawo ethetha ngetyholo, xenikweni athi, INkosi inguThixo ka-Abraham, inguThixo kaIsake, inguThixo kaYakobi. AkaThixo ke wabafileyo, ungowabaphilileyo; kuba bonke baphile ngaye. Baphendula ke abathile bakubabhali, bathi, Mfundisi, utyaphile ukutsho. Baye ke bengasenabuganga bakumbuza nento le.

ULUKA 20:20-40 IBHAYIBHILE (XHO96)

Bamcupha ke, bathumela iintlola ezizenza amalungisa, ukuze bambambise ngamazwi, ze ke bamnikele kwirhuluneli, yona iphetheyo inawo onke amagunya. Iintlola ezi zambuza uYesu zisithi: “Mfundisi, siyazi ukuba wena uthetha ufundise okuyinyaniso, kuba akunamkhethe, koko uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo. Ngaba ke kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare?” Eliqondile iyelenqe lazo, wathi kuzo: “Ndiboniseni imali. Ke, ngokabani na lo mfanekiso neli gama?” Zaphendula zathi: “NgokaKhesare.” Wathi yena kuzo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.” Zakhohlwa ukumbambisa ngamazwi phambi kwabantu, zaza zathi cwaka, zimangalisiwe yimpendulo yakhe. Kweza abathile *bakubaSadusi kuYesu (bona abo bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza ke besithi: “Mfundisi, uMosis wasibhalela umthetho esithi: ‘Ukuba ubani uthe wafa, eshiya umfazi engekabi nabantwana, makathi umntakwabo amngene umfazi lowo, baze bamzalele abantwana umfi.’ Ke kaloku kwakukho oonyana bomntu omnye abasixhenxe, yaza inkulu yazeka umfazi, yasweleka ingekabi nabantwana. Wathi ke owesibini wamngena, naye wasweleka engekabi nabantwana. Wenjenjalo nowesithathu. Bada baba naye bosixhenxe, kodwa abashiya mntwana. Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi. Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babemthathile.” Waphendula uYesu, wathi kubo: “Abantu beli phakade bayazeka, besendiswa; kodwa bona abo bafanelwe kukuvuka ekufeni, baphile kwiphakade elizayo, àbazeki, àbendiswa. Bona abasenakufa, kuba bafana nezithunywa zezulu. Bona bangoonyana bakaThixo, kuba kaloku bavukile kwabafileyo. Ke yona into yokuba abafileyo bayavuka, noMosis uyayikhankanya kwisiqendu esithetha ngetyholo elivuthayo encwadini yakhe, apho abiza iNkosi ngokuthi inguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. AkaThixo wabafileyo ke; unguThixo wabaphilayo, kuba kuye bonke bayaphila.” Baphendula ke abathile bakubachazi-mthetho, bathi: “Ngxatsho ke, Mfundisi; uthethe kakuhle!” Babengasenabuganga ke bakumbuza nento le.

ULUKA 20:20-40 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Bamcupha ke, bathuma iintlola ezizenza amalungisa, ukuze zimbambise ngokuthetha, ukuze bamnikele kurhuluneli nakwigunya lerhuluneli. Zambuza ke zisithi, Mfundisi, siyazi ukuba uthetha ufundise ngobulungisa, ungakhethi buso bamntu, usuka ufundise indlela kaThixo ngenyaniso. Kuvumelekile na ukuba simnike irhafu uKesare, akuvumelekile, sini na? Ebuqondile kakuhle ubuqhetseba bazo, wathi kuzo, Nindilingelani na? Ndiboniseni idenariyo. Inomfanekiso nombhalo kabani na? Baphendula bathi, NgokaKesare. Uthe ke kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo. Ababa nako ukumbamba amazwi akhe phambi kwabantu; bamangaliswa yimpendulo yakhe; bathi cwaka. Kwafika ke kuye abathile bakubaSadusi, bona abo bakuphikayo ukuba kukho uvuko; bambuza, besithi, Mfundisi, uMoses wasibhalela wathi, Ukuba ozalana nothile uthe wafa enomfazi, wafa ke lowo engenabantwana, maze ozalana naye amzeke umfazi lowo, amvelisele imbewu umzalwana wakhe. Ke bekukho abantu abasixhenxe bezalana; waza owokuqala wazeka umfazi, wafa engenabantwana. Nowesibini wamzeka umfazi lowo, wafa naye engenabantwana. Nowesithathu wamzeka; Benjenjalo ke bosixhenxe, bafa bengashiyanga bantwana. Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi. Eluvukweni ngoko, ungumfazi wawuphi na kubo? kuba abasixhenxe bebenaye engumfazi. Waphendula ke uYesu wathi kubo, Abeli phakade bayazeka, bayendiswa; ke bona abo kuthiwe bafanele ukufika kwelo phakade, nakukuvuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa; abasenakubuya bafe; kuba bengangezithunywa zezulu; bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo. Ke kaloku, le ndawo yokuba abafileyo bayavuka, noMoses wayithi thupha kwindawo ethetha ngetyholo, xenikweni athi, iNkosi inguThixo ka-Abraham, inguThixo kaIsake, inguThixo kaYakobi. AkaThixo ke wabafileyo, ungowabaphilileyo; kuba bonke baphile ngaye. Baphendula ke abathile bakubabhali, bathi, Mfundisi, utyaphile ukutsho. Baye ke bengasenabuganga bakumbuza nento le.

