Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 20:20-40

ULUKA 20:20-40 XHO96

Bamcupha ke, bathumela iintlola ezizenza amalungisa, ukuze bambambise ngamazwi, ze ke bamnikele kwirhuluneli, yona iphetheyo inawo onke amagunya. Iintlola ezi zambuza uYesu zisithi: “Mfundisi, siyazi ukuba wena uthetha ufundise okuyinyaniso, kuba akunamkhethe, koko uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo. Ngaba ke kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare?” Eliqondile iyelenqe lazo, wathi kuzo: “Ndiboniseni imali. Ke, ngokabani na lo mfanekiso neli gama?” Zaphendula zathi: “NgokaKhesare.” Wathi yena kuzo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.” Zakhohlwa ukumbambisa ngamazwi phambi kwabantu, zaza zathi cwaka, zimangalisiwe yimpendulo yakhe. Kweza abathile *bakubaSadusi kuYesu (bona abo bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza ke besithi: “Mfundisi, uMosis wasibhalela umthetho esithi: ‘Ukuba ubani uthe wafa, eshiya umfazi engekabi nabantwana, makathi umntakwabo amngene umfazi lowo, baze bamzalele abantwana umfi.’ Ke kaloku kwakukho oonyana bomntu omnye abasixhenxe, yaza inkulu yazeka umfazi, yasweleka ingekabi nabantwana. Wathi ke owesibini wamngena, naye wasweleka engekabi nabantwana. Wenjenjalo nowesithathu. Bada baba naye bosixhenxe, kodwa abashiya mntwana. Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi. Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babemthathile.” Waphendula uYesu, wathi kubo: “Abantu beli phakade bayazeka, besendiswa; kodwa bona abo bafanelwe kukuvuka ekufeni, baphile kwiphakade elizayo, àbazeki, àbendiswa. Bona abasenakufa, kuba bafana nezithunywa zezulu. Bona bangoonyana bakaThixo, kuba kaloku bavukile kwabafileyo. Ke yona into yokuba abafileyo bayavuka, noMosis uyayikhankanya kwisiqendu esithetha ngetyholo elivuthayo encwadini yakhe, apho abiza iNkosi ngokuthi inguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. AkaThixo wabafileyo ke; unguThixo wabaphilayo, kuba kuye bonke bayaphila.” Baphendula ke abathile bakubachazi-mthetho, bathi: “Ngxatsho ke, Mfundisi; uthethe kakuhle!” Babengasenabuganga ke bakumbuza nento le.