Bamcupha ke, bathuma iintlola ezizenza amalungisa, ukuze zimbambise ngokuthetha, ukuze bamnikele kurhuluneli nakwigunya lerhuluneli. Zambuza ke zisithi, Mfundisi, siyazi ukuba uthetha ufundise ngobulungisa, ungakhethi buso bamntu, usuka ufundise indlela kaThixo ngenyaniso. Kuvumelekile na ukuba simnike irhafu uKesare, akuvumelekile, sini na? Ebuqondile kakuhle ubuqhetseba bazo, wathi kuzo, Nindilingelani na? Ndiboniseni idenariyo. Inomfanekiso nombhalo kabani na? Baphendula bathi, NgokaKesare. Uthe ke kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo. Ababa nako ukumbamba amazwi akhe phambi kwabantu; bamangaliswa yimpendulo yakhe; bathi cwaka. Kwafika ke kuye abathile bakubaSadusi, bona abo bakuphikayo ukuba kukho uvuko; bambuza, besithi, Mfundisi, uMoses wasibhalela wathi, Ukuba ozalana nothile uthe wafa enomfazi, wafa ke lowo engenabantwana, maze ozalana naye amzeke umfazi lowo, amvelisele imbewu umzalwana wakhe. Ke bekukho abantu abasixhenxe bezalana; waza owokuqala wazeka umfazi, wafa engenabantwana. Nowesibini wamzeka umfazi lowo, wafa naye engenabantwana. Nowesithathu wamzeka; Benjenjalo ke bosixhenxe, bafa bengashiyanga bantwana. Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi. Eluvukweni ngoko, ungumfazi wawuphi na kubo? kuba abasixhenxe bebenaye engumfazi. Waphendula ke uYesu wathi kubo, Abeli phakade bayazeka, bayendiswa; ke bona abo kuthiwe bafanele ukufika kwelo phakade, nakukuvuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa; abasenakubuya bafe; kuba bengangezithunywa zezulu; bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo. Ke kaloku, le ndawo yokuba abafileyo bayavuka, noMoses wayithi thupha kwindawo ethetha ngetyholo, xenikweni athi, iNkosi inguThixo ka-Abraham, inguThixo kaIsake, inguThixo kaYakobi. AkaThixo ke wabafileyo, ungowabaphilileyo; kuba bonke baphile ngaye. Baphendula ke abathile bakubabhali, bathi, Mfundisi, utyaphile ukutsho. Baye ke bengasenabuganga bakumbuza nento le.