ULUKA 20:20-40 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

BAZA bamgqala, batuma intlola zizenzisa abalungileyo, ukuba zibambe amazwi ake, ukuze bamnikele emandleni nasegunyeni lenkosi. Zaza zambuza, zisiti: Mfundisi! siyazi ukuba uyalungisa ukuteta nokufundisa; kanjalo akubuki isiqu samntu, koko ufundisa indlela KATIXO ngokwenyaniso: kufanelekile kuti ukunika umnikelo ku‐Kesare, akufanelekile, kusinina? Kodwa wanakana ubuqokolo bazo, wati kuzo: Yinina ukuba nindilinge? ndiboniseni idenari. Ngokabanina umfanekiso nesiba̔lwa inawo? Zapendula zati: Ngoka‐Kesare. Wayesiti kuzo: Nikelani kambe izinto zika‐Kesare kuye u‐Kesare, nezinto ZIKATIXO kuye UTIXO. Zakohlwa ke kukubamba amazwi ake ebusweni babantu: zaza zatela nqa impendulo yake, zati cwaka. Kwaye kusiza kuye abatile bakubasadusi, abakanyelayo ukuba kuko uvuko, bambuza, besiti: Mfundisi! u‐Mosesi wasiba̔lela ukuti: Xeshekweni kufayo umkuluwe womntu, enomfazi, afe lowo engenabantwana, makati umninawe wake azeke umfazi wake, amvusele umkuluwe wake inzalo. Kekaloku bekuko abazalwana abasixe̔nxe: waza owokuqala wazeka umfazi, wafa engenabantwana. Waza owesibini wazeka umfazi wake, wati naló wafa engenabantwana. Waza owesitatu wamzeka; benje njalo kwa nabasixe̔nxe; abashiya bantwana ke, bafa nokufa. Wati emveni kwabo bonke wafa nomfazi. Ngako eluvukweni, uba ngumfazi wawupina kubo? ngokuba abasixe̔nxe bebenaye engumfazi. Waza wapendula wati kubo u‐Yesu: Usapo lwelilizwe likoyo luyazeka, luyendiswa kanjako; kodwa abo babalwa ngokuba befanele ukuzuza elolizwe lizayo, nokuvuka ekufeni, abazeki, abendiswa kanjako: ngokuba bengenako nokuba babuye bafe: ngokuba befana nengelosi; kanjalo balusapo LUKATIXO, belusapo lwaseluvukweni. Kodwa ukuba bayavuswa abafileyo, kuxelwe nangu‐Mosesi endaweni yetyolo, akuti UYEHOVA u NGUTIXO ka‐Abrahame, NOTIXO ka‐Yisake, NOTIXO ka‐Yakobi. Kekaloku aka NGUTIXO wabafileyo, ungowabahleliyo; ngokuba bonke behleli kuye. Baza bapendula abatile bakubaba̔li, bati: Mfundisi! ulungisile ukutsho. Baye bengabi senakukalipa kwokumbuza nto.