BAZA bamgqala, batuma intlola zizenzisa abalungileyo, ukuba zibambe amazwi ake, ukuze bamnikele emandleni nasegunyeni lenkosi. Zaza zambuza, zisiti: Mfundisi! siyazi ukuba uyalungisa ukuteta nokufundisa; kanjalo akubuki isiqu samntu, koko ufundisa indlela KATIXO ngokwenyaniso: kufanelekile kuti ukunika umnikelo ku‐Kesare, akufanelekile, kusinina? Kodwa wanakana ubuqokolo bazo, wati kuzo: Yinina ukuba nindilinge? ndiboniseni idenari. Ngokabanina umfanekiso nesiba̔lwa inawo? Zapendula zati: Ngoka‐Kesare. Wayesiti kuzo: Nikelani kambe izinto zika‐Kesare kuye u‐Kesare, nezinto ZIKATIXO kuye UTIXO. Zakohlwa ke kukubamba amazwi ake ebusweni babantu: zaza zatela nqa impendulo yake, zati cwaka.
Kwaye kusiza kuye abatile bakubasadusi, abakanyelayo ukuba kuko uvuko, bambuza, besiti: Mfundisi! u‐Mosesi wasiba̔lela ukuti: Xeshekweni kufayo umkuluwe womntu, enomfazi, afe lowo engenabantwana, makati umninawe wake azeke umfazi wake, amvusele umkuluwe wake inzalo. Kekaloku bekuko abazalwana abasixe̔nxe: waza owokuqala wazeka umfazi, wafa engenabantwana. Waza owesibini wazeka umfazi wake, wati naló wafa engenabantwana. Waza owesitatu wamzeka; benje njalo kwa nabasixe̔nxe; abashiya bantwana ke, bafa nokufa. Wati emveni kwabo bonke wafa nomfazi. Ngako eluvukweni, uba ngumfazi wawupina kubo? ngokuba abasixe̔nxe bebenaye engumfazi. Waza wapendula wati kubo u‐Yesu: Usapo lwelilizwe likoyo luyazeka, luyendiswa kanjako; kodwa abo babalwa ngokuba befanele ukuzuza elolizwe lizayo, nokuvuka ekufeni, abazeki, abendiswa kanjako: ngokuba bengenako nokuba babuye bafe: ngokuba befana nengelosi; kanjalo balusapo LUKATIXO, belusapo lwaseluvukweni. Kodwa ukuba bayavuswa abafileyo, kuxelwe nangu‐Mosesi endaweni yetyolo, akuti UYEHOVA u NGUTIXO ka‐Abrahame, NOTIXO ka‐Yisake, NOTIXO ka‐Yakobi. Kekaloku aka NGUTIXO wabafileyo, ungowabahleliyo; ngokuba bonke behleli kuye. Baza bapendula abatile bakubaba̔li, bati: Mfundisi! ulungisile ukutsho. Baye bengabi senakukalipa kwokumbuza nto.